Izibhalo
Mozaya 25


Ingxelo ka-Alma nabantu beNkosi, ababeqhutyelwe entlango ngabantu bakaKumkani uNowa.

Iquka izahluko 23 nesa 24.

Isahluko 25

Inzala kaMyuleki eZarahemla yaba ngamaNifayithi—Yafumana ulwazi ngabantu baka-Alma nangoZenif—UAlma ubhaptiza uLimhayi nabo bonke abantu bakhe—UMozaya ugunyazisa uAlma ukuba amisele ibandla likaThixo. Malunga 120 P.K.

1 Kwaye ngoku ukumkani uMozaya wenza okokuba bonke abantu bahlanganisane kunye.

2 Ngoku babengebaninzi kangako abangabantwana bakaNifayi, okanye bengebaninzi kangako abo babeyinzala kaNifayi, njengokuba babenjalo aabantu bakaZarahemla, owayeyinzala bkaMyuleki, kwaye nabo babeze naye entlango.

3 Kwaye babengebaninzi kangako abangabantu bakaNifayi nabangabantu bakaZarahemla njengoko babenjalo abamaLeymenayithi; ewe, babengesiso nesiqingatha sobuninzi bawo.

4 Kwaye ngoku bonke abantu bakaNifayi babehlanganisene kunye, kananjalo nabo bonke abantu bakaZarahemla, kwaye babehlanganisene kunye bengamaqela amabini.

5 Kwaye kwenzekile okokuba uMozaya waye wafunda, kwaye wenza okokuba kufundwe, iimbali zikaZenif kubantu bakhe; ewe, wazifunda iimbali zabantu bakaZenif, ukususela kwilixa abathi balishiya ilizwe laseZarahemla bade babuya kwakhona.

6 Kanjalo wafunda ingxelo ka-Alma nabazalwana babo, nazo zonke iimbandezelo zabo, ukususela kwilixa ababelishiya ilizwe laseZarahemla kwade kwaba lilixa abathi babuyela kwakhona.

7 Kwaye ngoku, akuba uMozaya ephezile ukufunda iimbali, abantu bakhe ababesele elizweni baba nokumangaliseka nokukhwankqiseka.

8 Kuba bengakwazi emabakucinge; kuba xa babebona abo babehlangulwe abaphuma ebukhobokeni baye bazaliswa luvuyo olugqithisileyo.

9 Kwaye kwakhona, xa babecinga ngabazalwana babo ababulawa ngamaLeymenayithi bazaliswa lusizi, kwaye bade baphalaza iinyembezi ezininzi zosizi.

10 Kwaye kwakhona, xa babecinga ngokulunga okukhawulezayo kukaThixo, namandla akhe ekuhlanguleni uAlma nabazalwana bakhe baphuma ezandleni zamaLeymenayithi nasebukhobokeni, baye bawaphakamisa amazwi abo kwaye banikela imibulelo kuThixo.

11 Kwaye kwakhona, xa babecinga ngamaLeymenayithi, awaye ngabazalwana babo, ngemo yabo yesono neyokudyobheka, bazaliswa ayintlungu nentuthumbo ngentlalontle byemiphefumlo yabo.

12 Kwaye kwenzekile okokuba abo babengabantwana baka-Amyuloni nabazalwana bakhe, ababethabathe iintombi zamaLeymenayithi ukuba zibe ngabafazi, babengakholisekanga yindlela yokuziphatha kwabo ooyise, kwaye ababi safuna ukuzibiza ngamagama ooyise, ke ngoko bazithabathela igama likaNifayi, ukuze babe nokubizwa ngokuba ngabantwana bakaNifayi kwaye babalelwe phakathi kwabo babebizwa ngokuba ngamaNifayithi.

13 Kwaye ngoku bonke abantu baseZarahemla ababebalwa namaNifayithi, kwaye oku kungenxa yokuba ubukumkani babunganikwa namnye ngaphandle kwabo babeyinzala kaNifayi.

14 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uMozaya ephezile ukuthetha nokubafundela abantu, wanqwenela ukuba uAlma naye athethe nabantu.

15 Kwaye uAlma waye wathetha nabo, bakuba behlanganisene kunye bengamaqela amakhulu, kwaye wasuka kwelinye iqela waya kwelinye, eshumayela ebantwini inguquko nokholo eNkosini.

16 Kwaye waye wabayala abantu bakaLimhayi nabazalwana bakhe, bonke aba babekhululwe baphuma ebukhobokeni, ukuba bakhumbule okokuba yayiyiNkosi eyabakhululayo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba uAlma ebafundisile abantu izinto ezininzi, kwaye ephezile ukuthetha nabo, ukumkani uLimhayi wanqwenela ukuba abe nokubhaptizwa; kwaye bonke abantu bakhe banqwenela ukuba bangabhaptizwa nabo.

18 Ke ngoko, uAlma waye wabheka phambili emanzini kwaye awababhaptiza; ewe, waye wababhaptiza ngohlobo awenza ngalo kubazalwana bakhe bemanzini aseMormoni; ewe, kwaye ngokobuninzi babo awathi wababhaptiza baye baba ngabebandla likaThixo; kwaye oku kungenxa yenkolo yabo kumazwi ka-Alma.

19 Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uMozaya wamvumela uAlma ukuba abenako ukumisa amabandla kulo lonke ilizwe laseZarahemla; waza wamnika aigunya lokuba abeke ababingeleli nootitshala phezu kwebandla ngalinye.

20 Ke ngoko oku kwenziwa ngenxa yokuba babebaninzi kakhulu abantu kangangokuba babengenako ukulawulwa ngutitshala omnye; bengenako ukuliva bonke ilizwi likaThixo kwindibano enye;

21 Ke ngoko baye bahlanganisana kunye ngamaqela ahlukeneyo, awayebizwa ngokuba ngamabandla; ibandla ngalinye linababingeleli balo nootitshala balo, kwaye umbingeleli ngamnye eshumayela ilizwi ngokwendlela elalithethwe ngayo kuye ngomlomo ka-Alma.

22 Kwaye njalo, nangona kwakukho amabandla amaninzi onke aayelibandla elinye, ewe, kwanalo ibandla likaThixo; kuba kwaye kungekho nto yayishunyayelwa kuwo onke amabandla ngaphandle kokuba ibe yinguquko nokholo kuThixo.

23 Kwaye ngoku kwaye kukho amabandla asixhenxe elizweni laseZarahemla. Kwaye kwenzekile okokuba nobanina ababenqwenela ukuthabathela kubo aigama likaKrestu, okanye likaThixo, baye bazibandakanya namabandla kaThixo;

24 Kwaye babizwa ngokuba abangabantu bakaThixo. Kwaye neNkosi yaye yawuthulula uMoya wayo phezu kwabo, baze basikeleleka, kwaye baphumelela elizweni.