Izibhalo
Enoshe 1


INcwadi kaEnoshe

Isahluko 1

UEnoshe uthandaza ngamandla amakhulu kwaye ufumana ukuxolelwa kwezono zakhe—Izwi leNkosi liza engqondweni yakhe, lithembisa ukusindiswa kwamaLeymenayithi kwimihla ezayo—AmaNifayithi azama ukubuyisa amaLeymenayithi—UEnoshe uyavuyiswa nguMkhululi wakhe. Malunga 420 P.K.

1 Qaphelani, kwenzekile okokuba mna, aEnoshe, ndazi okokuba ubawo bebengumntu onobulungisa—kuba cwandifundisa ngolwimi lwakhe, waza kanjalo dwandikhulisa ngezilumkiso zeNkosi—kwaye malisikelelwe igama likaThixo wam ngenxa yaloo nto—

2 Kwaye ndiza kunixelela angemizamo endibenayo phambi koThixo, phambi kokuba ndifumane buxolelo lwezono zam.

3 Qaphelani, ndiye ndaya kuzingela izilo ehlathini; aza amazwi endidla ngokuweva rhoqo ethethwa ngubawo malunga nobomi banaphakade, anovuyo lwabangcwele, bangena nzulu entliziyweni yam.

4 Umphefumlo wam uye awalamba; ndaza bndaguqa phambi koMenzi wam, ndakhala kuye cngomthandazo onamandlakazi nokucengela umphefumlo wam; ndakhala imini yonke kuye; ewe, naxa bufika ubusuku bendisaphakamisela izwi lam phezulu ukuze lifike emazulwini.

5 Kwaye kwafika aizwi kum, lisithi: Enoshe, izono zakho zixolelwe, kwaye uya kusikelelwa.

6 Ndaza mna, Enoshe, ndayazi okokuba uThixo akanakuxoka; ngako oko, ityala lam latshayelwa.

7 Ndaza ndathi: Nkosi, yenzeke njani?

8 Yaza yathi kum: Ngenxa ayokholo lwakho kuKrestu, ongazange umve ngaphambili okanye umbone. Kwaye mininzi iminyaka eya kudlula phambi kokuba azibonakalise esenyameni; ngako oko, hamba, ukholo lwakho blukusindisile.

9 Ngoku, kwenzekile okokuba emva kokuba ndiwavile la mazwi ndaqalisa ukuba anomnqweno wentlalontle yabazalwana bam, amaNifayithi; ngako oko, bndawuphalaza umphefumlo wam wonke kuThixo ngenxa yabo.

10 Kwaza kwathi ngeli lixa ndisaxakekile emoyeni, qaphela, izwi leNkosi laphinda leza kum aengqondweni, lisithi: Ndiya kubavelela abazalwana bakho ngokunxulumene nenkuthalo yabo ekuyigcineni imiyalelo yam. bNdibanike eli lizwe, kwaye lilizwe elingcwele; kwaye candiliqalekisi ngaphandle kwesizathu sobugwenxa; ngako oko, ndiya kubavelela abazalwana bakho ngokunxulume noko ndikuthethileyo; kwaye izigqitho zabo ndiya kuzibuyekeza ngosizi phezu kweentloko zabo.

11 Kwaza emveni kokuba mna, Enoshe, ndiwavile la mazwi, ukholo lwam luye lwaqalisa ukungagungqi eNkosini; ndaza ndathandaza kuyo ngemizamo emininzi emide ngenxa yabazalwana bam, amaLeymenayithi.

12 Kwaye kwenzekile okokuba emveni kokuba andithandazile ndasebenza ngayo yonke inkuthalo, iNkosi yathi kum: Ndiya kukupha bngokweminqweno yakho, ngenxa yokholo lwakho.

13 Kwaye ngoku qaphelani, lo yaye ingumnqweno endandiwucela kuyo—wokokuba xa kunokwenzeka okokuba abantu bam, amaNifayithi, bangawela ekoneni, baze abatshatyalaliswe nangayiphi na indlela, aze amaLeymenayithi angatshatyalaliswa, inga iNkosi uThixo bingayilondoloza imbali yabantu bam, amaNifayithi; nokuba oko kungenzeka ngokwamandla engalo yayo engcwele, ukuze ciziswe ngaphambili kwimihla ezayo kumaLeymenayithi, ukuze, mhlawumbi, abe dnokuziswa elusindisweni—

14 Kuba okwangoku imizamo yethu yaba alilize ekubavuseleleni elukholweni lwenyani. Kwaye bafungile ngomsindo wabo ukuba, xa sukuba kunokwenzeka, bbangazitshabalalisa iimbali zethu kunye nathi, kwanazo zonke izithethe zooyise.

