Izibhalo
Mozaya 16


Isahluko 16

UThixo uya bakhulula abantu kuyo imo yabo yokulahleka neyokuwa—Abo banga benyama bahlala ngokungathi akuzange kubekho nkululeko—UKrestu ubangela ukuvukela kubomi obungenasiphelo okanye kwisigwebo esingenasiphelo. Malunga 148 P.K.

1 Kwaye ngoku, kwenzekile okokuba emva kokuba uAbhinadayi ewathethile la mazwi wasolula isandla sakhe waza wathi: Ilixa liya kufika xa bonke beya kulubona ausindiso lweNkosi; xa sukuba sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu beya kubona ngasonye kwaye baya bkuvuma phambi koThixo okokuba izigwebo zakhe zibubulungisa.

2 Kwaye ke abakhohlakeleyo baya akuphoselwa ngaphandle, kwaye baya kuba nesizathu sokwenza isijwili, kwaye bbalile, kwaye benze isikhalo, kwaye batshixizise amazinyo abo; kwaye oku kungenxa yokuba babengaliphulaphuli ilizwi leNkosi; ke ngoko iNkosi ayiyi kubakhulula.

3 Kuba abangabenyama kwaye babumtyholi, kwaye bumtyholi unamandla phezu kwabo; ewe, kwanayo loo nyoka yakudala eya clukuhla abazali bethu bokuqala, eyayingunobangela dwokuwa kwabo; eyayingunobangela wokuba lonke uluntu lube lolwenyama, lwemvelo, lubebumtyholi, elukwazi okubi kokulungileyo, luzinikele kulawulo lomtyholi.

4 Njalo ke uluntu lonke alulahlekile; kwaye qaphelani, beluya kulahleka ngokungenasiphelo ukuba uThixo ebengabakhululanga abantu bakhe kwimo yabo yokulahleka nokuwa.

5 Kodwa khumbulani okokuba lowo uphikele ukwenze ngokwendalo yakhe ayasenyameni, kwaye aqhubeke ezindleleni zakhe zesono nemvukelo ngokuchasene noThixo, uhlala ekwimo yakhe yokuwa kwaye umtyholi unawo onke amandla phezu kwakhe. Ke ngoko ufana nokungathi akuzange kubekho bnkululeko yenziwayo, kuba ulutshaba kuThixo; kananjalo nomtyholi ulutshaba kuThixo.

6 Kwaye ngoku ukuba uKrestu ebengezanga ehlabathini, ethetha ngezinto ezisezayo angokungathi sele zifikile, bekungayi kubakho nkululeko.

7 Kwaye ukuba uKrestu ebengavukanga kwelabafileyo, okanye ebengawaqhawulanga amakhamandela okufa ukuze ingcwaba lingabi analoyiso, kwaye nokokuba ukufa kungabi nalwamvila, bekungayi kubakho luvuko.

8 Kodwa lukhona auvuko, ke ngoko ingcwaba alinaloyiso, kwaye nolwamvila blokufa luginyelwe kuye uKrestu.

9 aUkukukhanya nobomi behlabathi; ewe, ukukhanya okungenasiphelo, okungasoze kube mnyama; ewe, kananjalo nobomi obungenasiphelo, ukuze kungabi sabuya kubekho kufa.

10 Kwanako oku kufayo kuya kwambatha aukungafi, kwaye noku konakalayo kuya kwambatha ukungonakali, kwaye baya kuziswa ukuze bbame phambi kwenkundla yokugweba kaThixo, ukuba cabagwebe ngokunxulumene nemisebenzi yabo nokuba mihle okanye nokuba mibi—

11 Ukuba ke mihle, bavukele akubomi obungenasiphelo nolonwabo; kwaye ukuba mibi, bavukela bkwisigwebo esingenasiphelo, benikezelwa kumtyholi, obebalawula, unikezelo olusisigwebo—

12 Babehambe ngokwentando yabo yasenyameni neminqweno; babengazange bamemeza eNkosini ngelixa iingalo zenceba zazolulelwe kubo; kuba iingalo azenceba zazozolulelwe kubo, kwaye abufunanga; belunyukisiwe ngobugwenxa babo kodwa ke abazange babushiye; kwaye babeyalelwe ukuba baguquke kodwa ke abazange baguquke.

13 Kwaye ngoku, animele ningcangcazele nize niguquke kwizono zenu, nize nikhumbule okokuba kukuye kwaye kungaye uKrestu kuphela ukuba ningasindiswa?

14 Ke ngoko, ukuba nifundisa aumthetho kaMoses, fundisani kanjalo okokuba usisithunzi sezo zinto zisezayo—

15 Bafundiseni okokuba inkululeko iza ngaye uKrestu iNkosi, onguye owokwenene auBawo waNaphakade. Amen.