Izibhalo
3 Nifayi 13


Isahluko 13

UYesu ufundisa amaNifayithi uMthandazo weNkosi—Kufanele ukuba baziqwebele ubutyebi ezulwini—Ishumi elinesibini labadisipile kubulungiseleli balo liyalelwa ukuba lingazikhathazi ngeemfuno zenyama—Thelekisa noMateyu 6. Malunga E.K. 34.

1 Inene, inene, nditsho ukuthi ndinga ningenza aamalizo kwabangamahlwempu; kodwa lumkani ukuze ningenzi amalizo enu phambi kwabantu ukuba nibonwe ngabo; okanye aninamvuzo kuYihlo osezulwini.

2 Ke ngoko, xa sukuba niya kwenza amalizo enu musani ukukhalisa ixilongo phambi kwenu, njengokuba abahanahanisi beya kwenza kwizindlu zesikhungo kwaye nasezitrateni, ukuze babe nokufumana auzuko lwabantu. Inene ndithi kuni, bawufumene umvuzo wabo.

3 Kodwa xa sukuba usenza amalizo musa ukusivumela isandla sakho sokhohlo sazi oko kwenziwa sisandla sakho sokunene;

4 Ukuze amalizo akho abe nokuba sekhusini; aze uYihlo obona emfihlakalweni, yena ngokwakhe uya kuvuza elubala.

5 Kwaye xa sukuba authandaza akuyi kuba njengabahanahanisi, kuba bayathanda ukuthandaza, bemi kwizindlu zezikhungo nakwiimbombo zezitrato, ukuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, bawufumene umvuzo wabo.

6 Kodwa wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho langasese, uze wakuba ulivalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlakalweni; kwaye uYihlo, obona emfihlakalweni, uya kukuvuza elubala.

7 Kodwa xa sukuba uthandaza, musa ukusebenzisa uphindaphindo olulilize, njengomhedeni, kuba ecinga okokobu uya kuviwa ngokuthetha kwakhe okuninzi.

8 Ke wena ngoko musa ukuba njengabo, kuba uYihlo auyazi ukuba zinto zini na ozisweleyo ngaphambi kokuba umcele.

9 Ngolu ahlobo ke ngoko bthandazani: cBawo wethu osezulwini, malingcwaliswe igama lakho.

10 Intando yakho mayenziwe emhlabeni njengokuba isenziwa ezulwini.

11 Uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abanamatyala kuthi.

12 aUngasingenisi ekuhendweni, kodwa usihlangule ebubini.

13 Kuba ubukumkani bobakho, namandla, nozuko, ngonaphakade. Amen.

14 Kuba, ukuba auyabaxolela abantu ukona kwabo uYihlo osezulwini uyakukuxolela nawe kanjalo;

15 Kodwa ukuba akubaxoleli abantu ukona kwabo nawe akasayi kukuxolela uYihlo okwakho ukona.

16 Ngaphezu koko, xa sukuba auzila ukutya musa ukuba njengabahanahanisi, ngembonakalo yobuso elusizi, kuba bayayonakalisa imbonakalo yobuso babo ukuze babe nokukhangeleka ebantwini ngokungathi bazile ukutya. Inene ndithi kuwe bawufumene umvuzo wabo.

17 Kodwa wena, xa sukuba uzile ukutya, yithambise intloko yakho, uze ubuhlambe ubuso bakho;

18 Ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzile ukutya, kodwa nje kuYihlo, aosemfihlakalweni; kwaye uYihlo, obona emfihlakalweni, uya kukuvuza elubala.

19 Musani ukuziqwebela ubutyebi phezu komhlaba, apho inundu nomhlwa zithi zonakalise, kwaye namasela aqhekeze aze abe;

20 Kodwa aziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungekho nundu namhlwa othi wonakalise, kwaye nalapho amasela angaqhekeziyo angebiyo.

21 Kuba apho ubutyebi bakho bukhoyo, nentliziyo yakho kanjalo iya kubalapho.

22 aUkukhanya komzimba liliso; ukuba, ke ngoko, iliso lakho linyanisekile, umzimba wakho uphela uya kuzala kukukhanya.

23 Kodwa ukuba iliso lakho libububi, umzimba wakho uphela uya kuzala bubumnyama. Ukuba, ke ngoko, ukukhanya okukuwe bubumnyama, bungakanani ukuba nzulu obo bumnyama!

24 Akukho mntu unako aukukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye kungenjalo uya kubambelela kwenye aze ayicekise enye. Akunako ukukhonza uThixo neSithixo Sorhalo.

25 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uYesu ewathethile la mazwi wakhangela kubo abalishumi elinambini awayebanyulile, waza wathi kubo: Khumbulani amazwi endiwathethileyo. Kuba qaphelani, ningabo abo endibanyulileyo ukuba anikhonze kubo aba bantu. Ke ngoko ndithi kuni, bmusani ukubuxhalabela ubomi benu, oko niya kukutya okanye oko niya kukusela; okanye nangomzimba wenu, into eniya kuyambatha. Ingaba ubomi abungaphezulu na kunokutya, nomzimba kunesambatho?

26 Qaphelani iintaka zezulu, kuba azihlwayeli, zingavuni zingakubutheli nakovimba; kanti ke uYihlo osezulwini uyazondla. Ingaba anilungile ngaphezulu kunazo kusini na?

27 Nguwuphi kuni ngokucinga nje onganako ukongeza ikubhite enye kubude bakhe?

28 Kwaye kungani nicinge ngezinxibo? Cingelani iinyibiba zasendle indlela ezikhula ngayo; azisebenzi nzima, zingasonti nakusonta;

29 Kanti ke nditsho kuni, ukuthi kwanoSolomon, kubo bonke ubungangamsha bakhe, wayengambathiswanga njengenye yezi.

30 Ngako oko, ukuba uThixo uyambathisa ngolo hlobo ingca yasendle, ethi ibekho namhla, ize ngomso iphoswe eziko, kwangokunjalo uya kunambathisa nani, ukuba aningabo abokholo oluncinane.

31 Ke ngoko musani ukuzicingela, nisithi, Siya kutya ntoni na? okanye, Siya kusela ntoni na? okanye, Siya kwambathiswa ngantoni na?

32 Kuba uYihlo osezulwini uyazi okokuba ninentswelo yezi zinto.

33 Kodwa funani tanci aubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, kwaye zonke ezi zinto ziya kongezelelwa kuni.

34 Musani ke ngoko ukulicingela ingomso, kuba ingomso liya kuzicingela ngezinto zalo. Usuku lwanele bububi balo.