Izibhalo
Etere 3


Isahluko 3

Umntakwabo Yerede ubona umnwe weNkosi njengokuba yayichukumisa amatye alishumi elinesithandathu—UKrestu ubonisa umzimba Wakhe ongumoya kumntakwabo Yerede—Abo banolwazi olugqibeleleyo abanako ukuthintelwa ekudluleni ngaphakathi komkhusane—Izitoliki ziya lungiselelwa ukuzisa imbali yamaYeredayithi ekukhanyeni.

1 Kwaye kwenzekile okokuba umntakwabo Yerede, (ngoku inani lezikhephe ebezilungiselelwe zazisibhozo) wabheka phambili ukuya entabeni, ababeyibiza ngokuba yintaba iShelem, ngenxa yokuphakama kwayo okugqithileyo, kwaye waye wanyibilikisa eliweni amatye alishumi elinesithandathu amancinane; kwaye ayemhlophe kwaye ecacile, kwananje ngobukrelekrele beglasi; kwaye waye wawathutha ewathuthela phezu kwentaba ngezandla zakhe, waza wakhala kuyo iNkosi, esithi:

2 Owu Nkosi, uthe kufuneka sirhangqwe zizikhukhula. Ngoku qaphela, Owu Nkosi, kwaye musa ukucatshukiswa sisicaka sakho ngenxa yobuthathaka baso phambi kwakho; kuba siyakwazi ukuba ungcwele kwaye uhlala emazulwini, nokokuba asifanelekanga phambi kwakho; ngenxa ayokuwa bindalo zethu zisuke zaba nobubi ngalo lonke ixesha; nangona kunjalo, Owu Nkosi, usinike umyalelo wokokuba kufuneka sikubize, ukuze kuwe sibe nokufumana ngokweminqweno yethu.

3 Qaphela, Owu Nkosi, usibethe ngenxa yobugwenxa bethu, waza wasiqhubela kude, kwaye ngale minyaka mininzi besisentlango; nangona kunjalo, ube anenceba kuthi. Owu Nkosi, ndikhangele ngosizi, uze uwubuyise umsindo wakho kwesi isizwe sakho, uze ungasiyekeli ukuba sibheke phambili ngaphaya kwale nzulu igqumayo ebumnyameni; kodwa qaphela ezi zinto ndizinyibilikise ziphuma eliweni.

4 Kwaye ndiyazi, Owu Nkosi okokuba unawo onke aamandla, kwaye unako ukwenza nantoni na oyinqwenelayo nokuze kulungelwe abantu; ke ngoko chukumisa la matye, Owu Nkosi, ngomnwe wakho, uze uwalungise ukuze ube nokukhanyisa ebumnyameni, kwaye aya kusikhanyisela ngaphakathi kuzo izikhephe esizilungisileyo, ukuze sifumane ukukhanya ngeli lixa siya kuwela ulwandle.

5 Qaphela, Owu Nkosi, unako ukukwenza oku. Siyazi okokuba unako ukubonisa amandla amakhulu, aakhangeleka emancinane kwingqiqo yabantu.

6 Kwaye kwenzekile okokuba akuba umntakwabo Yerede ewathethile la mazwi, qaphelani, aiNkosi yasolula isandla sayo yaza yawachukumisa amatye ngamanye ngamanye ngomnwe wayo. Laza bikhuselo lasuswa emehlweni omntakwabo Yerede, waza wawubona umnwe weNkosi; kwaye wawungumnwe womntu, ofana nenyama negazi; waza umntakwabo Yerede wawa phantsi phambi kweNkosi, kuba wonganyelwa luloyiko.

7 Yaza yabona iNkosi okokuba umntakwabo Yerede waye ewele emhlabeni; yaza iNkosi yathi kuye: Phakama, kungani na ukuba uwe?

8 Waza wathi kuyo iNkosi: Ndibone umnwe weNkosi, ndaza ndoyika hleze indibethe; kuba ndandingazi ukuba iNkosi yayinenyama negazi.

9 Yaza iNkosi yathi kuye: Ngenxa yokholo lwakho ubonile okokuba ndiya kuthabathela kum ainyama negazi; kwaye akazange umntu eze phambi kwam enokholo olugqithise kangaka njengokuba unalo; kuba ukuba bekungenjalo unge ungawubonanga umnwe wam. Ingaba ubone ngaphezulu kunoku na?

10 Waza wathi: Hayi; Nkosi, zibonakalise kum.

11 Yaza iNkosi yathi kuye: Ingaba uyakholwa na ngamazwi endiza kuwathetha?

12 Waza waphendula: Ewe, Nkosi, ndiyazi okokuba uthetha inyaniso, kuba unguThixo wenyaniso, kwaye aakunako ukuxoka.

13 Waza akuba ewathethile la mazwi, qaphelani, iNkosi ayazibonakalisa kuye, yaza yathi: bNgenxa yokuba uzibonile ezi zinto ukhululwe ngokuhlawulelwa ekuweni; ke ngoko ubuyiselwe ebusweni bam; ke ngoko cndizibonakalisa kuwe.

