Izibhalo
Alma 13


Isahluko 13

Abantu babizwa njengababingeleli abakhulu ngenxa yokholo lwabo olugqithileyo nemisebenzi elungileyo—Kufuneka bafundise imiyalelo—Ngenxa yobulungisa baya ngcwaliswa baze bangene ekuphumleni kweNkosi—UMelkitsedeke waye ngomnye waba—Iingelosi zivakalisa iindaba zovuyo kulo lonke ilizwe—Ziya kubhengeza okona kuthe ncam ukuza kukaKrestu. Malunga 82 P.K.

1 Kwaye kwakhona, bazalwana bam, ndingazolathisa iingqondo zenu phambili kwilixa apho iNkosi uThixo yanika le miyalelo kubo abantwana bayo; kwaye ndinga ningakhumbula okokuba iNkosi uThixo ayamisa ababingeleli, ngokohlobo lwayo olungcwele, olwalungokobulungiseleli boNyana wayo, ukuba bazifundise ezi zinto kubo abantu.

2 Kwaye abo babingeleli babemiswe angokohlobo lobulungiseleli boNyana wayo, bngohlobo abanokuthi ngalo abantu babenokwazi ukuba luhlobo luni na abanokukhangela phambili ngalo kuNyana wayo ukuze bakhululwe.

3 Kwaye olu luhlobo abamiselwa ngalo—abebizwa kwaye bbelungiswa ukususela ckwisiseko sehlabathi dngokolwazi lwangaphambili lukaThixo, ngengxelo yokholo lwabo olugqithileyo nemisebenzi elungileyo; okokuqala beshiywa ukuba ebakhethe okulungileyo okanye okubi; ke ngoko bona kuba bekhethe okulungileyo, baza basebenzisa fukholo olugqithisileyo kakhulu, gbabizwe ngobizo olungcwele, ewe, ngolo bizo lungcwele olwaye lulungisiwe, kwaye ngokubhekisele kuyo, inkululeko elungiselelweyo kwabanjalo.

4 Kwaye njalo ke ababizwa kulo olu bizo lungcwele ngenxa yokholo lwabo, ngeli lixa abanye babewala uMoya kaThixo ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo nobumfama beengqondo zabo, ngeli lixa, ukuba bekungekuko oku ngebabenalo bilungelo elilodwa elikhulu njengabazalwana babo.

5 Okanye lilonke, okokuqala ababelingana nabazalwana babo, njalo ke olu bizo lungcwele lwalulungiselelwa ukususela kwisiseko sehlabathi lulungiselelwa abo babe ngayi kuziqaqadekisa iintliziyo zabo, lukuyo kwaye lungayo intlawulelo yakhe oKuphela koZelweyo uNyana, owayelungisiwe—

6 Kwaye njalo wabizwa ngolu bizo lungcwele, waza wamiswa kubo ububingeleli obukhulu bohlobo olungcwele lukaThixo, ukuba afundise imiyalelo yakhe kubo abantwana babantu, ukuze kanjalo babe nokungena aekuphumleni kwakhe—

7 Obu bubingeleli bukhulu bungokohlobo loNyana wakhe, ubulungiseleli obo obabukho ukususela kwisiseko sehlabathi; okanye ngamanye amazwi, aabunaso isiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka, silungiselelwe ukususela kunaphakade ukuya kunaphakade wonke, bngokolwazi lwakhe lwangaphambili lwazo zonke izinto—

8 Ngoku ababemiselwe ngolu hlobo—babebizwe ngobizo olungcwele, baza bamiselwa ngommiselo ongcwele, baza bathabathela phezu kwabo ububingeleli obukhulu bohlobo olungcwele, ubizo olo, nommiselo, nobubingeleli obukhulu, abunasiqalo okanye siphelo—

9 Njalo ke baba angababingeleli abakhulu ngonaphakade, ngokohlobo loNyana, oKuphela koZelweyo kaBawo, ongenasiqalo semihla okanye siphelo seminyaka, ozele blubabalo bubulungisa, nenyaniso. Kwaye kunjalo ke. Amen.

10 Ngoku, njengoko nditshilo malunga nohlobo olungcwele, okanye obu abubingeleli bukhulu, babebaninzi ababemiselwe baza baba ngababingeleli abakhulu bakaThixo; kwaye kwakungxelo yokholo lwabo olugqithileyo bnenguquko, nobulungisa babo phambi koThixo, bekhethe ukuguquka baze basebenze ubulungisa kunokuba batshabalale;

11 Ke ngoko babebizwe ngolu hlobo lungcwele, baza abangcwaliswa, zaza bizambatho zabo zahlanjwa zaba mhlophe ngegazi leMvana.

12 Ngoku bona, emva kokuba abengcwalisiwe bngoMoya oyiNgcwele, ngenxa yokuba iingubo zabo zenziwe mhlophe, zaba cmsulwa kwaye azabi nacaphaza phambi koThixo, babengenako ukujongana dnesono ngaphandle kokuba kube ekungentiyo; kwaye babebaninzi, bebaninzi ngokugqithisileyo kakhulu, ababenziwe nyulu baza bangena ekuphumleni kweNkosi uThixo wabo.

13 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ningazithoba phambi koThixo, nize nizise ngaphambili aiziqhamo ezifanele inguquko, ukuze nabo kanjalo babenokungena koko kuphumla.

14 Ewe, zithobeni nanjengabo abantu bemihla akaMelkitsedeke, owaye kanjalo engumbingeleli omkhulu ngolu hlobo endithethe ngalo, owathi naye kanjalo wathabathela kuye ububingeleli obukhulu ngonaphakade.

