Izibhalo
Mozaya 26


Isahluko 26

Amalungu amaninzi eBandla akhokelelwa esonweni ngabangengomakholwa—UAlma uthenjiswa ngobomi obungunaphakade—Abo bathi baguquke kwaye babhaptizwe bazuza uxolelo—Amalungu eBandla asesonweni aguqukayo kwaye azivume izono zawo kuAlma kwaye nakuyo iNkosi aya kuxolelwa; kungenjalo, akayi kubalelwa phakathi kwabantu beBandla. Malunga 120–100 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba babebaninzi abesizukulwana esisakhulayo ababengenako ukuwaqonda amazwi kakumkani uBhenjamin, kuba babengabantwana abancinane ngelixa awayethetha kubantu bakhe; kwaye babengakholelwa kuso isithethe sooyise.

2 Babengakukholelwa okwakuthethiwe ngokunxulumene novuko lwabafileyo, bengakholelwa nangokunxulumene nokuza kukaKrestu.

3 Kwaye ngoku ngenxa yokungakholwa kwabo babengenako aukuliqonda ilizwi likaThixo; kwaye iintliziyo zabo zaziqaqadekisiwe.

4 Kwaye babengafuni ukubhaptizwa; bengafuni nokuzibandakanya nebandla. Kwaye babengabantu abohlukileyo elukholweni lwabo, kwaye bahlala benjalo nasemva koko, nakuyo imo yabo ayenyama neyesono; kuba babengafuni ukuyibiza iNkosi uThixo wabo.

5 Kwaye ngoku kulawulo lukaMozaya babengesiso nesiqingatha ubuninzi abangakholwayo njengabantu bakaThixo; kodwa ngenxa ayeempikiswano phakathi kwabazalwana baba baninzi ngakumbi.

6 Kuba kwenzekile okokuba baye balahlekisa abaninzi ngamazwi abo anyhwalazayo, ababesebandleni, kwaye bababangela ukuba benze izono ezininzi; ke ngoko kwaba yimfuneko okokuba abo bathi benza isono, ababesebandleni, abolulekwe libandla.

7 Kwaye kwenzekile okokuba baziswa phambi kwababingeleli, kwaye banikezelwa kubabingeleli ngotitshala; baza ababingeleli babazisa phambi koAlma, aowayengumbingeleli omkhulu.

8 Ngoku ukumkani uMozaya wayenike uAlma igunya phezu kwebandla.

9 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma wayengazi amakakwenze ngokunxulumene nabo; kodwa kwakukho amangqina amaninzi ngokuchasene nabo; ewe, abantu baphakama kwaye bangqina ngobugwenxa babo ngobuninzi.

10 Ngoku kwakungazange kubekho nto injalo ngaphambili ebandleni; ke ngoko uAlma wakhathazeka emoyeni wakhe, kwaye wenza ukuba baziswe phambi kokumkani.

11 Kwaye wathi kuye ukumkani: Qaphela, naba abaninzi esibazise phambi kwakho, abatyholwa ngabazalwana babo; ewe, kwaye bafunyenwe besenza iintlobo ngeentlobo zobugwenxa. Kwaye abaguquki kubo ubugwenxa babo; ke ngoko sibazise phambi kwakho, ukuze ube nokubagweba ngokwamatyala abo.

12 Kodwa ukumkani uMozaya wathi kuAlma: Qaphela, andibagwebi; ke ngoko andibanikezela ezandleni zakho ukuba bagwetywe.

13 Kwaye ngoku umoya ka-Alma wakhathazeka kwakhona; kwaye wahamba waze wabuza eNkosini ukuba angenza ntoni na malunga nalo mba, kuba waba noloyiko lokuba hleze enze okuphosakeleyo emehlweni kaThixo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba ewuthulule umphefumlo wakhe wonke kuThixo, ilizwi leNkosi lafika kuye, lisithi:

15 Usikelelwe wena, Alma, kwaye basikelelwe abo babhaptizwa aemanzini aseMormoni. Usikelelekile ngenxa byokholo lwakho olugqithileyo kumazwi kuphela esicaka sam uAbhinadayi.

16 Kwaye basikelelekile nabo ngenxa yokholo lwabo olugqithileyo kumazwi kuphela othe wawathetha kubo.

17 Kwaye usikelelwe wena ngenxa yokuba umise aibandla phakathi kwaba bantu; kwaye baya kuzinziswa, kwaye baya kuba ngabantu bam.

18 Ewe, basikelelekile aba bantu bavumayo ukubizwa angegama lam; kuba baya kubizwa ngegama lam; kwaye banga bam.

19 Kwaye ngenxa yokuba undibuzile malunga nomoni, usikelelekile.

20 Wena usisicaka sam; kwaye ndenza umnqophiso nawe wokuba uya kubufumana aubomi obungunaphakade; kwaye uya kundisebenzela kwaye ubheke phambili egameni lam, kwaye uya kuhlanganisa kunye izimvu zam.

