Izibhalo
Mormoni 1


INcwadi kaMormoni

Isahluko 1

UAmaroni uyalela uMormoni malunga neembali ezingcwele—Imfazwe iyaqalisa phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi—AmaNifayithi amaThathu ayasuswa—Inkohlakalo, ukungakholwa, abakhafuli nobugqwirha ziyongama. Malunga E.K. 321–326.

1 Kwaye ngoku mna, aMormoni, ndenza bimbali yezinto endizibonileyo nendizivileyo, kwaye ndiyibiza ngokuba yiNcwadi kaMormoni.

2 Kwaye malunga nelixa lokokuba auAmaroni efihla iimbali phezulu eNkosini, weza kum, (mna ke ndandimalunga neshumi leminyaka ubudala, kwaye ndaqalisa bukufunda nje noko ngokohlobo lokufunda lwaba bantu bakowethu) waza uAmaroni wathi kum: Ndiyaqonda okokuba ungumntwana ondilisekileyo, kwaye uyakhawuleza ukuqwalasela;

3 Ke ngoko, xa sukuba umalunga namashumi amabini anesine eminyaka ndinga ungazikhumbula izinto othe wazigqalisela ngokunxulumene naba bantu; kwaye xa sukuba ukuloo minyaka hamba uye elizweni laseAntam, kwinduli eyayibizwa ngokuba ayiShim; kwaye apho ndibeke eNkosini yonke imikrolo engcwele enxulumene naba bantu.

4 Kwaye qaphela, uya kuwathabathela kuwe aamacwecwe kaNifayi, kwaye intsalela uya kuyishiya kuloo ndawo ikuyo; kwaye uya kukrola kumacwecwe kaNifayi zonke izinto othe waziqwalasela ngokunxulumene naba bantu.

5 Kwaye mna, Mormoni, ekubeni ndiyinzala akaNifayi, (kwaye igama likabawo lalinguMormoni) ndiye ndazikhumbula izinto endandiziyalelwe nguAmaroni.

6 Kwaye kwenzekile okokuba mna, ekubeni ndineshumi elinanye leminyaka ubudala, ndafuduswa ngubawo sangena elizweni elisemazantsi, nakwilizwe laseZarahemla.

7 Ubuso belizwe buphela babuzaliswe zizakhiwo, nabantu babebaninzi phantse, njengentlabathi yolwandle.

8 Kwaye kwenzekile kulo nyaka kwaqalisa imfazwe phakathi kwamaNifayithi, awayequka amaNifayithi, namaYakobayithi, namaYosefayithi, namaZoramayithi; kwaye le mfazwe yayiphakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi, namaLemuwelayithi namaIshmayelayithi.

9 Ngoku amaLeymenayithi namaLemuwelayithi namaIshmayelayithi ayebizwa ngokuba ngamaLeymenayithi, kwaye la maqela mabini ayengamaNifayithi namaLeymenayithi.

10 Kwaye kwenzekile okokuba imfazwe yaqalisa ukuba phakathi kwabo emideni yaseZarahemla, ecaleni kwamanzi aseTsidon.

11 Kwaye kwenzekile okokuba amaNifayithi ahlanganisana kunye inani elikhulu lamadoda, kwanokwedlula inani elingamawaka angamashumi amathathu. Kwaye kwenzekile okokuba baye kwakuwo loo nyaka baba namadabi amaninzi, apho amaNifayithi aye awabetha amaLeymenayithi aza abulala abaninzi awo.

12 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye alirhoxisa icebo lawo, kwaza kwabakho uxolo olufikelelwayo elizweni; lwaza uxolo lwahlala isithuba esimalunga neminyaka emine, ukuba kungabikho mpalalo-gazi.

13 Kodwa inkohlakalo yaye yoyisa phezu kobuso balo lonke ilizwe, kangangokuba iNkosi yaye yabathabatha aabafundi bayo abathandekayo, yaza imisebenzi yemimangaliso nokuphilisa yaphela ngenxa yobugwenxa babantu.

14 Kwaye kwakungekho azipho zivela eNkosini, bnoMoya oyiNgcwele awuzange wehlele phezu kwakhe nawuphi na, ngenxa yenkohlakalo yabo cnokungakholwa.

15 Kwaye mna, ekubeni ndineshumi elinantlanu leminyaka ubudala, kwaye noko ndinondiliseko lwengqondo, ke ngoko ndaye ndavelelwa yiNkosi, ndaza ndangcamla ndaza ndabanolwazi ngokulunga kukaYesu.

16 Kwaye ndaye ndazama ukushumayela kwaba bantu, kodwa umlomo wam wavalwa, kwaye ndalelwa ukuba ndishumayele kubo; kuba qaphelani ababevukela ngabom ngokuchasene noThixo wabo; baza abafundi abayintanda bbasuswa elizweni, ngenxa yobugwenxa babo.

17 Kodwa ndaye ndasala phakathi kwabo, kodwa ndalelwa ukushumayela kubo, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo; kwaye ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo ilizwe alaqalekiswa ngenxa yabo.

18 Kwaye aba baphangi bakaGadiyantoni, ababephakathi kwamaLeymenayithi, baye balizalisa ilizwe, kangangokuba abemi balo baqalisa ukufihla aubutyebi babo emhlabeni; kwaye babampunyululu, ngenxa yokuba iNkosi yayiliqalekisile ilizwe, ukuze bangakwazi ukububamba, okanye bangaphindi babufumane.

19 Kwaye kwenzekile okokuba kwabakho abakhafuli, nobugqwirha, nobugqi; namandla alowo ongendawo ayesebenza phezu kwabo bonke ubuso belizwe, kwanasekuzalisekisweni kwawo onke amazwi ka-Abhinadayi, kananjalo noSamuweli umLeymenayithi.