Izibhalo
Hilamani 11


Isahluko 11

UNifayi ucenga iNkosi ukuba ibabuyisele ngendlala endaweni yemfazwe yabo—Abantu abaninzi bayatshabalala—Bayaguquka, aze uNifayi ancekelele iNkosi ngokucela imvula—UNifayi noLihayi bafumana izityhilelo ezininzi—Abaphangi bakaGadiyantoni bazombela umngxuma wokuzinqabisa elizweni. Malunga 20–6 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile kowamashumi asixhenxe anesibini unyaka wolawulo lwabagwebi okokuba iimbambano zaye zanda, kangangokuba kwabakho iimfazwe kulo lonke ilizwe phakathi kwabo bonke abantu bakaNifayi.

2 Kwaye yayileli qela alifihlakeleyo labaphangi elaye laqhubeka nalo msebenzi wentshabalalo nenkohlakalo. Kwaye le mfazwe yaye yaqhubeka wonke loo nyaka; kwaye kunyaka wamashumi asixhenxe anesithathu yaye kanjalo yaqhubeka.

3 Kwaye kwenzekile okokuba kulo nyaka uNifayi waye wadanduluka eNkosini, esithi:

4 Owu Nkosi, musa ukuyivumela into yokokuba aba bantu babe baya kutshatyalaliswa ngekrele; kodwa Owu Nkosi, endaweni yoko yeka kubekho aindlala elizweni ukubavuselela kuyo inkumbulo yeNkosi uThixo wabo, kwaye mhlawumbi baya kuguquka kwaye baguqukele kuwe.

5 Kwaza kwenziwa njalo ke, ngokwamazwi kaNifayi. Kwaza kwabakho indlala enkulu phezu kwelizwe, phakathi kwabo bonke abantu bakaNifayi. Kwaye njalo kunyaka wamashumi asixhenxe anesine yaye yaqhubeka indlala, waza umsebenzi wentshabalo waphela ngekrele kodwa waba lusizi ngendlala.

6 Kwaye lo msebenzi wentshabalalo waye kanjalo waqhubeka kunyaka wamashumi asixhenxe anesihlanu. Kuba umhlaba wabethwa ukuze wome, kwaye awuzange uvelise zinkozo ngexesha leenkozo; kwaye wonke umhlaba wawubethwe, kwanaphakathi kwamaLeymenayithi nanjengokuba kunjalo phakathi kwamaNifayithi, ukuze babethwe ukuze batshabalale ngamawaka kuloo mimandla ikhohlakele ngakumbi yelizwe.

7 Kwaye kwenzekile okokuba abantu babona okokuba sele beza kutshabalala ngendlala, baza baqalisa aukuyikhumbula iNkosi uThixo wabo; baza baqalisa ukuwakhumbula amazwi kaNifayi.

8 Baza abantu baqalisa ukubacenga abagwebi babo abaziintloko neenkokeli zabo, ukuba maze bathi kuye uNifayi: Qaphela, siyazi okokuba ungumntu kaThixo, kwaye ke ngoko khala kuyo iNkosi uThixo wethu ukuze ayisuse kuthi le ndlala, hleze onke aamazwi owathethileyo malunga nentshabalalo yethu azaliseke.

9 Kwaye kwenzekile okokuba abagwebi baye batsho kuNifayi, ngokwamazwi lawo abenqwenelwa. Kwaye kwenzekile okokuba akuba uNifayi ebona okokuba abantu baguqukile kwaye baye bazithoba ngeengubo ezirhwexayo, waye wakhala kwakhona kuyo iNkosi, esithi:

10 Owu Nkosi, qaphela aba bantu bayaguquka; kwaye balitshayelele kude iqela likaGadiyantoni alabikho phakathi kwabo kangangokuba lisuke laye liphela, kwaye liwaqhushekile amayelenqe alo afihlakeleyo emhlabeni.

11 Ngoku, Owu Nkosi, ngenxa yoku kuthobeka kwabo akungewubuyisi kusini na umsindo wakho, uze uwuvumele umsindo wakho waneliseke ekutshatyalalisweni kwaloo madoda akhohlakeleyo lawo osele uwatshabalalisile.

