Izibhalo
Mozaya 27


Isahluko 27

UMozaya uyayala intshutshiso kwaye uwisela umthetho wokulingana—UAlma omncinane noonyana abane bakaMozaya bazama ukutshabalalisa iBandla—Ingelosi iyabonakala kwaye ibayalele ukuba bayiyeke indlela yabo embi—UAlma ubethwa abesisimumu—Lonke uluntu kufuneka luzalwe ngokutsha ukuze luzuze usindiso—UAlma noonyana bakaMozaya bavakalisa iindaba ezilungileyo. Malunga 100–92 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba iintshutshiso ezazibekwa ebandleni ngabangakholwayo zabankulu kakhulu kangangokuba ibandla laqalisa ukumbombozela, nokukhalaza kuzo iinkokeli zabo malunga nalo mba; kwaye baye bakhalaza kuAlma. Waza uAlma wayibeka imeko phambi kokumkani wabo, uMozaya. Waza uMozaya wabonisana nababingeleli bakhe.

2 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uMozaya wathumela isibhengezo kulo lonke ilizwe elingqongileyo sokokuba kungabikho nabani na ongakholwayo aotshutshisa nawuphi na ongowebandla likaThixo.

3 Kwaye kwabakho umyalelo ongqongqo kuwo onke amabandla wokokuba kungabikho zintshutshiso phakathi kwabo, wokokuba makubekho aukulingana phakathi kwabo bonke abantu;

4 Okokuba makungavunyelwa kratshi nabukhakhamela buphazamise auxolo lwabo; wokokuba wonke umntu bmakamthabathe ummelwane wakhe njengaye, besebenza ngezandla zabo ukuze bazixhase.

5 Ewe, kwaye bonke ababingeleli babo neetitshala bamele abasebenze ngezandla zabo ekuzixhaseni, kuzo zonke iimeko ngaphandle kokuba kuyagulwa, okanye kwimfuno engamandla; kwaye ngokwenza ezi zinto, baye banda belubabalweni lukaThixo.

6 Kwaye kwaqalisa ubukho boxolo olukhulu kwakhona elizweni; kwaye nabantu baqalisa ukuba baninzi kakhulu, kwaye baqalisa ukusasazeka ngaphandle phezu kobuso bomhlaba, ewe, ngasemantla nasemazantsi, ngasempuma nangasentshona, besakha izixeko ezikhulu needolophana kuzo zonke iimbombo zelizwe.

7 Kwaye iNkosi yaye yabavelela kwaye yabaphumelelisa, kwaye baba ngabantu abaninzi nabazizityebi.

8 Ngoku oonyana bakaMozaya babebalelwa phakathi kwabangakholwayo; kwa nomnye awoonyana baka-Alma wayebalelwa phakathi kwabo, yena ke ebizwa ngokuba nguAlma, ngoyise; nangona kunjalo, waba yindoda ekhohlakeleyo kakhulu kwaye bnenqula izithixo. Wayeyindoda eliciko, kwaye ethetha ngokunyhwalaza okukhulu ebantwini; ke ngoko wabakhokelela abantu abaninzi ekulandeleni uhlobo lwakhe lobugwenxa.

9 Kwaye waba sisithintelo esikhulu ekwandeni kwebandla likaThixo; aeziba iintliziyo zabantu; ebangela iimpikiswano ezininzi phakathi kwabantu; enika ithuba kulo utshaba lukaThixo ukuba lusebenzise igunya lalo phezu kwabo.

10 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba ngelixa awayehamba-hamba esiya kutshabalalisa ibandla likaThixo, kuba wayehamba-hamba ngasese kunye noonyana bakaMozaya ezama ukutshabalalisa ibandla, kwaye elahlekisa abantu beNkosi, ephikisa imiyalelo kaThixo, okanye nokumkani ngokwakhe—

11 Kwaye njengoko benditshilo kuni, ngeli lixa babehamba-hamba abevukela ngokuchasene noThixo, qaphelani, bingelosi yeNkosi cyabonakala kubo; kwaye yehla ngokungathi lilifu; kwaye yathetha ngokungathi lilizwi lendudumo, elathi lawubangela umhlaba ababemi phezu kwawo ukuba ushukume;

12 Kwaye baba nokukhwankqiseka okukhulu, kangangokuba bawa emhlabeni, kwaye abawaqonda amazwi eyathi yawathetha kubo.

13 Nangona kunjalo yadanduluka kwakhona, isithi: Alma, phakama kwaye ume ngaphambili, kuba kungani ukuba ulitshutshise ibandla likaThixo? Kuba iNkosi ithe: aEli libandla lam, kwaye ndiya kulizinzisa; kwaye akukho nanto iya kulibhukuqa, ngaphandle kokuba kube kukona kwabantu bam.

