Izibhalo
Mormoni 8


Isahluko 8

AmaLeymenayithi azingela aze atshabalalise amaNifayithi—INcwadi kaMormoni iya kuza ngaphambili ngamandla kaThixo—Iziqalekiso ziyavakaliswa phezu kwabo bafutha umsindo nengxabano ngokuchasene nomsebenzi weNkosi—Imbali yamaNifayithi iya kuza ngaphambili ngomhla wenkohlakalo, ukuwa, nokreqo. Malunga E.K. 400–421.

1 Qaphelani mna, aMoronayi, ndiya yigqibezela bimbali kabawo, uMormoni. Qaphelani, ndinezinto nje ezimbalwa zokuba ndizibhale, izinto ezo endiziyalelwe ngubawo.

2 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva akwedabi elikhulu nelikhwankqisayo eKhumora, qaphelani, amaNifayithi abalekele kulo ilizwe elisemazantsi ezingelwa bngamaLeymenayithi, ada onke atshatyalaliswa.

3 Nobawo kanjalo wabulawa ngawo, kwaye mna ndikwasele andedwa ukuba ndibhale ibali elilusizi lokutshatyalaliswa kwabantu bam. Kodwa qaphelani, bemkile, kwaye mna ndizalisekisa umyalelo kabawo. Kwaye nokokuba baya kundibulala, andazi.

4 Ke ngoko ndiza kuzibhala kwaye ndizifihle iimbali emhlabeni; kwaye nokuba ndiyephi na akunamsebenzi.

5 Qaphelani, ubawo uyenzile ale mbali, kwaye uyibhalile nenjongo yayo. Kwaye qaphelani, bendiya kuyibhala kanjalo ukuba bendinayo indawo phezu bkwamacwecwe, kodwa andinayo; nesinyithi esikrwada andinaso, kuba ndindodwa. Ubawo ubulewe edabini, nazo zonke izizalwana zam, kwaye andinazihlobo nandawo yakuya kuyo; kwaye ukuba kuya kuba kangakanani na iNkosi iya kundivumela ukuba ndiphile andazi.

6 Qaphelani, aamakhulu amane eminyaka adlule ukususela ekuzeni kweNkosi yethu noMsindisi.

7 Kwaye qaphelani, amaLeymenayithi abazingele abantu bam, amaNifayithi, ukuhla ukusuka kwisixeko ukuya kwisixeko nokusuka kwindawo ukuya kwindawo, kwanokude babe abasekho; kwaye kwaba kukhulu aukuwa kwabo; ewe, inkulu kwaye iyamangalisa intshabalalo yabantu bam, amaNifayithi.

8 Kwaye qaphelani, sisandla seNkosi esiyenzileyo. Kwaye qaphelani kanjalo, amaLeymenayithi aasemfazweni omnye kunye nomnye; kwaye bonke ubuso beli lizwe bungumjikelo omnye oqhubekayo wokubulala nempalalo-gazi; kwaye akukho usaziyo isiphelo semfazwe.

9 Kwaye ngoku, qaphelani, andiphindi ndithethe malunga nabo, kuba akukho bani ngaphandle kokuba kube ngamaLeymenayithi anabaphangi abakhoyo phezu kobuso belizwe.

10 Kwaye akukho nawuphina owaziyo ngoThixo wokwenene ngaphandle kokuba kube angabafundi bakaYesu, abaye basala elizweni yada inkohlakalo yabantu yabankulu kakhulu kangangokuba iNkosi ayizange ibavumele ukuba bbahlale kunye nabantu; kwaye nokuba baphina phezu kobuso belizwe akukho mntu waziyo.

11 Kodwa qaphelani, aubawo kunye nam sibabonile, kwaye basilungiselele.

12 Kwaye nabani na oyamkelayo le mbali, kwaye engayi kuyigweba ngenxa yeziphene ezikuyo, kwayena lowo uyakwazi angezinto ezinkulu ngaphezulu kunezi. Qaphelani, mna ndinguMoronayi; kwaye ukuba bekunokwenzeka, bendingazenza zonke izinto zazeke kuni.

13 Qaphelani, ndiyapheza ukuthetha ngokunxulumene naba bantu. Ndingunyana kaMormoni, kwaye ubawo waye aeyinzala kaNifayi.

14 Kwaye ndikwanguye aofihlela le mbali eNkosini; amacwecwe ayo awanalo ixabiso, ngenxa yomyalelo weNkosi. Kuba ngokwenene utsho ukuthi akukho bani oya kuwafumanela bukuba azuze ingeniso; kodwa imbali yawo yeyexabiso elikhulu; kwaye nabani na oya kuyizisa ekukhanyeni, yena iNkosi iya kumsikelela.

