Izibhalo
3 Nifayi 28


Isahluko 28

Abalithoba kwabalishumi elinesibini abadisipile banqwenela baze bathenjiswe ilifa kubukumkani bukaKrestu bakufa—AmaNifayithi amaThathu anqwenela aze anikwe amandla phezu kokufa ukuze asale emhlabeni ade uYesu afike kwakhona—Benziwa kumila kumbi baze babone izinto ezingekho mthethweni ukuba zithethwe, kwaye kaloku nje bayalungiselela phakathi kwabantu. Malunga E.K. 34–35.

1 Kwaye kwenzekile akuba uYesu ewathethile la mazwi, wathetha nabafundi bakhe, ngabanye ngabanye, esithi kubo: Ingaba yintoni na eniyinqwenelayo kum, emva kokuba ndihambile ukuya kuBawo?

2 Baza bonke bathetha, ngaphandle kwabathathu, besithi: Sinqwenela okokuba emva kokuba siphile kangangeminyaka yomntu, ukuba ubulungiseleli bethu, osibizele kubo, bungaphela, ukuze sibe nokuza kuwe ngokukhawulezileyo kubukumkani bakho.

3 Waza wathi kubo: Nisikelelekile nina ngenxa yokuba ninqwenela le nto kum; ke ngoko, emva kokuba ninamashumi asixhenxe ubudala niya kuza kum ebukumkanini bam; kwaye niya kufumana aukuphumla kunye nam.

4 Kwaye akuba ethethile nabo, waguqukela kuso isithathu, waza wathi kuso: Ingaba yintoni endinokunenzela yona, ndakuba ndihambile ukuya kuBawo?

5 Baza babalusizi ezintliziyweni zabo, kuba babengekhe balinge ukuyithetha kuye into ababeyinqwenela.

6 Waza wathi kubo: Qaphelani, ndiyazazi aiingcinga zenu, kwaye ninqwenele into awathi buYohane, intandane yam, owaye ekunye nam kubulungiseleli bam, ngaphambi kokuba ndiphakanyiselwe phezulu ngamaYuda, wayinqwenela kum.

7 Ke ngoko, nisikelelekile ngakumbi nina, kuba aanisokuze nikungcamle bukufa; kodwa niya kuphila ukuze nizibone zonke izenzo zikaBawo kubo abantwana babantu, kwanokude kube zonke izinto ziya kuzalisekiswa ngokwentando kaBawo, xa sukuba ndiya kuza ndisebuqaqawulini bam cndinamandla ezulu.

8 Kwaye anisokuze ninyamezele iintlungu zokufa; kodwa xa sukuba ndiya kuza ndisebuqaqawulini bam niya kuguqulwa ngokuqhwanyaza kweliso ukusuka aemzimbeni onokufa ukuya bekungafini; kwaye ke niya kusikelelwa ebukumkanini bukaBawo.

9 Kwaye kwakhona, anisayi kuba nantlungu ngeli lixa niya kuba nihleli nisenyameni, nantsizi ngaphandle kokuba kungezono zehlabathi; kwaye konke oku ndiya kukwenza ngenxa yento eniyinqweneleyo kum, kuba ninqwenele okokuba nibe anokuzisa imiphefumlo yabantu kum, ngeli lixa ihlabathi lisamile.

10 Kwaye kungesi sizathu niya kuba anovuyo olupheleleyo; kwaye niya kuhlala phantsi ebukumkanini bukaBawo; ewe, uvuyo lwenu luya kuphelela, kwananjengokuba uBawo endinike uvuyo olupheleleyo; kwaye niya kuba kwananjengokuba ndinjalo mna, kwaye mna ndikwanje ngokuba uBawo enjalo; kwaye uBawo kunye nam bsibanye;

11 Kwaye auMoya oyiNgcwele unika ubungqina ngoBawo kunye nam; kwaye uBawo unika uMoya oyiNgcwele kubo abantwana babantu, ngenxa yam.

12 Kwaye kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi, wabachukumisa bebonke ngomnwe wakhe ngaphandle kwesithathu esasiya kushiyeka, waza ke wemka.

13 Kwaye qaphelani, amazulu avuleka, baza abaxwilelwa emazulwini, baza babona kwaye beva izinto ezingathethekiyo.

14 Kwaye abalelwa ukuba bangazithetha; kungazange kunikelwe kubo mandla wokokuba bangazithetha izinto abathi bazibona kwaye baziva;

15 Kwaye nokuba babesenyameni okanye ngaphandle kwayo, babengenako ukuxela; kuba kwaye kwangathi kubo kwakufana anokwenziwa kumila kumbi kwabo, ukuze baguqulwe kulo mzimba wenyama ukuya kwimo yokungabi nakufa, ukuze babe nokuzibona izinto zikaThixo.

16 Kodwa kwenzekile okokuba baye kwakhona balungiselela phezu kobuso bomhlaba; nangona kunjalo abazange balungiselele ngezinto ababezivile kwaye bazibona, ngenxa yomyalelo ababewunikiwe emazulwini.

17 Kwaye ngoku, nokuba babenokufa okanye ukungabi nakufa, ukususela ngomhla wokwenziwa kumila kumbi kwabo, andazi;

18 Kodwa ndazi kangaka, ngokwembali ebinikiwe—baye babheka phambili phezu kobuso belizwe, kwaye baye balungiselela kubo bonke abantu, bebamanya abaninzi kangangoko ebandleni njengokuba babeya kukholelwa ekushumayeleni kwabo; bebabhaptiza, kwaye kangangobuninzi babo ababhaptizwayo baye bamkela uMoya oyiNgcwele.

