Izibhalo
2 Nifayi 9


Isahluko 9

UYakobi uchaza okokuba amaYuda aya kuhlanganiselwa kuwo onke amazwe awo esithembiso—Intlawulelo ihlawulela umntu ekuWeni—Imizimba yabafileyo iya kuvuka emangcwabeni, noomoya babo esihogweni naseparadesi—Iya kugwetywa—Intlawulelo isindisa ekufeni, esihogweni, kumtyholi, nasekuthuthumbeni okungenasiphelo—Amalungisa aya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo—Izohlwayo zezono zikhankanyiwe—ONgcwele kaSirayeli ngumgcini wesango. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ndizifundile ezi zinto ukuze nazi malunga aneminqophiso yeNkosi athe wanqophisana ngayo kunye nayo yonke indlu kaSirayeli—

2 Athe wathetha ngayo kumaYuda, ngomlomo wabaprofeti abangcwele, kwanasekuqalekeni ukuhla, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, kude kufike ilixa lokuba beya akubuyiselwa kulo ibandla eliyinyani nomhlambi kaThixo; xa beya bkuhlanganiselwa ekhaya ckumazwe elifa labo, kwaye baya kuzinziswa kuwo onke amazwe abo esithembiso.

3 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndizithetha kuni ezi zinto ukuze nibe nokugcoba, kwaye aniziphakamisele phezulu iintloko zenu ngonaphakade, ngenxa yeentsikelelo eya kuthi iNkosi uThixo izithobe phezu kwabantwana benu.

4 Kuba ndiyazi ukuba niphengulule ngakumbi, abaninzi benu, ukuze nazi ngezinto ezisezayo; ngako oko ndiyazi ukuba niyayazi ukuba inyama yethu kufuneka iguge kwaye ife; nangona kunjalo, sikuyo aimizimba yethu siya kumbona uThixo.

5 Ewe, ndiyazi ukuba niyayazi ukuba ngomzimba uya kuzibonakalisa kwabo baseYerusalem, apho sasivela khona; kuba kuyimfuneko ukuba kube phakathi kwabo; kuba kufanelekile ukuba auMdali omkhulu aziyekele abe phantsi komntu esenyameni, kwaye afele bbonke abantu, ukuze bonke abantu babephantsi kwakhe.

6 Kuba njengoko ukufa kwehla phezu kwabo bonke abantu, ukuze kuzaliseke aicebo lenceba loMdali omkhulu, kumele kubekho amandla bovuko, kwaye uvuko lumele luze emntwini ngenxa cyokuwa; kwaye ukuwa kweza ngenxa yokona; kwaye ngenxa yokuba abantu bawa baye dbasikelwa ngaphandle kobuso beNkosi.

7 Ngako oko, kumele kube ayintlawulelo bengenamda—ngaphandle kokuba ibe yintlawulelo engenamda oku konakala akunako ukuvatha ukungonakali. Ngako oko, cisigwebo sokuqala esehla phezu komntu bekuya kufuneka dsihlale singenaxesha lasiphelo. Kwaye ukuba kunjalo, le nyama ibiya kulala phantsi ibole kwaye ivuthulukele kunina wayo umhlaba, ingaze ivuke.

8 Owu aubulumko bukaThixo, binceba yakhe cnobabalo! Kuba qaphela, ukuba dinyama ibingayi kuphinda ivuke oomoya bethu bebeya kuba phantsi kwalaa ngelosi eyawayo yasuka phambi kobuso bukaThixo waNaphakade, yaza yaba fngumtyholi, ingaze iphinde ivuke.

9 Kwaye oomoya bethu bebeya kufana naye, kwaye sibe ngoomtyholi, aiingelosi zomtyholi, size bsivalelwe ngaphandle kubuso bukaThixo wethu, kwaye sihlale noyise cwobuxoki, siselusizini, njengaye; ewe, kulowo dwakhohlisa abazali bethu bokuqala, owathi ewazimilisa fokwesithunywa sokukhanya, kwaye aphembelele abantwana babantu gkumayelenqe afihlakeleyo okubulala nazo zonke iintlobo zemisebenzi yobumnyama efihlakeleyo.

10 Owu obunjani ubulungisa boThixo wethu, osilungiselela indlela yokuphuncuka kwizandla zelo rhamncwa loyikekayo; ewe, elo rhamncwa, aukufa bnesihogo, endikubiza ukufa komzimba, kananjalo ukufa komoya.

11 Kwaye ngenxa yendlela ayentlangulo kaThixo wethu, oNgcwele kaSirayeli, oku bkufa, endithethe ngako, okukokomzuzwana, kuya kubakhulula abafileyo bako; ukufa oko okulingcwaba.

