Izibhalo
Etere 4


Isahluko 4

UMoronayi uyalelwa ukuba atywinele phezulu imibhalo yomntakwabo Yerede—Ayisayi kutyhilwa bade abantu babenokholo kwananjengomntakwabo Yerede—UKrestu uyalela abantu ukuba bawakholelwe amazwi Akhe nalawo abafundi Bakhe—Abantu bayalelwa ukuba baguquke bakholelwe yivangeli, baze basindiswe.

1 Kwaye iNkosi yamyalela umntakwabo Yerede ukuba ehle esuke entabeni ebusweni beNkosi, aze aazibhale izinto ezo ebezibonile; kwaye zaye zalelwa ukuba zize kubo abantwana babantu bkude kube semva kokuba eya kunyuselwa phezulu emnqamlezweni; kwaye kungesi sizathu ukuba ukumkani uMozaya azigcine, ukuze zingabi nakuza kulo ihlabathi kude kube semva kokuba uKrestu eya kuzibonakalisa kubo abantu bakhe.

2 Kwaza emva kokuba uKrestu ngokwenene ezibonakalisile kubo abantu bakhe wayalela okokuba mazenziwe zityhileke.

3 Kwaye ngoku, emva koko, bonke baye baphelela ekungakholweni; kwaye akukho namnye ngaphandle kokuba kube ngamaLeymenayithi, kwaye bayala ivangeli kaKrestu; ke ngoko ndiyalelwe okokuba amandizifihlele phezulu kwakhona kuwo umhlaba.

4 Qaphelani, ndibhale phezu kwala macwecwe kanye izinto awathi umntakwabo Yerede wazibona; kwaye azizange zabakho izinto ezibalasele ngaphezulu ezatyhilwayo kunazo ezo zatyhilwa kuye umntakwabo Yerede.

5 Ngako oko iNkosi indiyalele ukuba ndizibhale; kwaye ndizibhalile. Kwaye indiyalele okokuba andizitywinele phezulu; kananjalo indiyalele okokuba mandizitywinele phezulu inguqulelo yazo; ngako oko ndizitywinele phezulu bizitoliki, ngokomyalelo weNkosi.

6 Kuba iNkosi yathi kum: Azisayi kubheka phambili kubo abeeNtlanga kude kube ngumhla wokokuba beya kuguquka kubo ubugwenxa babo, baze bacoceke phambi kweNkosi.

7 Kwaye ngawo loo mhla wokokuba beya kusebenzisa ukholo kum, itsho iNkosi, kwananjengokuba umntakwabo Yerede wenzayo, ukuze babe anokungcwaliseka ngam, ngoko ndiya kuzityhila izinto awathi umntakwabo Yerede wazibona, kwanokude kube kuse kubatyhileleni zonke izityhilelo zam, utsho uYesu Krestu, uNyana ka-Thixo, buYise wamazulu nomhlaba, nazo zonke izinto ezikuzo zinjalo.

8 Kwaye lowo uya akulwa ngokuchasene nelizwi leNkosi, makaqalekiswe; kwaye lowo uya bkuzikhanyela ezi zinto, makaqalekiswe; kuba kubo candisayi kuzibonisa izinto ezinkulu ngakumbi, utsho uYesu Krestu; kuba ndinguye lowo uthethayo.

9 Kwaye ngomyalelo wam amazulu ayavuleka aze aavaleke; kwaye ngelizwi lam bumhlaba uya kunyikima; kwaye ngomyalelo wam abemi bawo baya kudlula, nanjalo ngomlilo.

10 Kwaye lowo ungawakholelwayo amazwi am akabakholelwa abafundi bam; kwaye ukuba kunjalo koba andithethi, zigwebele; kuba uya kwazi okokuba ndim lowo uthethayo, angomhla wokugqibela.

11 Kodwa lowo auzikholelwayo ezi zinto endizithethileyo, yena ndiya kumvelela ngezityhilelo zoMoya wam, kwaye uya kwazi kwaye anike ubungqina. Kuba ngenxa yoMoya wam uya bkwazi okokuba ezi zinto cziyinyani; kuba uthundeza abantu ukuba benze okulungileyo.

12 Kwaye nantoni na ethundeza abantu ukuba benze okulungileyo iyeyam; kuba aukulunga akuphumi nakubani na ngaphandle kokuba kube kokwam. Ndikwanguye lowo ukhokelela abantu kuko konke ukulunga; lowo bungasayi kuwakholelwa amazwi am akasayi kundikholelwa mna—okokuba ndinguye; kwaye lowo ungasayi kundikholelwa akasayi kumkholelwa uBawo owandithumayo. Kuba qaphela, mna ndinguBawo, cndikukukhanya, dnobomi, nenyaniso yehlabathi.

13 aYizani kum, Owu nina beeNtlanga, kwaye ndiya kunibonisa izinto ezinkulu ngakumbi, ulwazi olufihlelwe phezulu ngenxa yokungakholwa.

14 Yizani kum, Owu nina ndlu kaSirayeli, kwaye kuya akutyhilwa kuni ezinjani izinto ukuba nkulu uBawo anilungiselele zono, ukususela kwisiseko sehlabathi; kwaye azizanga kuni, ngenxa yokungakholwa.

15 Qaphelani, xa sukuba niya kulikrazula eloo khuselo lokungakholwa elinibangela ukuba nihlale kwimo yenu eyoyikekayo yenkohlakalo, nokuqaqadeka kwentliziyo, nokumfameka kwengqondo, ke ziya kuthi izinto ezinkulu nezimangalisayo aebezifihlwe phezulu kuni ukususesela kwisiseko sehlabathi—ewe, xa sukuba niya kumemeza kuBawo egameni lam, ngentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, ke niya kwazi okokuba uBawo uwukhumbule umnqophiso awathi wawenza kooyihlo, Owu ndlu kaSirayeli.

16 Kwaye ke ziya kuthi aizityhilelo zam ezo ndizibangele ukuba zibhalwe sisicaka sam uYohane ziconjululwe emehlweni abo bonke abantu. Khumbulani, xa sukuba nizibona ezi zinto, niya kwazi okokuba ilixa likufuphi lokokuba ziya kubonakaliswa ngezenzo kanye.

17 Ke ngoko, axa sukuba niya kuyifumana le mbali ninokwazi okokuba umsebenzi kaBawo uqalisile phezu kwabo bonke ubuso belizwe.

18 Ke ngoko, aguqukani nina nonke ziphelo zomhlaba, kwaye nize kum, kwaye nikholelwe yivangeli yam, nize bnibhaptizwe egameni lam; kuba lowo ukholelwayo aze abhaptizwe uya kusindiswa; kodwa lowo ungakholelwayo uya kugwetywa; kwaye cimiqondiso iya kubalandela abo bakholelwayo kulo igama lam.

19 Kwaye usikelelekile lowo ufunyenwe aenyanisekile kulo igama lam ngomhla wokugqibela, kuba uya kuphakanyiselwa phezulu ukuze ahlale ebukumkanini obulungiselelwe yena bukususela kwisiseko sehlabathi. Kwaye qaphelani ndim okuthethileyo. Amen.