14 Kwaye kwakhona, ingelosi yathi: Qaphela, iNkosi iyivile aimithandazo yabantu bayo, kwaye nemithandazo yomkhonzi wayo, kanjalo uAlma, onguyihlo; kuba uthandaze ngokholo olukhulu malunga nawe ukuze ube nokuziswa kulwazi lwenyaniso; ke ngoko, kungesi sizathu ndizile ukuza kukuqinisekisa ngamandla negunya likaThixo, ukuze bimithandazo yabakhonzi bakhe ibe nokuphendulwa ngokokholo lwabo.

15 Kwaye ngoku qaphela, ungaphikisana namandla kaThixo? Kuba qaphela, ingaba ilizwi lam aliwushukumisanga na umhlaba? Kwaye ingaba akundiboni mna kanjalo phambi kwakho? Kwaye ndithunyelwe ndivela kuThixo.

16 Ngoku ndithi kuwe: Hamba, kwaye ukhumbule ubuthinjwa booyihlo elizweni laseHelam, kwaye naselizweni likaNifayi; kwaye ukhumbule nezinto ezinkulu athe wabenzela zona; kuba babesebukhobokeni, kwaye aubahlangule. Kwaye ngoku ndithi kuwe, Alma, hamba indlela yakho, kwaye ungazami ukulitshabalalisa ibandla kwakhona, ukuze imithandazo yabo ibe nokuphendulwa, kwaye ukwenze oku nokuba wena ngokwakho unqwenela ukuba ukhutshelwe ngaphandle.

17 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba la abengamazwi okugqibela athi athethwa yingelosi kuAlma, yaza yemka.

18 Kwaye ngoku uAlma nabo babenaye bawa kwakhona emhlabeni, kuba lalulukhulu ukhwankqiso lwabo; kuba ngamehlo abo bayibona ingelosi yeNkosi; kwaye nelizwi layo lalinje ngendudumo, eyathi yawushukumisa umhlaba; kwaye babesazi ukuba kwakungekho nanto ngaphandle kwamandla kaThixo awayenako ukuwushukumisa umhlaba kwaye iwubangele ukuba ungcangcazele ngokungathi ungohlukana kubini.

19 Kwaye ngoku ukhwankqiseko luka-Alma lwalulukhulu kangangokuba waba sisimumu, ukuze angabinako nokuwuvula umlomo wakhe; ewe, waba nokutyhafa, kangangokuba akazange abenako nokushukumisa izandla zakhe; ke ngoko wathatyathwa ngabo babenaye, waza wathwalwa engenakuzenzela nto, wada waya kubekwa phambi kukayise.

20 Kwaye bayichaza kuyise wakhe yonke into eyenzekayo kubo; waza uyise wagcoba, kuba wayesazi okokuba yayingamandla kaThixo.

21 Kwaye wenza okokuba isihlwele sihlanganiswe kunye ukuze sibe nokungqina oko iNkosi ithe yakwenzela unyana wakhe, kananjalo nabo babenaye.

22 Kwaye wenza okokuba ababingeleli baqokelelane kunye; kwaye baqalisa ukuzila ukutya, nokuthandaza kuyo iNkosi uThixo wabo ukuze awuvule umlomo ka-Alma, ukuze abenako ukuthetha, kananjalo nokokuba amalungu akhe abe nokufumana ukomelela kwawo—ukuze amehlo abantu abenako ukuvuleka abone kwaye bazi ngokulunga nozuko lukaThixo.

23 Kwaye kwenzekile emva kokuba bezile ukutya baza bathandaza kangangesithuba seentsuku ezimbini nobusuku obubini, amalungu ka-Alma akufumana ukomelela kwawo, waza waphakama wema kwaye waqalisa ukuthetha nabo, ebacela ukuba bathuthuzeleke:

24 Kuba, wathi, Ndiguqukile kuzo izono zam, kwaye andikhululwe yiNkosi; qaphelani ndizelwe ngokoMoya.

25 Yaza iNkosi yathi kum: Musa ukumangala ukuba lonke uluntu, ewe, amadoda nabafazi, zonke izizwe, izalamane, iilwimi nabantu, kufuneka abazalwe kwakhona; ewe, bazalwe ngokukaThixo, bbaguqulwe kwimo yabo cyenyama neyokuwa, babe kwimo yobulungisa, bengabakhululweyo nguThixo, babengoonyana neentombi zakhe;

26 Kwaye njalo baba zizidalwa ezitsha; kwaye ngaphandle kokuba bayakwenza oku, abanako anangayiphina indlela ukubulidla ilifa ubukumkani bukaThixo.