14 Qaphela, ndinguye lowo walungiswa ukususela kuso isiseko sehlabathi ukuba andibakhulule abantu bam. Qaphela ndinguye uYesu Krestu. Ndinguye buBawo noNyana. Kum lonke uluntu luya kuba cnobomi, nobo bungunaphakade, kwanabo abo baya kukholelwa kulo igama lam; kwaye baya kuba dngoonyana bam neentombi zam.

15 Kwaye andizange ndazibonakalisa ebantwini endibadalileyo, kuba akazange umntu aakholelwe kum njengokuba wenzile. Uyabona na okokuba udalwe bngokomfuziselo wam? Ewe, kwanabo bonke abantu badalwa ekuqalekeni ngokomfuziselo wam.

16 Qaphela, lo mzimba, uwubonayo ngoku nje, ngumzimba awomoya wam; kwaye abantu ndibadale ngokomzimba womoya wam; kwaye kwananjengokuba ndibonakala kuwe ndingumoya ndiya kubonakala kubo abantu bam enyameni.

17 Kwaye ngoku, njengokuba mna, Moronayi, ndithe bendingenakho ukwenza ingxelo ezeleyo yezi zinto zibhaliweyo, ke ngoko kundanele ukutsho ukuthi uYesu wazibonakalisa kuyo le ndoda engumoya, kwanangokohlobo nangemfano yakwalo mzimba mnye kwananjengokuba awazibonakalisayo kuwo amaNifayithi.

18 Kwaye wamlungiselela kwananjengokuba wawalungiselelayo amaNifayithi; kwaye konke oku, ukuze le ndoda ibe nokwazi okokuba wayenguThixo, ngenxa yemisebenzi emininzi emikhulu eyathi iNkosi yayibonisa kuyo.

19 Kwaye ngenxa yolwazi enalo le ndoda ayinako ukuthintelwa ekuboneni ngaphakathi akwikhuselo; kwaye yawubona umnwe kaYesu, eyathi, yakuwubona, yawa luloyiko; kuba yayisazi okokuba yayingumnwe weNkosi; yaza ayabe ibe nakholo, kuba yayisazi, ngaphandle kwamathandabuzo.

20 Ngako oko, ekubeni inalo olu lwazi lugqibeleleyo lukaThixo, ayayingenako ukuthintelwa ngaphakathi kwekhuselo; ke ngoko yambona uYesu; kwaye waye wayilungiselela.

21 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathi kuye umntakwabo Yerede: Qaphela, akusayi kuziyekela ezi zinto uzibonileyo waza waziva ukuba zibheke phambili kulo ihlabathi, lide ailixa lifike lokokuba ndiya kulizukisa igama lam enyameni; ngako oko, uya kuzigcinela amaxesha ezayo izinto ozibonileyo waza waziva, kwaye ungazibonisi mntu.

22 Kwaye qaphela, xa sukuba uya kuza kum, uya kuzibhala uze uzitywinele phezulu, ukuze kungabikho bani onako ukuzitolika; kuba uya kuzibhala ngolwimi lokokuba zingabinako ukufundwa.

23 Kwaye qaphela, la amatye mabini ndiza kuwanikela kuwe, kwaye uya kuwatywinela phezulu kanjalo kunye nezinto ezo oya kuzibhala.

24 Kuba qaphela, ulwimi olo oya kulubhala ndilubhidanisile, ngako oko ndiya kuwabangela ngelam ilixa elifanelekileyo ukuba la matye aya kuzicacisa emehlweni abantu ezi zinto oya kuthi uzibhale.

25 Yaza yakuba iNkosi iwathethile la mazwi, yambonisa umntakwabo Yerede abonke abemi bomhlaba ababekho, kananjalo bonke abaya kubakho; kwaye ayizange izifihle emehlweni akhe, kwanokuzo iziphelo zomhlaba.

26 Kuba yayitshilo kuye kumaxesha angaphambili, ukuthi aukuba bangakholelwa kuyo okokuba ingambonisa czonke izinto—zingaboniswa kuye, ke ngoko iNkosi yayingenako ukufihla nantoni na kuye, kuba wayesazi okokuba iNkosi ingambonisa zonke izinto.

27 Yaza iNkosi yathi kuye: Zibhale ezi zinto uze auzitywinele phezulu; kwaye ndiya kuziveza ngelam ilixa elifanelekileyo kubo abantwana babantu.

28 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yamyalela ukuba makawatywinele phezulu aamatye amabini awaye ewafumene, aze angawavezi, ide iNkosi ibe iya kuwaveza kubo abantwana babantu.