21 Kwaye lowo uya kuliphulaphula ilizwi lam uya kuba ayimvu yam; kwaye lowo uya kwamkelwa kulo ibandla, kwaye lowo ndiya kumamkela kanjalo.

22 Kuba qaphela, eli libandla lam; nabani na aobhaptizwayo uya kubhaptizelwa enguqukweni. Kwaye nabani na oya kuthi umamkele uya kukholelwa egameni lam; kwaye yena ndiya bkumxolela ngokukhululekileyo.

23 Kuba ndim aothabathela kum izono zehlabathi; kuba ndim bobadalileyo; kwaye ndim onika kulowo ukholwayo kude kube sekupheleni nendawo esandleni sam sokunene.

24 Kuba qaphela, ngegama lam baya bizwa; kwaye ukuba abayandazi baya kuza ngaphambili, kwaye baya kufumana indawo ngonaphakade esandleni sam sokunene.

25 Kwaye kuya kwenzeka okokuba xa aixilongo lesibini liya kukhala ke abo bangazange bbandazi baya kuza ngaphambili kwaye baya kuma phambi kwam.

26 Kwaye ke baya kundazi ukuba ndiyiNkosi uThixo wabo, ukuba ndinguMkhululi wabo; kodwa abasayi kukhululwa.

27 Kwaye ke ndiya kubazisa okokuba andizange andabazi; kwaye baya bkumka baye ckumlilo wanaphakade olungiselelwe umtyholi neengelosi zakhe.

28 Ke ngoko ndithi kuni, lowo ongayi akuliphulaphula ilizwi lam, onjalo aniyi kumamkela kulo ibandla lam, kuba yena andiyi kumamkela ngomhla wokugqibela.

29 Ke ngoko ndithi kuwe, Hamba; kwaye nabanina othi one ngokuchasene nam, lowo uya akumgweba bngokwezono azenzileyo; kwaye ukuba cuyazivuma izono zakhe phambi kwakho nakum, kwaye daguquke ngentliziyo yakhe enyanisekileyo, lowo uya ekumxolela, kwaye nam ndiya kumxolela kanjalo.

30 Ewe, kwaye angalo lonke ixesha abantu bam bbeguquka ndiya kubaxolela iziphoso zabo ngokuchasene nam.

31 Kananjalo niya akuxolelana omnye nomnye iziphoso zenu; kuba inene ndithi kuni, lowo ungamxoleliyo ummelwane wakhe iziphoso zakhe xa esithi uyaguquka, lowo uzizisela ukugwetywa.

32 Ngoku ndithi kuwe, Hamba; nabani na onjalo ongayi kuguquka ezonweni zakhe akayi kubalelwa phakathi kwabantu bam; kwaye oku kuya kuqwalaselwa ukususela ngeli lixa ukuya phambili.

33 Kwaye kwenzekile akuba uAlma ewavile la mazwi wawabhala phantsi ukuze abenawo, nokuze abenako ukubagweba abantu belo bandla ngokwemiyalelo kaThixo.

34 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma wahamba waza wabagweba abo bafunyanwa besenza ubugwenxa, ngokwelizwi leNkosi.

35 Kwaye nobanina abaguqukayo ezonweni zabo baza abazivuma, abo waye wababalela phakathi kwabantu bebandla;

36 Kwaye abo babengazivumi izono zabo kwaye baguquke kubugwenxa babo, abo abazange babalelwe phakathi kwabantu bebandla, kwaye amagama abo aacinywa.

37 Kwaye kwenzekile okokuba uAlma waye wayilawula yonke imicimbi yebandla; waza baqalisa kwakhona ukuba noxolo nokuphumelela ngokugqithisileyo kuyo imicimbi yebandla, behamba ngobulumko phambi koThixo, besamkela abaninzi, kwaye bebhaptiza abaninzi.

38 Kwaye ngoku zonke ezi zinto uAlma nabalingane bakhe emsebenzini ababelawula phezu kwebandla bazenza, behamba ngayo yonke inkuthalo, befundisa ilizwi likaThixo kuzo zonke izinto, bebandezeleka ngazo zonke iintlobo zeembandezelo, betshutshiswa ngabo bonke abo babengengabo abebandla likaThixo.

39 Kwaye baye babaluleka abazalwana babo; kwaye nabo abalulekwa kanjalo, wonke umntu ngelizwi likaThixo, ngokwezono zakhe, okanye ngokwezono athe wazenza, beyalelwa nguThixo ukuba bbathandaze bangayeki, kwaye nokokuba banike cimibulelo kuzo zonke izinto.