Izibhalo
Yaromi 1


INcwadi kaYaromi

Isahluko 1

AmaNifayithi agcina umthetho kaMoses, ekhangele phambili ekufikeni kukaKrestu, kwaye aphumelele elizweni—Abaprofeti abaninzi basebenza ukuze bagcine abantu endleleni yenyaniso. Malunga 399–361 P.K.

1 Ngoku qaphelani, mna, Yaromi, ndibhala amazwi ambalwa ngokwemiyalelo kabawo, uEnoshe, ukuze aumlibo wethu ube nokugcinakala.

2 Kwaye njengokuba ala macwecwe bemancinane, kwaye nanje ngokuba ezi zinto czibhalwe ngenjongo yokunceda abazalwana bethu damaLeymenayithi, ngako oko, kuyimfuneko okokuba ndibhale kancinane nje; kodwa andisayi kuzibhala izinto zokuprofetha kwam, nazityhilelo zam. Kuba yintoni endingayibhalayo engakumbi kunezo zibhalwe ngoobawo? Kuba ingaba abalityhilanga na icebo losindiso? Ndithi kuni, Ewe; kwaye oku kundanele.

3 Qaphelani, kufanelekile okokuba kwenziwe okuninzi phakathi kwesi sizwe, ngenxa yobulukhuni beentliziyo zabo, nobuthulu beendlebe zabo, nokumfameka kweengqondo zabo, anokuqina kweentamo zabo; nangona kunjalo, uThixo unenceba egqithisileyo kubo, kwaye bakakabatshayeli basuke ebusweni belizwe ngokwakaloku nje.

4 Kwaye kukho abaninzi phakathi kwethu aabanezityhilelo ezininzi, kuba asingabo bonke abantamo ziqinileyo. Kwaye abaninzi abangaqinanga ntamo kwaye benokholo, bbanobudlelwane kunye noMoya oyiNgcwele, ozibonakalisayo izinto kubantwana babantu, ngokokholo lwabo.

5 Kwaye ngoku, qaphelani, amakhulu amabini eminyaka adlula, kwaye abantu bakaNifayi baba nokomelela elizweni. Bakuqwalasela aukuwugcina umthetho kaMoses bnomhla wesabatha ungcwele eNkosini. Kwaye cabawungcolisanga; bengawenyelisanga dnokuwenyelisa. Kwaye imithetho yelizwe yaye ingqongqo ngokugqithisileyo.

6 Kwaye babesasazeke phezu kweendawo ezininzi zobuso belizwe, namaLeymenayithi kanjalo. Kwaye babeyintlaninge ngokugqithisileyo kunokuba babenjalo abamaNifayithi; kwaye babekuthanda aukubulala kwaye besela igazi lezilwanyana.

7 Kwaye kwenzekile okokuba aye eza amaxesha amaninzi ngokuchasene nathi, maNifayithi, ukuze alwe idabi. Kodwa aookumkani bethu neenkokeli zethu babomelele kakhulu elukholweni lweNkosi; kwaye babafundisa abantu iindlela zeNkosi; ngako oko, saba nokumelana nawo amaLeymenayithi kwaye sawatshayelela kude aphuma bemihlabeni yethu, saza saqalisa ukuzinqabisa izixeko zethu, okanye nayiphina indawo yelifa lethu.

8 Kwaye saye saphinda-phindana ngokugqithisileyo, kwaye sanaba phezu kobuso belizwe, kwaye sanobutyebi obugqithisileyo ngegolide, nesilivere, nezinto zexabiso, nezinto ezicwengileyo ezisetyenzwe ngomthi, ngezakhiwo, nakoomatshini, kananjalo kwisinyithi nekopolo, nobhedu nentsimbi, senza zonke iintlobo zezixhobo zokusebenza zazo zonke iindidi ukuze silime umhlaba, anezikhali zemfazwe—ewe, netolo olunentloko ebukhali, nesingxobo setolo, netolo elitsolo elunomsila, nentshuntshe, nalo lonke uhlobo lokulungiselela imfazwe.

9 Kwaye ngenxa yokuba sazilungiselela njalo ukuhlangana namaLeymenayithi, awazange abenempumelelo ngokuchasene nathi. Kodwa ilizwi leNkosi laqinisekiswa, eyalithethayo koobawo bethu, ithetha oku: Kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kuphumelela elizweni.

10 Kwaye kwenzekile okokuba abaprofeti beNkosi baye baboyikisa abantu bakaNifayi, ngokwelizwi likaThixo, okokuba ukuba abayigcini imiyalelo, kodwa basuke bawele ekwaphuleni umthetho, baya akutshatyalaliswa basuke ebusweni belizwe.

11 Ngako oko, abaprofeti, nababingeleli, notitshala, baye basebenza ngenkuthalo, bebaluleka ngawo wonke umonde abantu ukuba babenenkuthalo; bebafundisa aimithetho kaMoses, kwaye nenjongo eyayinikelwe yona; bebathundeza ukuba bbakhangele phambili kuye uMesiya, bakholelwe ekuzeni kwakhe cngokungathi usele efikile. Kwaye babafundisa ngolu hlobo.

12 Kwaye kwenzekile okokuba ngokwenza njalo babakhusela aekutshatyalalisweni phezu kobuso belizwe; kuba baye bbabahlaba iintliziyo zabo ngelizwi, beqhubeka ukubashukumisela ekubeni baguquke.

13 Kwaye kwenzekile okokuba amakhulu amabini namashumi asibhozo eminyaka adlula—ngohlobo lweemfazwe, neembambano, neempikiswano, kangangethuba lexesha elininzi.

14 Kwaye mna, Yaromi, andibhali okungakumbi, kuba amacwecwe mancinane. Kodwa qaphelani, bazalwana bam, nisenakho ukuya akwamanye amacwecwe kaNifayi; kuba qaphelani, phezu kwawo kukrolwe iimbali zeemfazwe zethu, ngokwemibhalo yookumkani, okanye kwezo mbali abathi benza ukuba zibhalwe.

15 Kwaye ndinikezela amacwecwe ezandleni zonyana wam uOmnayi, ukuze agcinwe angokwemiyalelo yoobawo.