12 Owu Nkosi, akungewubuyisi umsindo wakho kusini na, ewe, umsindo wakho owoyikekayo, uze ubangele okokuba le ndlala ibe nokuphela kulo eli lizwe.

13 Owu Nkosi, ungandiphulaphula kusini na, uze ubangele okokuba kube nokwenziwa ngokwamazwi am, uze uthumele aimvula phezu kobuso bomhlaba, ukuze ube nokuzisa iziqhamo zawo, neenkozo zawo ngexesha leenkozo.

14 Owu Nkosi, waye wawaphulaphula aamazwi am xa ndandisithi, Makubekho indlala, ukuze intshabalalo yekrele ibe nokuphela; kwaye ndiyazi okokuba uya kubanako, kwanangalo eli lixa, ukuwaphulaphula amazwi am, kuba wathi: Ukuba aba bantu bayaguquka uya kubasindisa.

15 Ewe, Owu Nkosi, kwaye uyabona okokuba baguqukile, ngenxa yendlala nesifo esosulelayo esibulalayo nentshabalalo ethe yafika kubo.

16 Kwaye ngoku, Owu Nkosi, ungawubuyisa umsindo wakho kusini na, uze ubazame kwakhona ukuba abangekukhonzi na? Kwaye ukuba kunjalo, Owu Nkosi, unako ukubasikelela ngokwamazwi akho owawuthe wawathetha.

17 Kwaye kwenzekile okokuba kunyaka wamashumi asixhenxe anesithandathu iNkosi yaye yawubuyisa umsindo wayo ebantwini, yaza yabangela okokuba aimvula mayine phezu komhlaba, kangangokuba waye wazisa iziqhamo zawo ngexesha leziqhamo zawo. Kwaye kwenzekile okokuba waye wazisa iinkozo zawo ngexesha leenkozo zawo.

18 Kwaye qaphelani, abantu baye bagcoba baza bamzukisa uThixo, baza bonke ubuso belizwe bazaliswa yimigcobo; baza abaphinda bafune ukumtshabalalisa uNifayi, kodwa baye bamthatha anjengomprofeti omkhulu, nomntu kaThixo, onamandla amakhulu negunya alinikiweyo elivela kuThixo.

19 Kwaye qaphelani, uLihayi, umntakwabo, awayengasondelanga nakancinane emva kwakhe ngokwezinto eziphathelele nobulungisa.

20 Kwaye njalo kwaye kwenzeka okokuba abantu bakaNifayi baqalisa ukuphumelela kwakhona elizweni, baza baqalisa ukwakha iindawo zabo ezingamanxiwa, baza baqalisa ukuphinda-phindeka nokunaba, kwanokude babuzalise bonke ubuso belizwe, kunye ngasemantla nangasemazantsi, ukususela kulwandle olusentshona ukuya kulwandle olusempuma.

21 Kwaye kwenzekile okokuba unyaka wamashumi asixhenxe anesithandathu waye waphela ngoxolo. Waze nonyaka wamashumi asixhenxe anesixhenxe waqalisa ngoxolo; kwaye aibandla laye linabela kubo bonke ubuso belizwe; kwaye inxalenye engakumbi yabantu, kunye amaNifayithi namaLeymenayithi, baye baba ngabebandla; kwaye babanoxolo olugqitshisileyo kakhulu elizweni; waza njalo waphela unyaka wamashumi asixhenxe anesixhenxe.

22 Kananjalo baba noxolo kunyaka wamashumi asixhenxe anesibhozo, ngaphandle nje kweembambano ezimbalwa malunga neengongoma zemfundiso ezimiswe ngabaprofeti.

23 Kwaye kunyaka wamashumi asixhenxe anesithoba kwaqalisa ukubakho kokukrutha-kruthana okukhulu. Kodwa kwenzekile okokuba uNifayi noLihayi, nabaninzi kubazalwana babo ababesazi malunga neengongoma eziyinyani zemfundiso, ekubeni abenezityhilelo ezininzi imihla ngemihla, ke ngoko baye bashumayela ebantwini, kangangokuba baye baluphelisa ukrutha-kruthano lwabo kwakuwo loo nyaka.

