Izibhalo
Alma 34


Isahluko 34

UAmyuleki ungqina ukuba ilizwi likuKrestu ukuya elusindisweni—Ngaphandle kokuba kwenziwe intlawulelo, uluntu lonke luya kufa—Wonke umthetho kaMoses ukhomba kwidini loNyana kaThixo—Icebo lanaphakade lenkululeko lisekwe elukholweni nasekuguqukeni—Thandazelani iintsikelelo zasenyameni nezasemoyeni—Obu bomi lilixa lokuba abantu bazilungiselele ukuhlangana noThixo—Lusebenzeleni usindiso lwenu ngoloyiko phambi koThixo. Malunga 74 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uAlma ethethe la mazwi kubo wahlala phantsi emhlabeni, waza auAmyuleki waphakama kwaye waqalisa ukubafundisa, esithi:

2 Bazalwana bam, ndicinga ukuba akunakwenzeka ukuba ningabinalwazi ngezinto ezithethiweyo malunga nokuza kukaKrestu, esinifundisa ukuba unguNyana kaThixo; ewe, ndiyazi ukuba aezi zinto nanizifundisiwe ngokubanzi phambi kokukreqa kwenu phakathi kwethu.

3 Kwaye njengoko beninqwenela ukuba umzalwana wam othandekayo anazise ngoko nimele nikwenze, ngenxa yeembandezelo zenu; kwaye uthethe nje noko nani ukulungiselela iingqondo zenu; ewe, kwaye uniyalele ukuba nibe nokholo nomonde—

4 Ewe, nokokude nibe nokholo kangangokuba nibe nako aukulityala ilizwi ezintliziyweni zenu, ukuze nilizame ilinge lokulunga kwalo.

5 Kwaye sibonile ukuba umbuzo omkhulu osezingqondweni zenu ngowokuba ingaba ilizwi likuNyana kaThixo na, okanye nokokuba akuyi kubakho Krestu.

6 Kananjalo nibonile ukuba umzalwana wam ubonisile kuni, ngamaxesha amaninzi, okokuba ailizwi likuKrestu elisa elusindisweni.

7 Umzalwana wam ucaphule kumazwi kaZenoshe, awokuba inkululeko iza ngoNyana kaThixo, kananjalo nakumazwi kaZenokhi; kananjalo ucaphule nakuMoses, ukungqina ukuba ezi zinto ziyinyani.

8 Kwaye ngoku, qaphelani, ndiza akungqina kuni ngokwam ukuba ezi zinto ziyinyani. Qaphelani, ndithi kuni, ndiyazi ukuba uKrestu uya kuza phakathi kwabantwana babantu, ukuthabathela kuye izigqitho zabantu bakhe, nokuba uya bkuhlawulela izono zehlabathi; kuba iNkosi uThixo ikuthethile.

9 Kuba kuyimfuneko ukuba aintlawulelo yenziwe; kuba bngokwecebo elikhulu likaThixo waNaphakade kufuneka kubekho intlawulelo eyenziwayo, kungenjalo lonke uluntu kufuneka ngokungenakuphetshwa lutshabalale; ewe, bonke baqaqadekile; ewe, bonke cbawile kwaye balahlekile, kwaye kufuneka batshabalale ngaphandle kokuba kwenziwe intlawulelo ekuyimfuneko ukuba yenziwe.

10 Kuba kuyimfuneko ukuba kubekho aidini elikhulu nelokugqibela; ewe, hayi idini lomntu, nalo elesilo, naluphi na uhlobo lweentaka; kuba aliyi kuba lidini lomntu; kodwa kufuneka libe blidini celingenasiphelo nelanaphakade.

11 Ngoku akukho namnye umntu onako ukuncama igazi elilakhe eliya kuhlawulela izono zomnye. Ngoku, ukuba umntu uyabulala, qaphelani ingaba umthetho wethu aonobulungisa ungabuthabathana ubomi bomzalwana wakho? Ndithi kuni, Hayi.

12 Kodwa umthetho ufuna ubomi balowo aubuleleyo; ke ngoko akunakubakho nto nganeno kwentlawulelo engenamda enokwanela izono zehlabathi.