15 Kuba akukho bani onokuba namandla okuyizisa ekukhanyeni ngaphandle kokuba awanikwe nguThixo; kuba uThixo unqwenela okokuba iya kwenziwa angeliso elingenakumbi kuphela kuzuko lwakhe, okanye intlalo-ntle yabo bamandulo nabasasazwa kudala abantu bomnqophiso weNkosi.

16 Kwaye makasikelelwe alowo uya kuzisa le nto ekukhanyeni; kuba iya bkukhutshwa ebumnyameni iziswe ekukhanyeni, ngokwelizwi likaThixo; ewe, iya kukhutshwa emhlabeni, kwaye iya kukhanyisa iphuma ebumnyameni, kwaye ize kulwazi lwabantu; kwaye iya kwenziwa ngamandla kaThixo.

17 Kwaye ukuba kukho aiziphene ziya kuba ziziphene zomntu. Kodwa qaphelani, asazi siphene; nangona kunjalo uThixo wazi zonke izinto; ke ngoko, lowo bugwebayo, makaqonde hleze abe uya kuba sengozini yomlilo wesihogo.

18 Kwaye lowo uthi: Ndibonise, okanye uya kubethwa—makalumke hleze ayalele oko kwalelweyo yiNkosi.

19 Kuba qaphelani, kwayena lowo augweba ngobutyhuthu-tyhuthu uya kugwetywa ngobutyhuthu-tyhuthu kwakhona; kuba ngokwemisebenzi yakhe umvuzo wakhe uya kuba njalo; ke ngoko, lowo ubethayo uya kubethwa kwakhona, yiNkosi.

20 Qaphela oko izibhalo zikutshoyo—umntu akasayi kubetha, engasayi kugweba; kuba umgwebo ngowam, itsho iNkosi, nempindezelo kanjalo yeyam, kwaye ndiya kubuyekeza.

21 Kwaye lowo uya kufutha umsindo neengxabano ngokuchasene nomsebenzi weNkosi, nangokuchasene nabantu bomnqophiso weNkosi abayindlu kaSirayeli, kwaye eya kuthi: Siya kuwutshabalalisa umsebenzi weNkosi, kwaye iNkosi ayisayi kuwukhumbula umnqophiso ewenzileyo kuyo indlu kaSirayeli—kwayena lowo usengozini yokugawulelwa phantsi aze aphoswe emlilweni.

22 Kuba aiinjongo zanaphakade zeNkosi ziya kuqhubekela phambili, kude kube zonke izithembiso zayo ziya kuzalisekiswa.

23 Ziphengululeni iziprofetho azikaIsaya. Qaphelani, mna andinako ukuzibhala. Ewe, qaphelani nditsho kuni, ukuthi abo bangcwele abahambileyo ngaphambi kwam, ababelilawula eli lizwe, baya bkukhala, ewe, kwanaseluthulini baya kukhala eNkosini, kwaye njengoko iNkosi iphila iya kuwukhumbula umnqophiso eyathi yawenza kunye nabo.

24 Kwaye iyayazi aimithandazo yabo, okokuba yayingenxa yabazalwana babo. Kwaye iyalwazi ukholo lwabo, kuba egameni lakhe babenako ukushenxisa biintaba; kwaye egameni lakhe babenako ukuwubangela umhlaba ukuba unyikime; kwaye ngamandla elizwi layo baye bazibangela ciintolongo ukuba zidilikele emhlabeni; ewe, kwanalo iziko elivuthayo lalingenako ukubonzakalisa, nazilo zasendle nanyoka zinobuhlungu, ngenxa yamandla elizwi layo.

25 Kwaye qaphelani, aimithandazo yabo kanjalo yayingenxa yakhe lowo iNkosi iya kuthi imvumele ukuba azise ezi zinto ngaphambili.

26 Kwaye akukho namnyei onokuthi azisayi kuza, kuba ngokuqinisekileyo ziya kuza, kuba iNkosi ikuthethile; kuba aziphuma emhlabeni ziya kuza, ngesandla seNkosi, kwaye akukho bani unako ukukuithintela; kwaye iya kuza ngomhla ekuya kuba kusitshiwo ukuthi bimimangaliso iphelisiwe; kwaye iya kuza kwanokungathi ubani angathetha cekwabafileyo.

27 Kwaye iya kuza ngomhla xa sukuba aigazi labangcwele liya kukhala kuyo iNkosi, ngenxa byamayelenqe afihlakeleyo nemisebenzi yobumnyama.