24 Kwaye kwenzekile okokuba kowamashumi asibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi, kwabakho inani elithile labakreqi ababesuka kubantu bakaNifayi, ababethe kwiminyaka ethile ngaphambili bawelela kumaLeymenayithi, baza bazithabathela kubo igama lamaLeymenayithi, kananjalo nenani elithile elaliyinzala yokwenene yamaLeymenayithi, ekubeni livuselelwe emsindweni ngabo, okanye ngabo bakreqi, ke ngoko baqalisa imfazwe kunye nabazalwana babo.

25 Kwaye baye babulala baze barhwaphiliza; baze ke babuyela emva ezintabeni, nasentlango kwaye nakwiindawo ezifihlakeleyo, bezifihla ukuze bangabi nakufunyanwa, befumana mihla le isongezo kumanani abo, kangangokuba kwakukho abakreqi abawelela kubo.

26 Kwaza njalo ethubeni, ewe, kwanangalo ithuba leminyaka engephi, baba liqela elikhulu ngokugqithisileyo labaphangi; kwaye baye baphanda onke amayelenqe afihlakeleyo kaGadiyantoni; baza njalo baba ngabaphangi bakaGadiyantoni.

27 Ngoku qaphelani, aba baphangi baye benza umonakalo omntu, ewe, intshabalalo enkulu phakathi kwabantu bakaNifayi, kananjalo phakathi kwabantu bamaLeymenayithi.

28 Kwaye kwenzekile okokuba kwaba yimfuneko okokuba kumele kupheliswe lo msebenzi wentshabalalo; ke ngoko bathumela umkhosi wamadoda awomeleleyo wangena entlango naphezu kweentaba ukufunisisa ngeli qela labaphangi, nokuba balitshabalalise.

29 Kodwa qaphelani, kwenzekile okokuba kwakuwo loo nyaka badudulelwa emva kwanakuwo amazwe abo. Waza njalo waphela owamashumi asibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.

30 Kwaye kwenzekile ekuqalekeni konyaka wamashumi asibhozo ananye waye wabheka phambili kwakhona ngokuchasene neli qela labaphangi, waza watshabalalisa abaninzi; nabo kanjalo bavelelwa ngentshabalalo enkulu.

31 Kwaye kwakhona kwanyanzeleka ukuba babuye baphume entlango kwaye baphume nasezintabeni bangene kwawabo amazwe, ngenxa yobukhulu obugqithisileyo bamanani abo baphangi ababezalise iintaba nentlango.

32 Kwaye kwenzekile okokuba waphela njalo lo nyaka. Kwaye abaphangi baye baqhubeka ngokwanda kwaye baba nokomelela, kangangokuba baya bayidela yonke imikhosi yamaNifayithi, kananjalo neyamaLeymenayithi; kwaye baye babangela ukuba uloyiko olukhulu lubafikele abantu phezu kwabo bonke ubuso belizwe.

33 Ewe, kuba baye bayivelela yonke imimandla yelizwe, kwaye baye benza intshabalalo enkulu kubo; ewe, baye babulala abaninzi, baza babathuthela abanye ekuthinjweni bangena entlango, ewe, kwaye ngokungakumbi abafazi babo nabantwana babo.

34 Ngoku obu bubi buxhalabisaya, obathi bafikela abantu ngenxa yobugwenxa babo, baye babavuselela kwakhona kwinkumbulo yeNkosi uThixo wabo.

35 Waza njalo waphela owamashumi asibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi.

36 Kwaye kunyaka wamashumi asibhozo anesibini baye baqalisa kwakhona aukuyilibala iNkosi uThixo wabo. Baza kunyaka wamashumi asibhozo anesithathu baqalisa baba nokomelela kubugwenxa. Kwaye kunyaka wamashumi asibhozo anesine abazange bazilungise iindlela zabo.

37 Kwaye kwenzekile kunyaka wamashumi asibhozo anesihlanu baye baba nokomelela ngakumbi nangakumbi kwikratshi labo, kwaye nakuyo inkohlakalo yabo; kwaye njalo babeyivuthelwa kwakhona intshabalalo.

38 Waza njalo waphela unyaka wamashumi asibhozo anesihlanu.