Izibhalo
Etere 15


Isahluko 15

Izigidi zamaYeredayithi zibulawa edabini—UShiz noKoriyantamri bahlanganisa bonke abantu kumlo obulalayo—UMoya weNkosi uyapheza ukusebenza kubo—Isizwe samaYeredayithi sitshatyalaliswa ngokupheleleyo—NguKoriyantamri kuphela osalayo.

1 Kwaye kwenzekile akuba uKoriyantamri ephilile kumanxeba akhe, waqalisa ukuwakhumbula aamazwi awathi uEtere wawathetha kuye.

2 Wabona okokuba sekubulewe ngekrele kufuphi nezigidi ezibini zabantu bakhe, waza waqalisa ukuba lusizi entliziyweni yakhe; ewe, kwakubulewe izigidi ezibini zamadoda akhe anamandlakazi, kananjalo nabafazi bawo nabantwana bawo.

3 Waqalisa ukuguquka ngobubi athe wabenza; waqalisa ukuwakhumbula amazwi awayethethiwe ngomlomo wabo bonke abaprofeti, waza wawabona okokuba ayezalisekisiwe kude kube kalokunje, lonke isuntswana; waza umphefumlo wakhe walusizi waza wala ukuthuthuzelwa.

4 Kwaye kwenzekile okokuba wabhala incwadi eya kuShiz, enqwenela okokuba makabasindise abantu, kwaye uya kubunikezela ubukumkani ngenxa yobomi babantu.

5 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uShiz eyifumene incwadi yakhe wabhala incwadi eya kuKoriyantamri, yokokuba ukuba angazinikezela, ukuze abe nokumbulala ngelakhe ikrele, ukuze abusindise ubomi babantu.

6 Kwaye kwenzekile okokuba abantu abazange baguquke kubugwenxa babo; baza abantu bakaKoriyantamri bavuseleleka emsindweni ngokuchasene nabantu bakaShiz; nabantu bakaShiz bavuseleleka emsindweni ngokuchasene nabantu bakaKoriyantamri; ngako oko, abantu bakaShiz baye balwa nabantu bakaKoriyantamri.

7 Waza akuba uKoriyantamri ebona okokuba wayesele eza kuwa wasaba kwakhona phambi kwabantu bakaShiz.

8 Kwaye kwenzekile okokuba wafika kumanzi aseRipliyankam, ngokutolikwa, ithetha ubukhulu, okanye ukwedlula konke; ngako oko, bakuba befikile kula manzi bazigxumeka iintente zabo; waza uShiz kanjalo wazigxumeka nezakhe iintente kufuphi nabo; kwaye ke ngoko ngengomso beza ukuze balwe idabi.

9 Kwaye kwenzekile okokuba balwa idabi elibuhlungu ngokugqithisileyo, awathi kulo uKoriyantamri wonzakala kwakhona, waza wawa isiqaqa ngenxa yokuphalala kwegazi.

10 Kwaye kwenzekile okokuba imikhosi kaKoriyantamri yaye yafunzela kuyo imikhosi kaShiz kangangokuba yayibetha, kangangokuba yayibangela ukuba isabe phambi kwayo; kwaye yaye yasabela ngasemazantsi, kwaye yaye yazigxumeka iintente zayo kwindawo eyayibizwa ngokuba yiOgathi.

11 Kwaye kwenzekile okokuba imikhosi kaKoriyantamri yaye yazigxumeka ezayo iintente ngakuyo induli iRama; kwaye yayikwayiyo loo nduli apho ubawo uMormoni waye awafihlela iimbali eNkosini, ezaye zingcwele.

12 Kwaye kwenzekile okokuba baye bahlanganisa kunye bonke abantu phezu kobuso belizwe, abaye bengabulawanga, ngaphandle koEtere.

13 Kwaye kwenzekile okokuba uEtere waye wazibona zonke izenzo zabantu; waza wabona okokuba abantu ababe ngakuKoriyantamri babehlanganisene kunye kumkhosi kaKoriyantamri; baza abantu ababe ngakuShiz bahlanganisana kunye kumkhosi kaShiz.

14 Ngako oko, bona kangangesithuba seminyaka emine babehlanganise kunye abantu, ukuze babe nokubafumana bonke ababephezu kobuso belizwe, nokokuba babe nokufumana konke ukomelela ababengabanako ukuba bangakufumana.

15 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba bonke behlanganisene kunye, wonke umntu kumkhosi awunqwenelayo, kunye nabafazi babo nabantwana babo—kunye amadoda, abafazi nabantwana bexhotyiswe ngezikhali zemfazwe, benamakhaka, aneengcina-sifuba, nezikrweqe zentloko, kwaye benxityiswe ngokohlobo lwemfazwe—baye bamatshela phambili omnye ngokuchasene nomnye ukuba balwe idabi; baza balwa yonke loo mini, baza aboyisa.