28 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba amandla kaThixo eya kukhanyelwa, anamabandla esuke onakaliswa kwaye aphakamele kwikratshi lentliziyo zawo; ewe, kwanangomhla eziya kuba iinkokeli zamabandla nootishala ziya kuphakama ngekratshi leentliziyo zazo, kwanasekumoneleni abo bangabamabandla azo.

29 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba akuya kuvakala ngemililo, noqhwithela, bnemiphunga yomsi emazweni asemzini;

30 Kananjalo kuya kuvakala angeemfazwe, amarhe eemfazwe, neenyikima kwiindawo ezahlukeneyo.

31 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba kuya kubakho ukungcola okukhulu phezu kobuso bomhlaba; kuya kubakho ukubulala, nokuphanga, nokuxoka, neenkohliso, nohenyuzo, kwanalo lonke uhlobo lwamasikizi; xa sukuba kuya kubakho abaninzi abaya kuthi: Yenza oku, okanye yenza okuya, kwaye aakunamsebenzi, kuba iNkosi iya bkubaxhasa abanjalo ngomhla wokugqibela. Kodwa yeha kwabanjalo, kuba cbakwinyongo yobukrakra nakumakhamandela obugwenxa.

32 Ewe, iya kuza ngomhla xa sukuba kuya kubakho amabandla akhiweyo aya kuthi: Yizani kum, kwaye ngemali yakho uya kuxolelwa izono zakho.

33 Owu nina bakhohlakeleyo nabagqwethekileyo nabantu abantamo zilukhuni, kungani ukuba nizakhele amabandla ukuba nizuze aingeniso? Kungani bniliguqule ilizwi elingcwele likaThixo, ukuze nibe nokuzisa cisigwebo phezu kwemiphefumlo yenu? Qaphelani, khangelani kuzo izityhilelo zikaThixo; kuba qaphelani, ilixa liyeza ngaloo mhla xa sukuba zonke ezi zinto kufuneka zizalisekisiwe.

34 Qaphelani, iNkosi indibonise ezinkulu nezimangalisayo izinto malunga noko kufuneka kwakufutshane kuzile, ngaloo mhla xa sukuba ezi zinto ziya kuza ngaphambili phakathi kwenu.

35 Qaphelani, ndithetha nani ngokungathi nikhona, kanti ke anikho. Kodwa qaphelani, uYesu Krestu unibonisile kum, kwaye ndiyazazi izenzo zenu.

36 Kwaye ndiyazi okokuba nithi anihambe ngekratshi leentliziyo zenu; kwaye akukho namnye ngaphandle nje kwabambalwa babangaziphakamiseli kwikratshi leentliziyo zabo, ngokunxiba cizivatho ezisulungekileyo, ngoomona, neengxabano, nenzondo, neentshutshiso, kwanalo lonke uhlobo lobugwenxa; kwaye amabandla enu, ewe, kwanawo onke, asuke onakala ngenxa yekratshi leentliziyo zenu.

37 Kuba qaphelani, nithi nithande aimali, nezinto zenu, nezivatho zenu ezisulungekileyo, nokuhombisa izindlu zenu zokukhonzela, ngaphezulu kunokuba nithanda amahlwempu nabasweleyo, abagulayo nababandezelekileyo.

38 Owu nina bangcolileyo, nina bahana-hanisi, nina zititshala, abazithengisela oko kuya kudliwa ngumhlwa, kungani na nilingcolisile ibandla elingcwele likaThixo? Kungani na ukuba nibe aneentloni ukuthabathela kuni igama likaKrestu? Kungani na ningacingi okokuba likhulu ngaphezulu ixabiso lolonwabo olungenasiphelo kunaloo bnkxwaleko engaze ife—kungenxa cyodumo lwehlabathi?

39 Kungani nizihombisa ngoko kungenabo ubomi, kanti ke niyekele abalambileyo, nabasweleyo, nabaze, nabagulayo nababandezelekileyo ukuba badlule ngakuni, nize ningabaniki ngqalelo?

40 Ewe, kungani na nizakhela aamasikizi enu afihlakeleyo ukuze nizuze ingeniso, nize nibangele okokuba abahlolokazi mababelusizi phambi kweNkosi, kananjalo neenkedama ukuba zibelusizi phambi kweNkosi, kananjalo negazi looyise nabayeni babo ukuba bakhale kuyo iNkosi ukusuka emhlabeni, ngempindezelo phezu kweentloko zenu?

41 Qaphelani, ikrele lempindezelo lilengalenga phezu kwenu; kwaye ilixa kwakamsinyane liyeza lokokuba aaliphindezele igazi labangcwele phezu kwenu, kuba akasayi kube aphinde azinyamezele izikhalo zabo.