Izibhalo
Etere 12


Isahluko 12

Umprofeti uEtere uyala abantu ukuba bakholelwe kuThixo—UMoronayi ubalisa imimangaliso neminqa eyenziwa ngokholo—Ukholo lwenza ukuba abenako umntakwabo Yerede ukumbona uKrestu—INkosi inika abantu ubuthathaka ukuze babe nokuthobeka—Umntakwabo Yerede wayishenxisa iNtaba iZerini ngokholo—Ukholo, ithemba, nothando lwenene ziyafuneka kulo usindiso—UMoronayi wambona uYesu ubuso ngobuso.

1 Kwaye kwenzekile okokuba imihla kaEtere yayingemihla kaKoriyantamri; kwaye auKoriyantamri wayengukumkani phezu kwelizwe.

2 Kwaye auEtere wayengumprofeti weNkosi; ngako oko ke uEtere weza ngaphambili ngemihla kaKoriyantamri, waza waqalisa ukuprofetha kubo abantu, kuba waye engenako bukuzibamba ngenxa yoMoya weNkosi owaye ukuye.

3 Kuba waye awadanduluka ukususela ngentsasa, kwanokude kube kukutshona kwelanga, eyala abantu ukuba bakholelwe kuThixo ukuya enguqukweni hleze bbatshatyalaliswe, esitsho kubo okokuba cngokholo zonke izinto zizalisekisiwe—

4 Ngako oko, nabani na okholelwayo kuThixo unako ngokuqinisekileyo aukubalithemba lehlabathi elilunge kunene, ewe, kwanayo indawo ngakuso esokunene isandla sikaThixo, ithemba elo eliza ngokholo, lenza biankile emiphefumlweni yabantu, eya kuthi ibenze babenako ukuqiniseka nokuzinza, besoloko bephuphuma cyimisebenzi emihle, bekhokelelwa ekubeni dbamzukise uThixo.

5 Kwaye kwenzekile okokuba uEtere waye waprofetha izinto ezinkulu nezimangalisayo kubo abantu, abangazanga bazikholelwa, ngenxa yokuba babengaziboni.

6 Kwaye ngoku, mna, Moronayi, ndiza kuthetha nje noko malunga nezi zinto; ndiza kubonisa kulo ihlabathi okokuba aukholo luzizinto besinethemba lazo kwaye cezingabonwayo; ngako oko, musani ukuphikisa ngenxa yokuba ningaboni, kuba anifumani bungqina kude kube semva dkokuvavanywa kokholo lwenu.

7 Kuba kwakungokholo ukuze uKrestu azibonakalise koobawo, emva kokuba evukile kwabafileyo; kwaye akazibonakalisanga kubo kwade kwaba semva kokuba benokholo kuye; ngako oko, kuyimfuneko okokuba abanye babenokholo kuye, kuba akazibonakalisi kulo ihlabathi.

8 Kodwa ngenxa yokholo lwabantu uzibonakalisile kulo ihlabathi, waza walizukisa igama likaBawo, waza walungiselela indlela yokokuba ngalo abanye bangaba ngabaxhamli kwisipho sasezulwini, ukuze babe nokuba nethemba kwezo zinto bangazibonanga.

9 Ngako oko, ninganako kanjalo ukuba nethemba, nize nibe ngabaxhamli kwisipho, ukuba ningathi nje nibe nokholo.

10 Qaphelani kwakungokholo ukuze abo bakudala ababizwe ngokohlobo olungcwele lukaThixo.

11 Ngako oko, ngokholo umthetho kaMoses wanikwa. Kodwa ngesipho soNyana wakhe uThixo ulungiselele aeyona ndlela ilunge ngakumbi; kwaye kungokholo ukuba uzalisekisiwe.

12 Kuba ukuba alukho aukholo phakathi kwabantwana babantu uThixo akanako ukuwenza bummangaliso phakathi kwabo; ngako oko, akazibonakalisanga kubo kwada kwaba semva kokukholwa kwabo.

13 Qaphelani, yayilukholo luka-Alma noAmyuleki olwabangela ukuba aintolongo idilikele emhlabeni.

14 Qaphelani, yayilukholo lukaNifayi noLihayi olwazisa ainguqu kumaLeymenayithi, ukuze abhaptizwe ngomlilo bnangoMoya oyiNgcwele.

