Izibhalo
2 Nifayi 4


Isahluko 4

ULihayi ucebisa kwaye asikelele inzala yakhe—Uyafa kwaye angcwatywe—UNifayi udumisa ukulunga kukaThixo—UNifayi ubeka ithemba lakhe eNkosini ngonaphakade. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku, mna, Nifayi, ndithetha malunga neziprofetho athe ubawo wathetha ngazo, malunga anoYosefu, owayethatyathelwa eYiputa.

2 Kuba qaphela, ngokwenene waprofetha malunga nembewu yakhe yonke. Kwaye aiziprofetho athe wazibhala, azikho ninzi kakhulu ngakumbi. Kwaye waprofetha malunga nathi, kwaye nezizukulwana zethu ezisezayo; kwaye zibhalwe kumacwecwe phezu kwamacwecwe obhedu.

3 Ngako oko, emva kokuba ubawo ephezile ukuthetha malunga neziprofetho zikaYosefu, waye wabiza abantwana bakaLeymeni, oonyana bakhe kunye neentombi zakhe, waza wathi kubo: Qaphelani, boonyana bam, neentombi zam, abangoonyana neentombi azezibulo lam, ndinga ninganika indlebe kumazwi am.

4 Kuba iNkosi uThixo ithe: aKangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam niya kuphumelela elizweni; kwaye kangangokuba ningasayi kuyigcina imiyalelo yam niya kusikelwa ngaphandle ebusweni bam.

5 Kodwa qaphelani, boonyana neentombi zam, andinako ukwehla ndiye engcwabeni lam ngaphandle kokuba ndishiye aintsikelelo phezu kwenu; kuba qaphelani, ukuba nikhuliswe bngendlela enifanele ukuba nihambe ngayo aniyi kuze niyityeshele.

6 Ngako oko, ukuba niqalekisiwe, qaphelani, ndishiya intsikelelo yam phezu kwenu, ukuze isiqalekiso sisuswe kuni kwaye sibekwe phezu akweentloko zabazali benu.

7 Ngako oko, ngenxa yentsikelelo yam iNkosi uThixo aayiyi kuniyekela ukuba nitshabalale; ngako oko, iya kuba bnenceba kuni nakuyo imbewu yenu ngonaphakade.

8 Kwaye kwenzekile ukuba emva kokuba ubawo ephezile ukuthetha noonyana neentombi zikaLeymeni, wenza ukuba oonyana neentombi zikaLemuweli ukuba ziziswe phambi kwakhe.

9 Kwaye wathetha nabo, esithi: Qaphelani boonyana neentombi zam, abangoonyana neentombi zonyana wam wesibini; qaphelani, ndishiya kuni intsikelelo efanayo naleyo endiyishiye koonyana neentombi zikaLeymeni; ngako oko, anisayi kutshatyalaliswa kwaphela; kodwa ekupheleni imbewu yenu iya kusikelelwa.

10 Kwaye kwenzekile ukuba akube ephezile ubawo ukuthetha nabo, qaphela, uye wathetha noonyana abakaIshmayeli, ewe, kwanayo indlu yakhe iphela.

11 Kwaye emva kokuba ephezile ukuthetha nabo, waye wathetha noSem, esithi: Usikelelekile wena, nembewu yakho; kuba uya kulidla ilifa ilizwe njengomntakwenu uNifayi. Kwaye imbewu yakho iya kubalwa kunye nembewu yakhe; kwaye uya kufana kanye nomntakwenu, nembewu yakho ifane kanye nembewu yakhe; kwaye uya kusikeleleka kuyo yonke imihla yakho.

12 Kwaye kwenzekile emva kokuba ubawo, uLihayi, ethethile kuyo indlu yakhe iphela, ngokweemvakalelo zentliziyo yakhe noMoya weNkosi owawukuye, waye woluphala. Kwaye kwenzekile ukuba waye wafa, waza wangcwatywa.

13 Kwaye kwenzekile ukuba azibanga ninzi iintsuku emva kokuba efile, uLeymeni noLemuweli noonyana bakaIshmayeli baba nomsindo kum ngenxa yezoluleko zeNkosi.

14 Kuba mna, Nifayi, ndanyanzeleka ukuba ndithethe nabo, ngokwelizwi layo; kuba ndandithethe izinto ezininzi kubo, kwaye nobawo kanjalo, phambi kokufa kwakhe; ezininzi zazo zibhaliwe phezu akwamanye amacwecwe am; kuba inxenye engakumbi yembali ibhalwe kwamanye amacwecwe am.

15 Kwaye phezu akwala ndibhala izinto zomphefumlo wam, kwaye nezininzi izibhalo ezikrolwe phezu kwamacwecwe obhedu. Kuba umphefumlo wam uyavuyiswa zizibhalo, kwaye nentliziyo yam iyazikisa bukucinga ngazo, kwaye ndiyazibhala ukuze cbazifunde kwaye zibe luncedo lwabantwana bam.

16 Qaphela, aumphefumlo wam uyavuyiswa zizinto zeNkosi; kwaye bnentliziyo yam iyazikisa ukucinga ngamaxesha onke ngezinto endithe ndazibona kwaye ndaziva.

