Izibhalo
Alma 29


Isahluko 29

UAlma unqwenela ukudanduluka inguquko ngenzondelelo ebungelosi—INkosi isinika iititshala kuzo zonke izizwe—UAlma uyaqhayisa ngomsebenzi weNkosi nangempumelelo ka-Amon nabazalwana bakhe. Malunga 76 P.K.

1 Owu akwaba bendiyingelosi, kwaye ndinokuwuzuza umnqweno wentliziyo yam, ukuze ndibe nokubheka phambili ndize ndithethe ngexilongo likaThixo, ngelizwi ukuze kushukume umhlaba, kwaye ndidanduluke inguquko kubo bonke abantu!

2 Ewe, ndingavakalisa kuwo wonke umphefumlo, ngokungathi lilizwi lendudumo, inguquko necebo lenkululeko, okokuba bamele baguquke kwaye abeze kuThixo wethu, ukuze kungabi sabakho lusizi lungakumbi phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba.

3 Kodwa qaphelani, ndingumntu, kwaye ndiyona ngawo umnqweno wam; kuba bekufanele ndonele zizinto ezo ethe iNkosi yazabela kum.

4 Akufanelekanga ukuba ndihlungiseke ngenxa yeminqweno yam kummiselo ongqingqwa woThixo olungileyo, kuba ndiyazi okokuba ubanika abantu angokweminqweno yabo, nokokuba kusekufeni okanye ebomini; ewe, ndiyazi okokuba wabela abantu, ewe, umisa kubo imimiselo engena kuguqulwa, bngokweminqweno yabo, nokokuba kusa elusindisweni okanye kusa entshabalalweni.

5 Ewe, kwaye ndiyazi okokuba ukulunga nobubi kukhona phambi kwabo bonke abantu; yena lowo ungakwaziyo okulungileyo kokubi akanatyala; kodwa yena lowo aukwaziyo okulungileyo nokubi, kuye lowo kunikwa ngokweminqweno yakhe, nokokuba unqwenela okulungileyo okanye okubi, ubomi okanye ukufa, uvuyo okanye ukuzisola bkwesazela.

6 Ngoku, ekubeni ndibona okokuba ndiyazazi ezi zinto, kungani ukuba ndinqwenele ngaphezulu kunokuba ndenze umsebenzi endithe ndabizelwa kuwo?

7 Kungani ukuba ndinqwenele ukuba ndinge ndiyingelosi, okokuba ndibe nokuthetha kuzo zonke iziphelo zomhlaba?

8 Kuba qaphelani, iNkosi ithi inike kuzo azonke izizwe, okwesizwe zazo bnolwimi, ukuba zilifundise ilizwi lakhe, ewe, ngobulumko, konke oko cibona kuzilungele ukuba zibenako; ke ngoko siyabona okokuba iNkosi ithi iyalele ngobulumko, malunga naloo nto ilungileyo kwaye iyinyani.

9 Ndiyakwazi oko iNkosi indiyalele kona, kwaye ndiyayizukisa ngako. aAndizizukisi ngokokwam, kodwa ndizukisa oko iNkosi indiyalele kona; ewe, kwaye olu luzuko lwam, ukuba mhlawumbi ndingaba sisixhobo ezandleni zikaThixo ukuzisa umphefumlo othile enguqukweni; kwaye olu luvuyo lwam.

10 Kwaye qaphelani, xa ndibona abaninzi babazalwana bam bezohlwaye ngokwenene, kwaye besiza kwiNkosi uThixo wabo, ke umphefumlo wam uzaliswa luvuyo; ke ndikhumbule ainto ethe yandenzela yona iNkosi, ewe, kwanokokuba iwuvile umthandazo wam; ewe, ke ndikhumbule ingalo yayo enenceba ethe yolulelwa ngakum.

11 Ewe, kananjalo ndikhumbule ukuthinjwa koobawo; kuba ngokwenene ndiyazi okokuba aiNkosi yaye yabahlangula baphuma ebukhobokeni, kwaye ngale ndlela yaye yalimisa ibandla layo; ewe, iNkosi uThixo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, noThixo kaYakobi, waye wabahlangula baphuma ebukhobokeni.

12 Ewe, bendisoloko ndikukhumbula ukuthinjwa koobawo; kwayena loo Thixo awabahlangulayo baphuma ezandleni zamaYiputa waye wabahlangula baphuma ebukhobokeni.

13 Ewe, kwayena loo Thixo waye walimisa ibandla lakhe phakathi kwabo; ewe, kwayena loo Thixo undibizile ngobizo olungcwele, ukuba ndishumayele ilizwi kwaba bantu, kwaye undinike impumelelo enkulu, aendinovuyo oluzeleyo ngayo.

14 Kodwa andivuyiswa yeyam impumelelo ndodwa, kodwa uvuyo lwam luzele ngakumbi ngenxa ayempumelelo yabazalwana bam, ababengasentla kwilizwe likaNifayi.

15 Qaphelani, basebenze ngokugqithisileyo, kwaye bazise ngaphambili iziqhamo ezininzi; kwaye uya kubanjani ukubaluleka umvuzo wabo!

16 Ngoku, xa ndicinga ngempumelelo yaba abazalwana bam umphefumlo wam uyemka, kwanokude ube nokwahlulwa kuwo umzimba, njengoko kwakunjalo, lukhulu kangako uvuyo lwam.

17 Kwaye ngoku wanga uThixo angabavumela aba, abazalwana bam, okokuba babe nokuhlala phantsi ebukumkanini bukaThixo; ewe, kananjalo nabo abaziziqhamo zemisebenzi yabo ukuze bangabi nakube baphinde baphumele ngaphandle, kodwa babe nokumdumisa ngonaphakade. Kwaye wanga uThixo angavuma okokuba kungenziwa ngokwamazwi am, kwananjengokuba ndithethile. Amen.