Izibhalo
Alma 40


Isahluko 40

UKrestu ubangela ukuba kwenzeke uvuko lwabo bonke abantu—Abafe bengamalungisa baya eparadesi baze abakhohlakeleyo baye kubumnyama bangaphandle ukulinda umhla wokuvuka kwabo—Zonke izinto ziya kubuyiselwa kowona kanye nofezekileyo umzimba ngoVuko. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku nyana wam, naku okunye okuthile okungakumbi endifuna ukukuthetha kuwe; kuba ndiyaqonda okokuba ingqondo yakho ikhathazekile ngokunxulumene novuko lwabafileyo.

2 Qaphela, ndithi kuwe, alukho uvuko—okanye, ndingathi, ngamanye amazwi, lo mzimba ufayo awambathi akungafi, oku konakalayo bakwambathi kungonakali—kude ckube semva kokuza kukaKrestu.

3 Qaphela, ubangela ukuba kwenzeke auvuko lwabafileyo. Kodwa qaphela, nyana wam, uvuko alukenzeki. Ngoku, ndikusombululela imfihlelo; nangona kunjalo zininzi biimfihlelo cezigciniweyo, ukuze zingaziwa mntu ngaphandle koThixo ngokwakhe. Kodwa ndikubonisa into enye endiyibuze ngenkuthalo kuThixo ukuze ndibe nokuyazi—loo nto imalunga novuko.

4 Qaphela, kukho ilixa elimisiweyo lokuba bonke beya akuvuka ekufeni. Ngoku ukuba liya kuza nini elo lixa akukho mntu waziyo; kodwa uThixo uyalazi ilixa elimisiweyo.

5 Ngoku, nokuba kuya kubakho ilixa elinye, okanye ailixa lesibini, okanye elesithathu, lokuba abantu bavuke ekufeni, akubalulekanga oko; kuba uThixo buyazazi zonke ezi zinto; kwaye kuyandanelisa ukwazi ukuba kuya kubanjalo—ukuba kukho ilixa elimisiweyo lokuba bonke beya kuvuka kwabafileyo.

6 Ngoku kuyimfuneko okokuba kubekho ithuba phakathi kwelixa lokufa nelixa lovuko.

7 Kwaye ngoku ndinqwenela ukubuza ukuba kwenzeka ntoni na angemiphefumlo yabantu ukususela kweli lixa lokufa ukuya kwilixa elimiselwe uvuko?

8 Ngoku nokuba kukho isihlandlo esingaphezulu kunesinye esimiselweyo kubantu ukuba bavuke akubalulekanga; kuba abafi bonke ngaxesha linye, kwaye oku akubalulekanga; konke kufana nosuku olunye kuThixo, kwaye ngabantu kuphela abazibalela ixesha.

9 Ke ngoko, kukho ilixa elimisiweyo ebantwini lokuba beya kuvuka ekufeni; kwaye kukho ithuba phakathi kwelixa lokufa nokuvuka. Kwaye ngoku, ngokunxulumene nesisithuba sexesha, okwenzekayo ngemiphefumlo yabantu yinto endiyibuze ngenkuthalo eNkosini ukuba ndiyazi; kwaye le yinto enxulumene naleyo endaziyo ngayo.

10 Kwaye xa ilixa lifika lokuba bonke beya kuvuka, ke baya kuyazi okokuba uThixo wazi onke aamaxesha amiselwe abantu.

11 Ngoku, malunga nemo yomphefumlo phakathi akokufa novuko—Qaphela, kwazisiwe kum yingelosi, okokuba imiphefumlo yabo bonke abantu, kwakamsinya nje ukuba iwushiye lo mziba ufayo, ewe, imiphefumlo yabo bonke abantu, nokokuba ilungile okanye mibi, ithatyathelwa bekhaya kuloo Thixo owathi wayinika ubomi.

12 Kwaye ke kuya kwenzeka okokuba oomoya babo bangamalungisa bamkelwe kwimo ayovuyo, ebizwa ngokuba byiparadesi, imo cyokuphumla, imo dyoxolo, apho baya kuphumla khona kuzo zonke iinkathazo zabo, kwaye nakuyo yonke inkathalo, nosizi.

13 Kwaye ke kuya kwenzeka, okokuba oomoya babakhohlakeleyo, ewe, abangcolileyo—kuba qaphela, abanayo nenxalenye okanye nasuntswana loMoya weNkosi; kuba qaphela, bakhetha imisebenzi emibi kunemihle; ke ngoko umoya kamtyholi waye wangena kubo, waza wayithabathela kuye indlu yabo—kwaye aba baya kukhutshelwa ngaphandle akubumnyama bangaphandle; kuya kubakho bizikhalo, nezijwili, nokutshixiza kwamazinyo, kwaye oku kungenxa yobugwenxa babo, kuba bekhokelwa bengabathinjwa ngokwentando kamtyholi.