13 Ke ngoko, kuyimfuneko ukuba kubekho idini elikhulu nelokugqibela, kwaye ngoko kuya kubakho, okanye kuyimfuneko ukuba kubekho, aukuphela kwempalalo-gazi; ngoko uya kuzalisekiswa bumthetho kaMoses; ewe, uya kuzalisekiswa wonke, onke amaganyana namasuntswana, kwaye akuyi kubakho nalinye eliya kudlula.

14 Kwaye qaphelani, oku kuyiyo yonke aintsingiselo byomthetho, lonke isuntswana lolatha kwelo cdini likhulu nelokugqibela; kwaye eloo dini likhulu nelokugqibela liya kuba nguNyana kaThixo, ewe, elingenasiphelo nelingunaphakade.

15 Kwaye njalo uya kuzisa ausindiso kubo bonke abaya kukholwa egameni lakhe; oku ke kuyinjongo yeli dini lokugqibela, ukuzisa imbilini yemfesane, eyoyisa nobulungisa, kwaye eyazisa abantu indlela yokuba babenokholo baze baguquke.

16 Kwaye njalo ainceba inokuzanelisa iimfuno bzobulungisa, kwaye ibarhangqe ngeengalo zokhuselo, ngeli lixa lowo ungalusebenzisiyo ukholo ukuya enguqukweni edandalazisiwe kuwo wonke umthetho weemfuno czobulungisa; ke ngoko, dicebo elikhulu lanaphakade lenkululeko liziswa kulowo kuphela unokholo aze aguquke.

17 Ke ngoko, wanga uThixo anganinika, bazalwana bam, ukuba nibenako ukuqalisa ukulusebenzisa aukholo lwenu nize niguquke, ukuze niqalise bukulibiza igama lakhe elingcwele ukuze abe nenceba kuni.

18 Ewe, khalani kuye ukucela inceba; kuba unamandlakazi okusindisa.

19 Ewe, zithobeni, niqhubeke ngokuthandaza kuye.

20 Khalani kuye xa nisemasimini enu, ewe, naphezu kwemihlambi yenu yonke.

21 aKhalani kuye ezindlwini zenu, ewe, phezu kosapho lwenu lonke, kunye ekuseni, emini emaqanda, nangorhatya.

22 Ewe, khalani kuye ngokuchasene namandla eentshaba zenu.

23 Ewe, akhalani kuye ngokuchasene bnomtyholi, olutshaba labo bonke cubulungisa.

24 Khalani kuye ngezityalo zamasimi enu, ukuze niphumelele kuwo.

25 Khalani ngemihlambi yamadlelo enu, ukuze yande.

26 Kodwa akuphelelanga apha, yithululeni imiphefumlo yenu aemagumbini enu afihlakeleyo, nasezindaweni zenu ezifihlakeleyo, nakwiintlango zenu.

27 Ewe, kwaye xa ningakhali kuyo iNkosi, zivumeleni aiintliziyo zenu ukuba bzizale, zitsaleleke emthandazweni kuye ngalo lonke ixesha ukwenzela intlalo-ntle yenu, kananjalo nentlalo-ntle yabo baningqongileyo.

28 Kwaye ngoku qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndithi kuni, musani ukucinga ukuba kuphelele apho; kuba emva kokuba nizenzile zonke ezi zinto, ukuba niyabagxotha aabasweleyo, nabaze, ningabandwendweli abagulayo nababandezelekileyo, nize bninikele ngezinto zenu, ukuba ninazo, kwabo basweleyo—Ndithi kuni, ukuba anenzi nayiphi kwezi zinto, qaphelani, cumthandazo wenu dulilize, kwaye awuloncedo kuni, kwaye ningabahanahanisi abakhanyela ukholo.

29 Ke ngoko, ukuba anikukhumbuli ukuba anothando lwenene, nifana nomququ, othi ulahlwe ngaphandle ngabanyibilikisi, (kuba ungenaxabiso) kwaye unyathelwa phantsi kweenyawo zabantu.

30 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinqwenela okokuba, emva kokuba nifumene amangqina amaninzi kangaka, nibonile ukuba izibhalo ezingcwele ziya zingqina ezi zinto, yizani ngaphambili kwaye nizise aiziqhamo enguqukweni.