17 Nangona kunjalo, ndingenakumelana anokulunga okukhulu kweNkosi, ekundiboniseni imisebenzi yayo emikhulu nemangalisayo, intliziyo yam iyadanduluka: Owu bmntundini olusizi endinguye! Ewe, intliziyo yam iselusizini ngenxa yenyama yam; umphefumlo wam ubuhlungu ngenxa yobugwenxa bam.

18 Ndirhangqiwe ngapha nangapha, ngenxa yezilingo nezono ezithi ngokulula azindikhathaze.

19 Kwaye ndakulangazelela ukugcoba, intliziyo yam iyancwina ngenxa yezono zam; nangona kunjalo, ndiyamazi endithembele kuye.

20 UThixo wam ube ngumxhasi wam; uye wandikhokela ukuphuma ezimbandezelweni zam entlango; kwaye undilondolozile phezu kwamanzi enzonzobila enkulu.

21 Undizalise angothando lwakhe, ngokude luyigqibe inyama yam.

22 Uzibhidanisile aiintshaba zam, wada wazenza ukuba zingcangcazele phambi kwam.

23 Qaphela, usivile isikhalo sam emini, kwaye undinike ulwazi angemibono ngexesha lasebusuku.

24 Kwaye emini ndikhulule ngokukhalipha angemithandazo enamandlakazi phambi kwakhe; ewe, ilizwi lam ndilithumele phezulu enyangweni; kwaye iingelosi zehla zandilungiselela.

25 Kwaye phezu kwamaphiko oMoya wakhe umzimba wam waye awathwalelwa kude phezu kwentaba ephakame ngokugqithisileyo. Kwaye amehlo am abone izinto ezinkulu, ewe, nezinkulu kakhulu ukuba zibonwe ngumntu; ke ngoko ndaye ndaxelelwa ukuba mandingazibhali.

26 Owu ke, ukuba ndibone izinto ezinkulu kangaka, ukuba iNkosi ngokuzithoba kwayo kubantwana babantu ithe yahambela abantu ngenceba engaka, akungani ukuba intliziyo yam yenze isijwili nomphefumlo wam uzulazule kwintlambo yosizi, nenyama yam ibune namandla am athothe, ngenxa yeembandezelo?

27 Kwaye kungani ukuba andizinikele esonweni, ngenxa yenyama yam? Ewe, kungani ukuba ndivumele bizilingo, ukuze umtyholi afumane indawo entliziyweni yam ukuze atshabalalise cuxolo lwam kwaye abandezele umphefumlo wam? Kungani ukuba ndibe nomsindo ngenxa yotshaba lwam?

28 Vuka, mphefumlo wam! Ungaphindi ujinge esonweni. Gcoba, Owu ntliziyo yam, kwaye ungaphindi ulunike indawo autshaba lomphefumlo wam.

29 Musa ukuba nomsindo kwakhona ngenxa yeentshaba zam. Musa ukuyekelela mandla am ngenxa yeembandezelo zam.

30 Gcoba, Owu ntliziyo yam, kwaye wenze isijwili eNkosini, kwaye uthi: Owu Nkosi, ndiya kukudumisa ngonaphakade; ewe, umphefumlo wam uya kugcoba kuwe, Thixo wam, aneliwa losindiso lwam.

31 Owu Nkosi, ingaba uya kuwukhulula na umphefumlo wam? Ingaba uya kundihlangula ndiphume ezandleni zeentshaba zam? Ungandenza ukuba ndigungqe kwakuvela aisono?

32 Akwaba amasango esihogo angavalwa ngamaxesha onke phambi kwam, ngenxa yokuba aintliziyo yam yaphukile kwaye nomoya wam utyumkile! Owu Nkosi, yanga akungewavali amasango akho obulungisa phambi kwam, ukuze bndihambe endleleni yentlambo esezantsi, ukuze ndibe ngqingqwa kwindlela ethe tye!

33 Owu Nkosi, unga ungandirhanga jikelele ngengubo yobulungisa bakho! Owu Nkosi, unga ungandivelisela indlela yokuba ndiphuncule phambi kweentshaba zam! Uya kuyenza indlela yam ithi tye na phambi kwam! Unga akungebeki sikhubekiso endleleni yam—kodwa undicocele indlela yam phambi kwam, kwaye ungayibiyeli indlela yam, kodwa ubiyele eyotshaba lwam.

34 Owu Nkosi, ndithembele kuwe, kwaye ndiya akuthembela kuwe ngonaphakade. Andiyi kubeka bthemba lam kwingalo yenyama; kuba ndiyazi ukuba uqalekisiwe lowo ubeka cithemba lakhe kwingalo yenyama. Ewe, uqalekisiwe lowo ubeka ithemba lakhe ebantwini okanye owenza inyama ibe yingalo yakhe.

35 Ewe, ndiyazi ukuba uThixo uya kunika angokungakumbi kulowo ucelayo. Ewe, uThixo wam uya kundinika, ukuba bandiceli cokuphosakeleyo; ke ngoko ndiya kuliphakamisela phezulu ilizwi lam kuwe; ewe, ndiya kwenza isijwili kuwe, Thixo wam, doliliwa lobulungisa bam. Qaphela, ilizwi lam liya kunyukela phezulu kuwe ngonaphakade, liwa lam noThixo wam wanaphakade. Amen.