12 Kwaye oku akufa ndithethe ngako, oku kukufa ngokomoya, kuya kubakhulula abafileyo bako; ukufa okukokomoya bkusisihogo; ngako oko, ukufa nesihogo kumele kukhulule abafileyo bazo, kwaye isihogo kumele sikhulule abathinjwa baso bekumoya, kwaye nengcwaba limele likhulule abathinjwa balo bomzimba, kwaye imizimba cnoomoya babantu baya dkubuyiselwa omnye komnye; kwaye kungamandla ovuko lwakhe oNgcwele kaSirayeli.

13 Owu ukuba likhulu akwecebo loThixo wethu! Kuba kwelinye icala, biparadesi kaThixo kumele ikhulule oomoya bamalungisa, kwaye nengcwaba likhulule imizimba yamalungisa; kwaye umoya womzimba cubuyiselwe kuwo kwakhona, baze bonke abantu babe nokungonakali, kwaye dbangabi nakufa, kwaye bayimiphefumlo ephilayo, ebenolwazi folugqibeleleyo benjengathi enyameni, ngaphandle nje kokuba ulwazi lwethu luya kugqibelela.

14 Ngako oko, siya kuba anolwazi olugqibeleleyo lwawo onke bamatyala ethu, nokungacoceki kwethu, cnobuze bethu; kwaye amalungisa aya kubanolwazi olugqibeleleyo ngolonwabo lwawo, dnobulungisa bawo, ebembathiswe fubunyulu, ewe, kwa nangaso gisambatho sobulungisa.

15 Kwaye kuya kwenzeka ukuba xa abantu bonke beya kube bedlule koku kufa kokuqala baye ebomini, ngenxa yokuba beye bangabi nakufa, kumele bavele phambi akwesihlalo sokugweba soNgcwele kaSirayeli; kuze ke kufike bumgwebo, kwaye ke kufuneka bagwetywe malunga nomgwebo ongcwele kaThixo.

16 Kwaye ngokuqinisekileyo, njengoko iNkosi iphila, kuba iNkosi uThixo iyithethile, kwaye aililizwi lakhe lanaphakade, belingenakudlula, lokuba abo bangamalungisa baya kuhlala besengamalungisa, kwaye abo cbanyhuku-nyhuku baya kuhlala dbesenyhuku-nyhuku; ngako oko, abo banyhuku-nyhuku ebangumtyholi neengelosi zakhe; kwaye baya kuhamba baye kuphoswa femlilweni wanaphakade, olungiselelwe bona; kwaye nentuthumbo yabo ginjengedike lomlilo nesalfure, edangatya layo linyukela phezulu ngonaphakade kanaphakade kwaye alinasiphelo.

17 Owu ubukhulu anobulungisa bukaThixo wethu! Kuba uya wafezekisa amazwi akhe, kwaye aphume emlonyeni wakhe, kwaye umthetho wakhe kumele uzaliseke.

18 Kodwa, qaphela, amalungisa, aabangcwele bakhe oNgcwele kaSirayeli, abo bathi bakholwa kuye oNgcwele kaSirayeli, abo bathe bayinyamezela biminqamlezo yehlabathi, kwaye balicekisa ihlazo lalo, baya kubudla cilifa dubukumkani bukaThixo, obabulungiselelwe bona eukususela kwisiseko sehlabathi, kwaye uvuyo lwabo luya kuzaliseka fngonaphakade.

19 Owu ubukhulu benceba kaThixo wethu, oNgcwele kaSirayeli! Kuba auyabakhulula abangcwele bakhe kwelo brhamncwa loyikekayo umtyholi, nokufa, cnesihogo, kwaye nelo dike lomlilo nesalfure, eliyintuthumbo engenasiphelo.

20 Owu ubukhulu abobungcwele boThixo wethu! Kuba buyazazi zonke izinto, kwaye akukho nanye into angayaziyo.

21 Kwaye uza ehlabathini ukuze abe anokusindisa bonke abantu ukuba baya kuliphulaphula ilizwi lakhe; kuba qaphelani, unyamezela iintlungu zabantu bonke, ewe, biintlungu zazo zonke izidalwa eziphilayo, bekunye amadoda, abafazi, nabantwana abangabosapho cluka-Adam.

22 Kwaye ukunyamezela oku ukuze uvuko luze phezu kwabo bonke abantu, ukuze bonke babe nokuma phambi kwakhe ngomhla omkhulu womgwebo.

23 Kwaye uyalela bonke abantu ukuba abaguquke, kwaye bbabhaptizwe egameni lakhe, benokholo olugqibeleleyo kuye oNgcwele kaSirayeli, okanye abanako ukusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

24 Kwaye ukuba abaguquki baze bakholelwe aegameni lakhe, baze babhaptizwe egameni lakhe, baze bbanyamezele kude kube sekupheleni, kumele cbagwetywe; kuba iNkosi uThixo, oyiNgcwele kaSirayeli, iyithethile.