31 Ewe, ndinga ningeza ngaphambili kwaye ningaziqaqadekisi iintliziyo zenu kwakhona; kuba qaphelani, ngoku lilixa anomhla wosindiso lwenu; kwaye ke ngoko, ukuba niya kuguquke kwaye ningaziqaqadekisi iintliziyo zenu, ngoko nangoko icebo elikhulu lenkululeko liya kuziswa nangakuni.

32 Kuba qaphelani, obu bomi lilixa lokuba abantu abazilungiselele ukuhlangana noThixo; ewe, qaphelani umhla wobu bomi ngumhla wokuba abantu benze imisebenzi yabo.

33 Kwaye ngoku, njengoko benditshilo kuni ngaphambili, njengokuba nibe namangqina amaninzi kangaka, ke ngoko, ndiyanibongoza ukuba aningawulibazisi umhla bwenguquko yenu kude kube sekupheleni; kuba emva kwalo mhla wobomi, esiwunikiweyo ukuba sizilungiselele unaphakade, qaphelani, ukuba asiliphuculi ithuba lethu ngeli lixa sikobu bomi, ngoko kuza cubusuku dbobumnyama ekungenakube kubekho msebenzi onokwenziwa.

34 Aninako ukuthi, xa niziswa kwelo xesha alinzima loyikekayo, ukuthi ndiza kuguquka, ukuthi ndiza kubuyela kuThixo wam. Hayi, aninako ukukutsho oku; kuba kwaloo moya ulawula imizimba yenu ngeli lixa niphuma kobu bomi, kwawona loo moya uya kuba namandla wokuwulawula umzimba wenu kwelo hlabathi lanaphakade.

35 Kuba qaphelani, ukuba niyawulibazisa umhla wenguquko yenu kude kube sekufeni, qaphelani, niya kuba anizibeke phantsi kolawulo lomoya kamtyholi, kwaye bunitywinelele ekubeni ngabakhe; ke ngoko, uMoya weNkosi urhoxile kuni, kwaye awunandawo kuni, kwaye umtyholi unawo onke amandla phezu kwenu; kwaye le yimo yokugqibela yabakhohlakeleyo.

36 Kwaye oku ndiyakwazi, ngenxa yokuba iNkosi itshilo ukuthi ayihlali aezitempileni ezingengcwele, kodwa ezintliziyweni bzamalungisa iyahlala; ewe, kananjalo itshilo nokuthi amalungisa aya kuhlala phantsi ebukumkanini bayo, ukuze angaphindi aphumele ngaphandle; kodwa izambatho zawo kumele zenziwe mhlophe ngegazi leMvana.

37 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ndinqwenela ukuba nizikhumbule ezi zinto, kwaye nokokuba anilusebenzele usindiso lwenu ngoloyiko phambi koThixo, nokokuba ningabuyi nikukhanyele ukuza kukaKrestu.

38 Nokokuba ningabuyi aniphikisane noMoya oyiNgcwele, kodwa niwamkele, kwaye nithabathele kuni bigama likaKrestu; nokokuba nizithobe ngokude kuse eluthulini, kwaye cninqule uThixo, nakuyiphi na indawo eniya kube nikuyo, ngomoya nangenyaniso; nokokuba nihlale dninemibulelo imihla yonke, ngenxa yeenceba neentsikelelo ezininzi athi azibeke phezu kwenu.

39 Ewe, kwaye ndiyaniyalela kanjalo, bazalwana bam, ukuba anikuphaphele ukuthandaza ngamaxesha onke, ukuze ningalahlekiswa bzizihendo zikamtyholi, ukuze anganoyisi, okokuba ningabi phantsi kwakhe ngomhla wokugqibela; kuba qaphelani, akanivuzi cnganto ilungileyo.

40 Kwaye ngoku bazalwana bam abathandekayo, ndiza kuniyalela ukuba nibe anomonde, nokokuba ninyamezele lonke uhlobo lweembandezelo; okokuba bningabanyelisi abanilahlela ngaphandle ngenxa yobuhlwempu benu obugqithisileyo, kuba hleze nibe ngaboni njengabo;

41 Kodwa nje ukuba nibe nomonde, kwaye ninyamezele ezo mbandezelo, ngethemba eliqinileyo lokokuba ngenye imini niya kuphumla kuzo zonke iimbandezelo zenu.