15 Kwaye yayikwangulo Melkitsedeke awathi auAbraham wanikela kuye bizishumi; ewe, kwanaye ubawo wethu uAbraham wahlawula izishumi zenxalenye kwako konke awayenako isiqingatha esinye eshumini.

16 Ngoku le amimiselo yayinikwe nglu hlobo, ukuze ngayo abantu babe nokukhangela phambili kuNyana kaThixo, yona ke bingumqondiso wohlobo lwakhe, okanye yona iluhlobo lwakhe, kwaye oku ukuze babe nokukhangela phambili kuye ukuze baxolelwe izono zabo, ukuze babe nokungena ekuphumleni kweNkosi.

17 Ngoku lo Melomelela kubugwenxa nesikizi; ewe, bonke babephambukile; babezele lulo lonke uhlobo lwenkohlakalo.

18 Kodwa uMelkitsedeke wasebenzisa ukholo olunamandlakazi, waza wamkela isikhundla sobubingeleli obukhulu ngokohlobo aolungcwele lukaThixo, waye washumayela inguquko kubo abantu bakhe. Kwaye qaphelani, baye baguquka; kwaye uMelkitsedeke waye wamisela uxolo elizweni ngemihla yakhe; ke ngoko wabizwa ngokuba uyinkosana yoxolo, kuba waye ngukumkani waseSalem; kwaye waye walawula ngaphantsi koyise.

19 Ngoku, ababebaninzi ngaphambi kwakhe, kananjalo babebaninzi nasemva koko, kodwa bakukho namnye owabekeka kakhulu kunaye; ke ngoko, ngaye bakhankanye ngokukhetheke ngakumbi.

20 Ngoku akukho mfuneko yokokuba ndibalise ngale nto; oko ndikuthethileyo kwanele. Qaphelani, aizibhalo ziphambi kwenu; ukuba niya bkuzigqwetha kuya kuba kuyintshabalalo yenu.

21 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uAlma ewathethile la mazwi kubo, wasolulela phambili isandla sakhe kubo waza wadanduluka ngelizwi elinamandlakazi, esithi: Ngoku eli lilixa alokuguquka, kuba umhla wosindiso uyasondela;

22 Ewe, kwaye nelizwi leNkosi, angomlomo weengelosi, uya kulivakalisa kuzo zonke izizwe; ewe, uya kulivakalisa, ukuze babenazo iindaba zovuyo zolonwabo olukhulu; ewe, kwaye uyazazisa ezi ndaba zovuyo phakathi kwabo bonke abantu bakhe, ewe, kwanakubo abo basasazwe kude phezu kobuso bomhlaba; ngako oko zifikile kuthi.

23 Kwaye zazisiwe kuthi angeentetho ezicacileyo, ukuze sibe nokuqonda, ukuze singabi nakuphazama; kwaye oku kungenxa yokuba bsizizibhadu-bhadu elizweni lasemzini; ke ngoko, njalo sithandwe kakhulu, kuba sinazo ezi ndaba zovuyo zivakaliswe kuthi kuyo yonke imimandla yesidiliya sethu.

24 Kuba qaphelani, aiingelosi ziyalivakalisa kwabaninzi ngalo eli lixa elizweni lethu; kwaye oku kungenjongo yokulungisa iintliziyo zabantwana babantu ukuba balamkele ilizwi lakhe ngelixa lokuza kwakhe esebuqaqawulini bakhe.

25 Kwaye ngoku silindele kuphela ukuva iindaba ezivuyisayo zivakaliswa kuthi ngomlomo weengelosi, ezokuza kwakhe; kuba ilixa liyeza, aasazi ukuba likufuphi kangakanani na. Ndinqwena kuThixo ukuba inga ingaba ngumhla wam; kodwa nokuba ukufuphi okanye kukamva, kuwo ndiya kugcoba.

26 Kwaye kuya kwaziswa akumadoda angamalungisa nangcwele, ngomlomo weengelosi, ngelixa lokuza kwakhe, ukuze amazwi oobawo abe nokuzaliseka, malunga noko bakuthethayo malunga naye, okwakungokomoya wesiprofetho owawukubo.

27 Kwaye ngoku, bazalwana bam, andinqwenela ngokusuka emazantsi entliziyo yam, ewe, ngenkxalabo enkulu ngokude kube yintlungu, okokuba ningawaphula-phula amazwi am, nize niziphose kude izono zenu, kwaye ningawulibazisi umhla wokuguquka kwenu;

28 Kodwa okokuba ningazithoba phambi kweNkosi, nize nilibize igama layo elingcwele, nize anilinde kwaye nithandaze ngamaxesha onke, ukuze bningahendeki ngaphezu koko ninako ukukuthwala, nize njalo nikhokelwe nguMoya oyiNgcwele, nithobeke, cnilulame, nithozame, nibe nomonde, nizele luthando nako konke ukuzeka kade umsindo;

29 aNinokholo kuyo iNkosi; ninethemba lokuba niya kufumana ubomi obungunaphakade; bninothando lukaThixo ngamaxesha onke ezintliziyweni zenu, ukuze nibe nokuphakanyiselwa phezulu ngomhla wokugqibela nize ningene cekuphumleni kwayo.

30 Kwaye inga iNkosi inganikela kuni inguquko, ukuze ningabi nakuzizisela umsindo wayo phezu kwenu, ukuze ningarhintyelelwa phantsi ngamatyathanga aesihogo, ukuze ningahlungiswa bkukufa kwesibini.

31 Kwaye uAlma wathetha namanye amazwi amaninzi kubo abantu, angabhalwanga kuyo le ncwadi.