14 Ngoku le yimo yemiphefumlo ayabakhohlakeleyo, ewe, ebumnyameni, kwaye nemo embi kakhulu, bbekhangeleka bezele kukoyika kuba ingqumbo enkulu engumsindo otshisayo kaThixo iphezu kwabo; njalo ke bahlala bekule cmeko, ngokunjalo namalungisa eparadesi, kude kube lilixa lovuko lwabo.

15 Ngoku, kukho abathile abayiqondileyo ukuba le mo yovuyo kwaye nale mo yokunxunguphala komphefumlo, phambi kovuko, yayiluvuko lokuqala. Ewe, ndiyavuma inokubizwa ngokuba luvuko, ukunyuswa komoya okanye umphefumlo nokuthunyelwa kwayo eluvuyweni okanye ekunxunguphaleni, ngokwamazwi athethiweyo.

16 Kwaye qaphela, kwakhona kuthethiwe, ukuba kukho auvuko blokuqala, uvuko lwabo bonke ababekho, okanye abakhoyo, okanye abaya kubakho, ukwehla ukuya kufika kuvuko lukaKrestu kwelabafileyo.

17 Ngoku, asingecingi ukuba olu vuko lokuqala, ekuthethwa ngalo ngolu hlobo, lunokuba luvuko lwemiphefumlo anokuthunyelwa kwayo eluvuyweni okanye ekunxunguphaleni. Aninako ukucinga ukuba oku kuthetha oko.

18 Qaphela, ndithi kuwe, Hayi; kodwa ithetha ukubuyelana komphefumlo kunye nomzimba, yabo ukusuka kwimihla ka-Adam ukuhla ukuza kufika aekuvukeni kukaKrestu.

19 Ngoku, nokokuba imiphefumlo nemizimba yabo abo ekuthethwe ngabo yonke iya kubuyelana ngaxeshanye, eyabakhohlakeleyo kwakunye neyamalungisa, anditsho; makwanele, xa ndisithi bonke baya kuza ngaphambili; okanye ngamanye amazwi, uvuko lwabo luya kwenzeka aphambi kovuko lwabo bafe emva kovuko lukaKrestu.

20 Ngoku, nyana wam, anditsho ukuba uvuko lwabo luza ekuvukeni kukaKrestu; kodwa qaphela, ndiyinika njengoluvo lwam, lokuba imiphefumlo nemizimba iyabuyelana, eyamalungisa, ekuvukeni kukaKrestu, anokunyukela kwakhe ezulwini.

21 Kodwa nokokuba kusekuvukeni kwakhe okanye ngemva, anditsho; kodwa ndithetha okungaka, okokuba kukho aithuba phakathi kokufa nokuvuka komzimba, kwakunye nemo yomphefumlo bekuvuyeni okanye cekunxunguphaleni kude kube lilixa elimisiweyo nguThixo lokuba abafileyo beze ngaphambili, kwaye zihlanganiswe kwakhona, kunye umphefumlo nomzimba, ize diziswe ime phambi koThixo, ize igwetywe ngokwemisebenzi yayo.

22 Ewe, oku kuzisa ukubuyelana kwezo zinto ebekuthethwe ngazo ngemilomo yabaprofeti.

23 aUmphefumlo uya bkubuyiselwa cemzimbeni, kwaye nomzimba emphefumlweni; ewe, kwaye lonke ilungu nelungu liya kubuyiselwa emzimbeni walo; ewe, kwanalo unwele lwentloko aluyi kulahleka; kodwa zonke izinto ziya kubuyiselwa kowona wokwenene nofezekileyo umzimba.

24 Ngoku, nyana wam, olu lubuyelwano aebekuthethwe ngalo ngemilomo yabaprofeti—

25 Kwaye ke amalungisa aya kukhazimla ebukumkanini bukaThixo.

26 Kodwa qaphela, aukufa okoyikekayo kuza phezu kwabakhohlakeleyo; kuba bayafa ngokwezinto eziphathelele nezinto zobulungisa; kuba abacocekanga, kwaye akukho bnto ingacocekanga eya kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; kodwa bakhutshelwa ngaphandle, kwaye bathunyelwe ukuba bathabathe batye kuzo iziqhamo zemigudu okanye imisebenzi yabo, ebe imibi; kwaye basele intlenge yendebe ekrakrayo.