15 Ngako oko, ekubeni ndisazi ukuba iNkosi uThixo inako aukuzilondoloza iimbali zethu, ndiye ndasoloko ndikhala kuyo, kuba yayithe kum: Nantoni na oya kuyicela ngokholo, ukholelwa okokuba uya kuyifumana egameni likaKrestu, uya kuyifumana.

16 Kwaye bendinalo ukholo, ndaza ndakhala kuThixo okokuba aalondoloze biimbali; wenza umnqophiso kunye nam wokokuba uya ckuzizisa kumaLeymenayithi ngexesha lakhe.

17 Kwaye mna, Enoshe, ndayazi okokuba kuya kuba njengoko ebewenzile umnqophiso; ngako oko umphefumlo wam waphumla.

18 Yaza iNkosi yathi kum: Ooyihlo nabo babenze esi sicelo kum; kwaye kuya kwenziwa kubo ngokokholo lwabo; kuba ukholo lwabo belufana nolwakho.

19 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba mna, Enoshe, ndijikeleze kubantu bakaNifayi, ndiprofetha ngezinto eziya kwenzeka, ndingqina ngezinto endizivileyo nendizibonileyo.

20 Ndaye ndanika ubungqina bokokuba abantu bakaNifayi bazama ngenkuthalo ukubuyisela amaLeymenayithi elukholweni lokwenyani kuThixo. Kodwa aiinzame zethu zawa phantsi; intiyo yabo yayinzulu, kwaye babekhokelwa yimikhwa yabo emibi kangangokuba babendlongondlongo, babeneengcwangu, bbabengabantu abanxanelwe igazi, bezele ckukunqula izithixo nokungcola; besitya amarhamncwa, behlala ezintenteni, bezulazula entlango ngemibhinqo emifutshane yezikhumba ezinqeni neentloko zabo zichetyiwe; kwaye ubuchule babo dbabukwizaphetha, kwaye nangamakrelana, nezembe. Uninzi lwabo lwalungatyi nto ngaphandle kwenyama ekrwada; kwaye babesoloko bezama ukusitshabalalisa.

21 Kwaye kwenzekile okokuba abantu bakaNifayi baye bawulima umhlaba, baza abalima zonke iintlobo zeenkozo, nolweziqhamo, bafuya nemihlambi yenkomo, kwaye nemihlambi yazo zonke iintlobo zeenkomo, neebhokhwe, neebhokhwe zasendle, kananjalo namahashe amaninzi.

22 Kwaye kukho aabaprofeti abaninzi ngokugqithisileyo phakathi kwethu. Kwaye nabantu bbabengabantu abaneentamo ezilukhuni, kunzima ukuba baqonde.

23 Kwaye kwakungekho nto ngaphandle akoburhabaxa obugqithileyo, bukushumayela nokuprofetha ngeemfazwe, neembambano, nentshabalalo, cnokubakhumbuza rhoqo ngokufa, kwaye nangobude bexesha lanaphakade, nezigwebo namandla kaThixo, nazo zonke ezi zinto—zibashukumisa drhoqo ukubagcina benoloyiko lweNkosi. Ndithi kwakungekho nanye into ngaphandle kwezi zinto, kwaye namazwi acace kakhulu ngokugqithisileyo, awayenokubanqanda ekuyeni ezantsi ekutshabalaleni ngokukhawuleza. Kwaye ndibhala ngolu hlobo ngabo.

24 Kwaye ndibone iimfazwe phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi kwimihla yobomi bam.

25 Kwaye kwenzekile okokuba ndaqalisa ukuba mdala, kwaye elikhulu namashumi asixhenxe anethoba eminyaka yayisele idlule ukususela xa ubawo wethu uLihayi aeshiya iYerusalem.

26 Kwaye ndabona okokuba kufuneka kungekudala ndehlele ezantsi engcwabeni lam, ekubeni bendiye ndafikelwa ngamandla kaThixo ukuba ndishumayele ndiprofethe kwabo bantu, kwaye ndivakalise ilizwi ngokulandela inyaniso ekuKrestu. Kwaye ndiyivakalisile ngayo yonke imihla yam, kwaye ndivuyile kuyo ngaphezu koko kwasehlabathini.

27 Kwaye kungekudala ndiya endaweni yam ayokuphumla, loo ndawo ikuMkhululi wam; kuba ndiyazi okokuba kuye ndiya kuphumla. Kwaye ndiyawuvuyela loo mhla xa sukuba owam bumzimba onokufa uya kwambatha cukungafi, kwaye uya kuma phambi kwakhe; ngoko ndiya kububona ubuso bakhe ndinolonwabo, kwaye uya kuthi kum: Yiza kum, wena usikelelweyo, ikhona indawo elungiselelwe wena dezindlwini ezinkulu zikaBawo. Amen.