15 Qaphelani, yayilukholo aluka-Amon nabazalwana bakhe bolwaziza ummangaliso omkhulu kangaka phakathi kwamaLeymenayithi.

16 Ewe, kwaye kwanabo bonke abenza aimimangaliso bayenza bngokholo, kwanabo abo babe ngaphambi koKrestu kananjalo nabo ababengasemva.

17 Kwaye kwakungokholo ukuze abafundi abathathu bazuze isithembiso sokokuba aabasayi kuze bakungcamle ukufa; kwaye abasizuzanga isithembiso kwada kwaba kusemva kokholo lwabo.

18 Kwaye kungakhange nangaliphi na ilixa kubekho nawuphina owenza imimangaliso kwada kwasemva kokholo lwabo; ngako oko baqala bakholelwa kuNyana kaThixo.

19 Kwaye kwakukho abaninzi abakholo lwabo lwalomelele ngokugqithisileyo, akwanangaphambi kokuba uKrestu afike, ababengenako ukuba bangathintelwa ngaphakathi bkwekhuselo, kodwa ngokwenene bazibona ngamehlo abo izinto ababezibone ngeliso lokholo, baza bavuya.

20 Kwaye qaphelani, sibonile kule mbali okokuba omnye wabo waye engumntakwabo Yerede; kuba lwalulukhulu kangako ukholo lwakhe kuThixo, kangangokuba xa uThixo waveza aumnwe wakhe wayengenako ukuwufihla emehlweni omntakwabo Yerede, ngenxa yelizwi lakhe awaye elithethile kuye, ilizwi elo awayelizuze ngokholo.

21 Kwaye emva kokuba umntakwabo Yerede ewubonile umnwe weNkosi, ngenxa ayesithembiso awathi umntakwabo Yerede wasizuza ngokholo, iNkosi ayibanganako ukufihla nantoni na emehlweni akhe; ngako oko yambonisa zonke izinto, kuba wayengasenakube athintelwe ngaphandle bkwekhuselo.

22 Kwaye kungokholo ukuze oobawo bazuze aisithembiso sokokuba ezi zinto zimele ukuza kubo abazalwana babo ngabo abeeNtlanga; ke ngoko iNkosi indiyalele, ewe, kwanaye uYesu Krestu.

23 Kwaye ndathi kuyo: Nkosi, abeeNtlanga baya kuhlekisa ngezi zinto, ngenxa ayobuthathaka bethu ekubhaleni; kuba Nkosi usenze saba namandlakazi elizwini ngokholo, kodwa akusenzanga saba bnamandlakazi ekubhaleni; kuba ubenze bonke aba bantu ukuba babenako ukuthetha kakhulu, ngenxa yoMoya oyiNgcwele othe wabanika wona;

24 Kwaye usenze okokuba sibe nokubhala nje kancinane, ngenxa yokuba athalala kwezandla zethu. Qaphela, akusenzanga saba namandlakazi aekubhaleni njengomntakwabo Yerede, kuba umenze okokuba izinto azibhalayo zibe namandlakazi kwananjengokuba enjalo, ukuze zibe namandla okubangela ukuba abantu bazifunde.

25 Uwenze kanjalo amazwi ethu anamandla kwaye abamakhulu, nokude singabinako ukuwabhala; ngako oko, xa sukuba sibhala siyabubona ubuthathaka bethu, kwaye sikhubeke ngenxa yokubekwa kwamazwi ethu; kwaye ndinoloyiko hleze abeeNtlanga abahlekise ngamazwi ethu.

26 Ndaza ndakuba ndikuthethile oku, iNkosi yathetha nam, isithi: Iziyatha aziyahlekisa, kodwa ziya kuba lusizi; kwaye ubabalo lwam lubanele abalulamileyo, ukuze bangenzi nzuzo ngobuthathaka benu;

27 Kwaye ukuba abantu bayeza kum ndiya kubabonisa aubuthathaka babo. bNdibanika abantu ubuthathaka ukuze babe nokuthobeka; kwaye cubabalo lwam lubanele bonke abantu abathi dbazithobe phambi kwam; kuba ukuba bayazithoba phambi kwam, baze babe nokholo kum, ke ngoko ndiya kuzenza eizinto ezibuthathaka zisuke zomelele kubo.