27 Ndithi kuni, ngaphandle kokuba kube kunjalo, kufuneka bakhutshelwe ngaphandle; kwaye oku ndiyakwazi, ngenxa yokuba ndandisele ndiza kukhutshelwa ngaphandle.

28 Nangona kunjalo, emva kokunyovula kwiinkxwalelo ezininzi, ndiguquka ndisondele ekufeni, iNkosi ngenceba ibone kunqweneleka ukuba indixhwile ndiphume aekuvutheni ngonaphakade, kwaye ndizalwe ngokukaThixo.

29 Umphefumlo wam ukhululwe kuyo inyongo yobukrakra namakhamandela obugwenxa. Ndandikweyona nzonzobila imnyama; kodwa ngoku ndibona ukukhanya okumangalisayo kukaThixo. Umphefumlo wam awawuthuthunjiswa yintuthumbo yanaphakade; kodwa ndixhwiliwe, kwaye nomphefumlo wam awusekho zintlungwini.

30 Ndamala uMkhululi wam, kwaye ndakukhanyela oko kwakuthethiwe ngoobawo; kodwa ngoku, ukuze babenako ukubona-ngenxengaphambili okokuba uya kuza, kwaye nokokuba uyazikhumbula zonke izidalwa zakhe azidalileyo, uya kuzibonakalisa kuzo zonke.

31 Ewe, aonke amadolo aya kugoba, kwaye zonke iilwimi zixele phambi kwakhe. Ewe, nangawo umhla wokugqibela, xa bonke abantu beya kuma ukuba bbagwetywe nguye, ngoko baya kuxela okokuba unguThixo; ngoko baya kuxela, abo bahleli cbengenaye uThixo ehlabathini, okokuba isigwebo sakhe sesohlwayo sanaphakade silungile phezu kwabo; kwaye baya kungcangcazela, kwaye bankwantye, kwaye arhwaqele ngaphantsi kokutshawuza dkweliso lakhe elibona konke.

32 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uAlma waqalisa ukususela ngelo xesha ukuya phambili ukufundisa abantu, kwaye abo babekunye noAlma ngelixa ingelosi ibonakala kubo, bahamba kuzo zonke iindawo kulo lonke ilizwe, bezivakalisa kubo bonke abantu izinto abathi baziva kwaye bazibona, kwaye beshumayela ilizwi likaThixo kwiinkxwaleko ezininzi, betshutshiswa kabuhlungu ngabo babengakholwa, bebethwa ngabaninzi babo.

33 Kodwa nangona zinjalo zonke ezi zinto baye banika intuthuzelo enkulu kulo ibandla, besomeleza ukholo lwabo, kwaye bebakhuthaza ngokuzeka kade umsindo kwaye nangemigudu enzima ukuba bayigcine imiyalelo kaThixo.

34 Kwaye abane kubo ababengoonyana bakaMozaya; kwaye amagama abo aye enguAmon, noAron, no-Omna, noHimnayi; la ngamagama oonyana bakaMozaya.

35 Kwaye bahamba kulo lonke ilizwe laseZarahemla, naphakathi kwabo bonke abantu ababephantsi kolawula lukakumkani uMozaya, bezama ngenzondelelo ukulungisa wonke umonakalo abathi bawenza ebandleni, bevuma zonke izono zabo, kwaye bevakalisa zonke izinto abazibonayo, kwaye becacisa iziprofetho nezibhalo kubo bonke ababenqwenela ukuziva.

36 Kwaye njalo babezizixhobo zokusebenza ezandleni zikaThixo ekuziseni abaninzi kulwazi lwenyaniso, ewe, kulwazi loMkhululi wabo.

37 Kwaye hayi ukusikeleleka kwabo! Kuba baye abavakalisa uxolo; baye bavakalisa biindaba ezilungileyo zokulunga; kwaye baye bavakalisa ebantwini ukuba iNkosi iyalawula.