Izibhalo
Mormoni 3


Isahluko 3

UMormoni udanduluka inguquko kuwo amaNifayithi—Azuza uloyiso olukhulu aze azizukise ngokomelela kwawo—UMormoni uyala ukuwakhokela, kwaye imithandazo yakhe ngabo ayinakholo—INcwadi kaMormoni imema izizwe ezilishumi elinambini zikaSirayeli ukuba zikholelwe kuyo ivangeli. Malunga E.K. 360–362.

1 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi awazange eze ukuba alwe idabi kwakhona yada iminyaka elishumi nangaphezulu yathi yadlula. Kwaye qaphelani, mna ndibasebenzisile abantu bam, amaNifayithi, ekulungiseni imihlaba yabo nezikhali zabo ekulungiseleleni ilixa lokulwa idabi.

2 Kwaye kwenzekile ukuba iNkosi ithi kum: Danduluka kubo aba bantu—Guqukani, kwaye nize kum, kwaye nibhaptizwe, nize nilakhe kwakhona ibandla lam, naye niya kusinda.

3 Kwaye mna ndaye ndadandaluka kubo aba bantu, kodwa kwaba lilize; kwaye abazange baqonde okokuba yaye iyiNkosi leyo yayibasindisile, yaza yabanika nethuba lenguquko. Kwaye qaphelani baye baziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene neNkosi uThixo wabo.

4 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba lo nyaka weshumi udlule, usenza, xa iyonke, engamakhulu amathathu anamashumi amathandathu iminyaka ukususela ekuzeni kukaKrestu, ukumkani wamaLeymenayithi wathumela incwadi kum, eyayindazisa okokuba ayelungiselela ukuza kwakhona ukuba alwe idabi ngokuchasene nathi.

5 Kwaye kwenzekile okokuba mna ndaye ndabenza abantu bam okokuba mabazihlanganise kunye kulo ilizwe iNkangala, kwisixeko esaye sisemideni, ngakwindlela emxinwa eyayikhokelela kwilizwe elisemazantsi.

6 Kwaye apho saye sayimisa imikhosi yethu, ukuze sibe nokuyinqanda imikhosi yamaLeymenayithi, ukuze ingabinako ukufumana ulawulo lwemihlaba yethu; ke ngoko saye sanqabisa ngokuchasene nawo ngawo wonke umkhosi wethu.

7 Kwaye kwenzekile okokuba kowamakhulu amathathu anamashumi amathandathu ananye unyaka amaLeymenayithi aye ehlela ezantsi kuso isixeko iNkangala ukuba alwe idabi ngokuchasene nathi; kwaye kwenzekile okokuba ngawo loo nyaka saye sawoyisa, kangangokuba aye abuyela kwawawo amazwe kwakhona.

8 Kwaye kowamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesibini unyaka aye ehlela ezantsi kwakhona ukuba alwe idabi. Kwaye saye sawoyisa kwakhona, kwaye saye sabulala inani elikhulu lawo, baza abafileyo bawo baphoswa elwandle.

9 Kwaye ngoku, ngenxa yale nto inkulu abathe abantu bam, amaNifayithi, athi ayenza, baqalisa aukuzigwagwisa ngokomelela kwabo, baza baqalisa ukufunga phambi kwamazulu okokuba baya kuziphindezela ngegazi labazalwana babo ababebulewe ziintshaba zabo.

10 Kwaye baye bafunga ngamazulu, kananjalo nangetrone kaThixo, okokuba baya akunyukela phezulu ukuya kulwa idabi ngokuchasene neentshaba zabo, kwaye baya kuzisikela ngaphandle zisuke kubuso belizwe.

11 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Mormoni, ndize ndale kwaphela ukususela ngeli lixa ukubheka phambili ukuba ngumphathi nenkokeli yesi sizwe, ngenxa yenkohlakalo namasikizi aso.

12 Qaphelani, mna ndandibakhokele, nangona benenkohlakalo ndandibakhokele amaxesha amaninzi edabini, kwaye ndibathanda, angokothando lukaThixo olwaye lukum, ngentliziyo yam yonke; kwaye umphefumlo wam ndawuthululela emthandazweni kuye uThixo wam ebudeni bemini yonke ngenxa yabo; nangona kunjalo, bwawungena lukholo, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo.

13 Kwaye kathathu ndibahlangule baphuma ezandleni zeentshaba zabo, kwaye abaguqukanga ezonweni zabo.

14 Kwaye xa babefunga ngako konke aababekwalelwe yiNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu, okokuba baza kunyuka baye kuzo iintshaba zabo ukuya kulwa idabi, baze baziphindezele ngegazi labazalwana babo, qaphelani izwi leNkosi lafika kum, lisithi:

15 aImpindezelo yeyam, kwaye mna ndiya bkubuyekeza; kwaye ngenxa yokuba aba bantu bengaguquki emva kokuba ndibahlangule, qaphelani, baya kusikelwa ngaphandle basuke phezu kobuso bomhlaba.

16 Kwaye kwenzekile okokuba ndala kwaphela ukunyuka ngokuchasene neentshaba zam, ndaza ndenza kwananjengokuba iNkosi yandiyalelayo; kwaye ndaye ndema njengengqina elingumbukeli ukubonakalisa kulo ihlabathi izinto endazibonayo kwaye ndaziva, ngokweembonakalo zoMoya ezazingqinile ngezinto ezisezayo.

17 Ke ngoko ndibhalela akuni, beeNtlanga, kananjalo nakuni, ndlu kaSirayeli, xa sukuba umsebenzi uya kuqalisa, wokokuba niya kuba seniza kulungiselela ukubuyela kwilizwe lelifa lenu;

18 Ewe, qaphelani, ndibhalele kuzo zonke iziphelo zomhlaba; ewe, kuni, zizwe ezilishumi elinambini zikaSirayeli, eniya akugwetywa ngokwemisebenzi yenu ngabalishumi elinambini awathi uYesu wabanyula ukuba babe ngabafundi bakhe kulo ilizwe laseYerusalem.

19 Kwaye ndibhalela kanjalo kuyo intsalela yaba bantu, eya kuthi kanjalo igwetywe angabalishumi elinambini awathi uYesu wabanyula kulo eli lizwe; kwaye bona baya kugwetywa lelinye ishumi elinambini awathi uYesu walinyula kulo ilizwe laseYerusalem.

20 Kwaye ezi zinto uthi uMoya uzibonakalise kum; ke ngoko ndibhalela kuni nonke. Kwaye kungesi sizathu ndinibhalela, ukuze nibe nokwazi okokuba kufuneka nonke nime phambi akwesihlalo-sokugweba sikaKrestu, ewe, wonke umphefumlo ongowalo busapho loluntu lonke luka-Adam; kwaye kufuneka nime ukuba nigwetywe ngemisebenzi yenu, nokuba ilungile okanye mibi.

21 Kananjalo nokuze nibe anokukholelwa yivangeli kaYesu Krestu, eniya kuthi nibenayo phakathi kwenu; kananjalo nokokuba bamaYuda, abantu bomnqophiso weNkosi, aya kuba nelinye cingqina ngaphandle kwakhe lowo bambonayo baza bamva, loo Yesu, abathi bambulala, waye enguye dngokwenene uKrestu kwaye nowokwenene uThixo.

22 Kwaye ndinga ndinganithundeza anonke nina ziphelo zomhlaba ukuba niguquke kwaye nilungiselele ukuma phambi kwesihlalo sokugweba sikaKrestu.