16 Kwaye kwenzekile okokuba kwakuba kuhlwile babediniwe, baza baya kuphumla kwiinkampu zabo; baza emva kokuba beyokuphumla kwiinkampu zabo baqalisa ukubhomboloza nokulila ngokulahlekelwa ngababuleweyo kubantu babo; kwaye zazizikhulu kakhulu izikhalo zabo, ukubhomboloza nokulila kwabo, kangangokuba baye bawuhlaba umoya ngokugqithisileyo.

17 Kwaye kwenzekile okokuba ngengomso baye baya kwakhona ukuya kulwa idabi, kwaye yayinkulu kwaye isoyikeka loo mini; nangona kunjalo, abazange boyise, baza bakufika ubusuku kwakhona baye bawuhlaba umoya ngezikhalo zabo, nokubhomboloza kwabo, nosizi lwabo, ngokulahlekelwa ngababuleweyo kubantu babo.

18 Kwaye kwenzekile okokuba uKoriyantamri wabhala kwakhona incwadi eya kuShiz, enqwenela okokuba angezi kulwa dabi kwakhona, kodwa angeza azokubuthabatha ubukumkani, aze abusindise ubomi babantu.

19 Kodwa qaphelani, uMoya weNkosi wawuphezile ukuzama-zamana kunye nabo; kwaye auSathana waye enamandla apheleleyo phezu kweentliziyo zabantu; kuba babezinikele ngokupheleleyo ekuqaqadekeni kweentliziyo zabo, nokumfameka kweengqondo zabo ukuze babe nokutshatyalaliswa; ngako oko bahamba kwakhona ukuya kulwa idabi.

20 Kwaye kwenzekile okokuba balwa yonke loo mini, baza ubusuku bakufika balala phezu kwamakrele abo.

21 Baza ngengomso balwa kwanokokude kufike ubusuku.

22 Kwaye bakuba bufikile ubusuku ababenxilile ngumsindo, kwananjengendoda enxiliswe yiwayini; baza balala kwakhona phezu kwamakrele abo.

23 Baza ngengomso balwa kwakhona; baza bakuba ubusuku bufikile bonke babewile ngekrele ngaphandle kwabangamashumi amahlanu anambini kubantu bakaKoriyantamri, namashumi amathandathu anesithoba kubantu bakaShiz.

24 Kwaye kwenzekile okokuba balala phezu kwamakrele abo ngobo busuku, baza ngengomso balwa kwakhona, kwaye balwa ngamandlakazi abo ngamakrele abo nangamakhaka abo, yonke loo mini.

25 Kwaye bakuba ubusuku bufikile kwakukho amashumi amathathu anambini kubantu bakaShiz, namashumi amabini anesixhenxe kubantu bakaKoriyantamri.

26 Kwaye kwenzekile okokuba batya baza balala baza balungiselela ukufa ngengomso. Kwaye babengamadoda amakhulu nanamandlakazi njengokomelela kwamadoda.

27 Kwaye kwenzekile okokuba balwe kangangesithuba seeyure ezintathu, baza bawa isiqaqa ngenxa yokuphalala kwegazi.

28 Kwaye kwenzekile okokuba akuba amadoda kaKoriyantamri efumene ukomelela okwaneleyo ukuze abenako ukuhamba, ayesele eza kusabela ubomi bawo; kodwa qaphelani, uShiz waphakama, kananjalo namadoda akhe, waza wafunga ngoburhalarhume bakhe okokuba uza kumbulala uKoriyantamri okanye uya kutshabalala ngekrele.

29 Ngako oko, waye wawasukela, kwaye ngengomso waye wawafumana; baza balwa kwakhona ngekrele. Kwaye kwenzekile okokuba bakuba abonke bewile ngekrele, ngaphandle kokuba kube nguKoriyantamri noShiz, qaphelani uShiz wayewe isiqaqa ngenxa yokuphalala kwegazi.

30 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uKoriyantamri esoyama ngekrele lakhe, ukuze aphumle kancinane, wayishunqula intloko kaShiz.

31 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba eyishunqule intloko kaShiz, kangokuba uShiz waphakama ngezandla zakhe waza wawa; waza emva kokuba ezamazame ukuphefumla, wafa.

32 Kwaye kwenzekile okokuba auKoriyantamri wawela emhlabeni, waza wasuka wabangathi akanabo ubomi.

33 Yaza iNkosi yathetha kuye uEtere, yaza yathi kuye: Bheka phambili. Waza wabheka phambili, waza wabona okokuba amazwi eNkosi onke ayezalisekisiwe; waza wayigqiba aimbali yakhe; (kwaye isinye ekhulwini andisibhalanga) waza wazifihla ngohlobo lokokuba abantu bakaLimhayi baze bazifumane.

34 Ngoku amazwi okugqibela abhalwe anguEtere ngala: Nokokuba iNkosi ithande okokuba ndenziwe kumila kumbi, okanye okokuba ndinyamezele intando yeNkosi enyameni, akukhathaliseki, ukuba nje ndisindiselwa ebukumkanini bukaThixo. Amen.