19 Kwaye baphoswa entolongweni ngabo babengengabo abebandla. Kwaye aiintolongo azizange zibe nokubagcina, kuba zaqhekeka kubini.

20 Baza baphoswa phantsi emhlabeni; kodwa baye bawohlwaya umhlaba ngelizwi likaThixo, kangangokuba angamandla akhe bahlangulwa baphuma enzulwini yomhlaba; kwaye ke ngoko abazange babenako ukomba mihadi yaneleyo ukuba ibagcine.

21 Kwaye kathathu baphoswa aezikweni baze abafumana kwenzakala.

22 Kwaye kabini baphoswa aemhadini wezilo zasendle; kwaye qaphelani baye badlala kunye nazo izilo njengomntwana kunye netakane elanyayo, baza abafumana konzakala.

23 Kwaye kwenzekile okokuba njalo baye babheka phambili phakathi kwabo bonke abantu bakaNifayi, kwaye baye bashumayela aivangeli kaKrestu kubo bonke abantu phezu kobuso belizwe; kwaye baguqukela eNkosini, baza babamanya nebandla likaKrestu, baza njalo abantu bbeso sizukulwana basikelelwa, ngokwelizwi likaYesu.

24 Kwaye ngoku mna, Mormoni, ndiyapheza ukuthetha malunga nezi zinto okwethutyana.

25 Qaphelani, besele ndiza kuwabhala aamagama abo babengenakuze bakungcamle ukufa, kodwa iNkosi yala; ke ngoko andiwabhali, kuba afihliwe ehlabathini.

26 Kodwa qaphelani, ndibabonile, kwaye bandilungiselele.

27 Kwaye qaphelani baya kuba phakathi kwabeeNtlanga, kwaye abeeNtlanga abasayi kubazi.

28 Baya kuba kanjalo phakathi kwamaYuda, kwaye amaYuda awasayi kubazi.

29 Kwaye kuya kwenzeka, xa sukuba iNkosi ibona kufanelekile ngobulumko bayo okokuba baya kulungiselela kuzo zonke aizizwe ezisasazekileyo zikaSirayeli, kwaye nakuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi nabantu, kwaye baya kubakhupha kuzo bazise kuYesu imiphefumlo emininzi, ukuze iminqweno yabo ibe nokuzalisekiswa, kananjalo nangenxa yamandla okuqinisekisa kaThixo akubo.

30 Kwaye abanjengeengelosi zikaThixo, kwaye ukuba baya kuthandaza kuye uBawo egameni likaYesu banako ukuzibonakalisa nakuye nabani na umntu ababona kubalungele.

31 Ke ngoko, emikhulu nemangalisayo imisebenzi iya kwenziwa ngabo, ngaphambi kwawo aomkhulu nozayo umhla xa sukuba bonke abantu kufuneka ngokuqinisekileyo beme phambi kwesihlalo sokugweba sikaKrestu;

32 Ewe kwanaphakathi kwabeeNtlanga kuya kubakho aomkhulu nomangalisayo umsebenzi owenziwayo ngabo, ngaphambi kwaloo mhla womgwebo.

33 Kwaye ukuba beninazo zonke izibhalo ezinika ingxelo yayo yonke emangalisayo imisebenzi kaKrestu, beniya kuthi, ngokwamazwi kaKrestu, nazi okokuba ezi zinto kufuneka ngokuqinisekileyo zifike.

34 Kwaye yeha kulowo aungayi kuwaphulaphula amazwi kaYesu, kananjalo bnakwabo abanyulileyo waza wabathuma phakathi kwabo; kuba nabani na ongawamkeliyo amazwi kaYesu namazwi abo athe wabathuma abamkeli yena; kwaye ke ngoko akasayi kubamkela ngomhla wokugqibela;

35 Kwaye bekungalunga kubo ukuba ngebengazelwanga. Kuba nicinga okokuba ningabususa ubulungisa boThixo ocaphukileyo, aobenyathelwe phantsi kweenyawo zabantu, ukuze ngaye usindiso lube nokufika?

36 Kwaye ngoku qaphelani, njengokuba nditshilo malunga nabo iNkosi ibanyulileyo, ewe, kwanesithathu esasixwilelwe emazulwini, ukuba andazi nokuba babehlanjululwe kumzimba onokufa baya kumzimba ongenakufa—

37 Kodwa qaphelani, okoko ndabhalayo, ndibuzile eNkosini, kwaye ukwenze kwatyhilwa kum okokuba kufuneka kubekho inguqu eyenziwayo emizimbeni yabo, okanye kungenjalo kuyimfuneko okokuba bamele bakungcamle ukufa;

38 Ke ngoko, ukuze bangabi nakukungcamla ukufa kwabakho autshintsho olwenziwayo kuyo imizimba yabo, ukuze bangabi nakuva zintlungu nantsizi ngaphandle kokuba kungezono zehlabathi.

39 Ngoku olu tshintsho lwalungalingani noko kwakuza kwenzeka ngomhla wokugqibela; kodwa kwabakho utshintsho olwenziwayo kubo, kangangokuba uSathana akazange abenako ukuba namandla phezu kwabo, ukuze angabinako aukubahenda; kwaye bbabengcwalisiwe enyameni, ukuze babe cnokubangcwele, nokokuba amandla omhlaba angabinako ukulawula.

40 Kwaye bekule mo kwakufuneka bahlale kude kube ngomhla womgwebo kaKrestu; kwaye ngaloo mhla babeya kufumana olukhulu ngaphezulu utshintsho, nokwamkelwa ebukumkanini bukaBawo bangaze baphinde baphume, kodwa baze bahlale kunye noThixo ngonaphakade emazulwini.