25 Ngako oko, unike aumthetho; kwaye apho bkunganikwanga mthetho akukho sohlwayo sinikwayo; kwaye apho kungekho sohlwayo akukho sigwebo; kwaye apho kungekho sigwebo iinceba zakhe oyiNgcwele kaSirayeli zinebango phezu kwabo, ngenxa yentlawulelo; kuba bahlangulwe ngamandla akhe.

26 Kuba aintlawulelo izalisekisa iimfuno bzobulungisa phezu kwabo bonke abo cbangenawo dumthetho abawunikiweyo, ukuze bakhululwe kwelo rhamncwa loyikekayo, ukufa nesihogo, nomtyholi, nedike lomlilo nesalfure, eliyintuthumbo engenasiphelo; kwaye babuyiselwa kulaa Thixo owabanika eumphefumlo, onguye oyiNgcwele kaSirayeli.

27 Kodwa yeha kulowo uwunikiweyo aumthetho, ewe, onayo yonke imiyalelo kaThixo, njengathi, kwaye lowo uyophulayo, kwaye nalowo uyichithayo imihla yakhe yokulingwa, kuba iyoyikeka imo yakhe!

28 Owu elo acebo lobuqhetseba longendawo! Owu bukuba lilize, kwaye nobuthathaka, kwaye nobuyatha babantu! Xa sukuba cbefundile bacinga ukuba dbanobulumko, kwaye bangaliphulaphuli eicebiso likaThixo, kuba balibekela ecaleni, becinga ukuba bayazazela, ngako oko, ubulumko babo bubuyatha kwaye obungenaluncedo kubo. Kwaye baya kutshabalala.

29 Kodwa ukuba ngabafundileyo kulungile, ukuba baya aziphulaphula biingcebiso zikaThixo.

30 Kodwa yeha kwabo abazizityebi, abazizityebi ngokwezinto zehlabathi. Kuba ngenxa yokuba bezizityebi bayabacekisa babangamahlwempu, kwaye babatshutshise abanobulali, kwaye iintliziyo zabo ziphezu kobutyebi babo; ngako oko, ubutyebi babo bunguthixo wabo. Kwaye qaphela, ubutyebi babo buya kutshabalala kunye nabo kanjalo.

31 Kwaye yeha kwabo bazizithulu abangafuniyo aukuva; kuba baya kutshabalala.

32 Yeha kwabo bazimfama abangafuniyo ukubona; kuba baya kutshabalala kanjalo.

33 Yeha kwabo bangolukanga ngentliziyo, kuba ulwazi lobugwenxa babo luya kubatshabalalisa ngomhla wokugqibela.

34 Yeha kuye aolixoki, kuba uya kuphoswa ezantsi besihogweni.

35 Yeha kulowo ungumbulali aobulala ngabom, kuba uya bkufa.

36 Yeha kubo abo benza auhenyuzo, kuba baya kuphoswa ezantsi esihogweni.

37 Ewe, yeha kubo abo abanqula izithixo, kuba umtyholi wabatyholi uya vuyiswa ngabo.

38 Kwaye, lilonke, yeha kubo bonke abafela ezonweni zabo; kuba baya akubuyela kuThixo, kwaye babubone ubuso bakhe, baze bahlale besezonweni zabo.

39 Owu, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani ukoyikeka kokona ngokuchasene naloo Thixo uNgcwele, kwaye kanjalo ukoyikeka kokuziyekela ekulukuhlweni angulowo unobuqhinga. Khumbulani, bukucinga ngokwenyama ckukufa, kwaye ukucinga ngokomoya dbubomi eobungunaphakade.

40 Owu, bazalwana bam abathandekayo, nikani indlebe kuwo amazwi am. Khumbulani ubungangamsha bakhe oNgcwele kaSirayeli. Musani ukuthi ndithethe izinto ezinzima ngokuchasene nani; kuba ukuba nenza njalo, niya kuyinyelisa ainyaniso; kuba ndithethe amazwi oMenzi wenu. Ndiyazi ukuba amazwi enyaniso banzima kuko konke okungacocekanga; kodwa abangamalungisa abawoyiki, kuba bayayithanda inyaniso kwaye abagungqi.

41 Owu ke, bazalwana bam abathandekayo, ayizani kuyo iNkosi, eyiNgcwele. Khumbulani ukuba iindlela zakhe zibubulungisa. Qaphelani, bindlela yomntu cicuthene, kodwa ihleli emendweni othe tye phambi kwakhe, kwaye umgcini dwesango nguye oNgcwele kaSirayeli; kwaye akabekanga sicaka kulo; kwaye ayikho enye indlela ngaphandle kokuba kube kungesango; kuba akanakukhohliswa, kuba iNkosi uThixo ligama lakhe.