28 Qaphela, ndiya kubabonisa abeeNtlanga ubuthathaka babo, kwaye ndiya kubabonisa okokuba aukholo, ithemba, nothando lwenene zibasondeza kum—umthombo wabo bonke ubulungisa.

29 Kwaye mna, Moronayi, ekubeni ndiwavile la mazwi, ndathuthuzeleka, ndaza ndathi: Owu Nkosi, ubulungisa bakho buya kwenziwa, kuba ndiyazi okokuba wenza kubo abantwana babantu ngokokholo lwabo;

30 Kuba umntakwabo Yerede wathi kuyo intaba iZerini, aShenxa—yaza yashenxiswa. Kwaye ukuba wayengabanga nalo ukholo ngeyayingazanga yashenxa; ngako oko usebenza emva kokuba abantu benokholo.

31 Kuba njalo waye wazibonakalisa kubo abafundi bakho; kuba emva kokuba baba anokholo, kwaye baye bathetha egameni lakhe, waye wazibonisa kubo ngamandla amakhulu.

32 Kananjalo ndiyakhumbula okokuba umlungiselele indlu umntu, ewe, kwanaphakathi akwezindlu ezinkulu zikaYihlo, aya kuthi kuyo umntu abe nokuba bnethemba elilunge kakhulu ngakumbi; ngako oko umntu kufuneka athembe, okanye akanako ukwamkela ilifa endaweni leyo uyilungisileyo.

33 Kwaye kwakhona, ndiyakhumbula okokuba watsho ukuthi awalithanda ihlabathi, kwanokude ububeke phantsi ubomi bakho ngenxa yehlabathi, ukuze ube nokubuthabatha kwakhona ukuze ulungiselele indawo yabantwana babantu.

34 Kwaye ngoku ndiyazi okokuba olu athando owabanalo ngabantwana babantu luthando lwenene; ngako oko, ngaphandle kokuba abantu baya kuba nothando lwenene abanako ukuyidla ilifa loo ndawo othe wayilungisa kuzo izindlu ezinkulu zikaYihlo.

35 Ngako oko, ndiyazi ngale nto uyithethileyo, okokuba ukuba abeeNtlanga abanalo uthando lwenene, ngenxa yobuthathaka bethu, uya kubavavanya, kwaye usihluthe aisiphiwo sabo, ewe, kwanako oko bakufumeneyo, uze usinikele kwabo baya kuba nokuninzi ngakumbi.

36 Kwaye kwenzekile okokuba ndathandaza kuyo iNkosi okokuba ingabanika abeeNtlanga aubabalo, ukuze babe nokubanalo uthando lwenene.

37 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathi kum: Ukuba abanalo uthando lwenene akunamsebenzi kuni, nina beninyanisekile; ngako oko, izambatho zenu ziya kwenziwa azicoceke. Kwaye ngenxa yokuba nibubonile bubuthathaka benu niya kwenziwa nomelele, kwanokude nihlale phantsi kuyo indawo endiyilungisileyo ezindlwini ezinkulu zikaBawo.

38 Kwaye ngoku mna, Moronayi, ndithi salani kakuhle kubo abeeNtlanga, ewe, kananjalo nakubo abazalwana bam endibathandayo, side sibe siya kuhlangana phambi akwesihlalo sokugweba sikaKrestu, apho bonke abantu baya kwazi okokuba bizambatho zam azichatshazelwanga ngegazi lenu.

39 Kwaye ke niya kwazi okokuba andimbonile uYesu, nokokuba uthethile kunye nam bubuso ngobuso, nokokuba wandixelela ngentobeko ecacileyo, kwananje ngomntu exelela omnye ngolwam ulwimi, malunga nezi zinto.

40 Kwaye zimbalwa kuphela endizibhalileyo, ngenxa yobuthathaka bam ekubhaleni.

41 Kwaye ngoku, ndiza kuniyala ukuba animfune lo Yesu lowo abaprofeti nabapostile babhalileyo ngaye, ukuze ubabalo lukaThixo uBawo, kananjalo neNkosi uYesu Krestu, noMoya oyiNgcwele, onika bubungqina ngabo, unganani kwaye uhlale kuni ngonaphakade. Amen.