42 Kwaye lowo unkqonkqozayo, uya kuvulelwa; kwaye aizilumko, nabafundileyo, nabo bazizityebi, babazikhukhumalisayo ngenxa yemfundo yabo, nobulumko babo, nobutyebi babo—ewe, ngabo abo abacekisayo; kwaye ngaphandle kokuba baziphosele kude ezi zinto, kwaye bazijonge cngokwezidenge phambi koThixo, kwaye bahlele ezantsi ebunzulwini dbentobeko, akasayi kubavulela.

43 Kodwa izinto zezilumko nabo bazilumkeleyo ziya akufihlwa kubo ngonaphakade—ewe, olo lonwabo luthe lwalungiselelwa abangcwele.

44 Owu, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani amazwi am. Qaphelani, ndiyazikhulula izambatho zam, kwaye ndiyazivuthulula phambi kwenu; ndithandaza uThixo wosindiso lwam ukuba andikhangele angeliso lakhe elibona konke; ngako oko, niya kuthi nazi ngomhla wokugqibela, xa sukuba bonke abantu beya kugwetywa ngokwemisebenzi yabo, okokuba uThixo kaSirayeli wangqina ukuba bndabuvuthulula ubugwenxa benu emphefumlweni wam, kwaye nokokuba ndime ndinenkazimlo phambi kwakhe, kwaye cndimsulwa egazini lenu.

45 Owu, bazalwana bam abathandekayo, zifulatheleni izono zenu; niwavuthulule aamatyathanga alowo onokunibophelela aniqinise; yizani kuloo Thixo buliliwa losindiso lwenu.

46 Yilungiseni imiphefumlo yenu niyilungiselela loo mini izukileyo xa aubulungisa buya kunikezelwa kumalungisa, kwanawo umhla bwomgwebo, ukuze ningabi nakufinyela luloyiko olukhulu; ukuze ningalikhumbuli ngokugqibeleleyo cityala lenu eloyikekayo, nize ninyanzeleke ukuba nidanduluke: Zingcwele, zingcwele izigwebo zakho, Owu Nkosi Thixo dSomandla—kodwa ndiyalazi ityala lam; ndawophula umthetho wakho, kwaye iziphoso zam zezam; kwaye umtyholi ebendifumene, ukuze ndibe lixhoba losizi lwakhe oloyikekayo.

47 Kodwa qaphelani, bazalwana bam, ingaba na kuyimfuneko ukuba ndinivusele kubunyani oboyikisayo bezi zinto? Bendingayihlupha imiphefumlo yenu ukuba iingcinga zenu bezimsulwa? Bendinganicacisela malunga nokucaca kwenyaniso ukuba benikhululwe esonweni?

48 Qaphelani, ukuba nibe ningcwele bendiya kuthetha nani ngobungcwele; kodwa njengokuba ningekho ngcwele, kwaye nikhangele kum njengo titshala wenu, kumele ukuba kube yimfuneko ukuba andinifundise iziphumo bzesono.

49 Qaphelani, umphefumlo wam usithiyile isono, kwaye intliziyo yam iyavuyiswa bubulungisa; kwaye ndiya akulidumisa igama elingcwele likaThixo wam.

50 Yizani, bazalwana bam, nonke nina ninxaniweyo, yizani aemanzini; kwaye lowo ungenayo imali, makeze athenge kwaye atye; ewe, uthenge iwayini nobisi ngaphandle bkwemali nangaphandle kwexabiso.

51 Ngako oko, musani ukusebenzisa imali kuloo nto ingenaxabiso, okanye aumsebenzi wakho ngaloo nto ingenako ukukwanelisa. Ndiphulaphuleni ngenkuthalo, kwaye niwakhumbule amazwi endiwathethileyo; kwaye nize kuye oNgcwele kaSirayeli, kwaye bnizondle ngoko kungaboliyo, nokungena konakaliswa, kwaye niyenze imiphefumlo yenu ikuvuyele ukutyeba.

52 Qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, khumbulani amazwi oThixo wenu; thandazani kuye amaxesha onke ngemini, kwaye ninikele aimibulelo kulo igama lakhe elingcwele ngobusuku. Mazivuye iintliziyo zenu.

53 Kwaye nikubone ukuba mikhulu akweminqophiso yeNkosi, nokuba kukhulu kweentobeko zakhe kubantwana babantu; nangenxa yobungangamsha bakhe, yobabalo lwakhe bnenceba yakhe, usithembisile ukuba imbewu yethu ayisayi kutshatyalaliswa kuphele, ngokwasenyameni, kodwa uya kuyilondoloza; nakwizizukulwana ezizayo iya kuba clisebe elinobulungisa kuyo indlu kaSirayeli.

54 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ndingathetha ngokungakumbi nani; kodwa ngengomso ndiya kunichazela intsalela yamazwi am. Amen.