Izibhalo
2 Nifayi 33


Isahluko 33

Amazwi kaNifayi ayinyani—Angqina ngoKrestu—Abo bakholwayo kuKrestu baya kuwakholelwa amazwi kaNifayi, aya kuthi eme nje ngobungqina phambi kwesihlalo sokugweba. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku mna, Nifayi, andinako ukuzibhala zonke izinto ezazifundisiwe phakathi kwabantu bam; ndingenguye nomntu aonobuchule bokubhala, nje ngasekuthetheni; kuba xa sukuba umntu bethetha ngamandla oMoya oyiNgcwele amandla oMoya oyiNgcwele ayayithwala ayise ezintliziyweni zabantwana babantu.

2 Kodwa qaphelani, baninzi abathi bazenze alukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene noMoya oyiNgcwele, ukuze ungabi nandawo kubo; ngako oko, baziphosela kude izinto ezininzi ezibhaliweyo baze bazithabathe nje ngezinto ezingento.

3 Kodwa mna, Nifayi, ndibhale oko ndikubhalileyo, kwaye ndikuthabatha nje ngento aenexabiso elikhulu, kwaye ingakumbi kubo abantu bam. Kuba ndiya bbathandazela rhoqo ngemini, kwaye amehlo am amanzisa umqamelo wam ngobusuku, ngenxa yabo; kwaye ndiyakhala kuThixo wam ngokholo, kwaye ndiyazi okokuba uya kusiva isikhalo sam.

4 Kwaye ndiyazi okokuba iNkosi uThixo uya kuwungcwalisa umthandazo wam ukuze babe nenzuzo abantu bam. Kwaye amazwi endithe ndawabhala ebuthathakeni bam aya kwenziwa abe anamandla kubo, kuba babathundezela ekubeni benze okulungileyo; abenza bazi ngooyise; kwaye athetha ngoYesu, aze abathundezele ekubeni bakholelwe kuye, baze banyamezele kude kube sekupheleni, esibubomi cobungunaphakade.

5 Kwaye ithetha arhabaxa ngokuchasene nesono, malunga bnokucaca kwenyaniso; ngako oko, akukho mntu uya kuba nomsindo kuwo amazwi endithe ndawabhala ngaphandle kokuba uya kuba engowomoya womtyholi.

6 Ndiyavuyiswa kokucacileyo; ndiyavuyiswa yinyaniso; ndiyavuyiswa nguYesu wam, kuba auwukhulule umphefumlo wam esihogweni.

7 aNdinothando lwenene ngabantu bam, nokholo olukhulu kuKrestu lokokuba ndiya kubonana nemiphefumlo emininzi ndingenachaphaza esihlalweni sakhe sokugweba.

8 Ndinothando lwenene angomYuda—Ndithi mYuda, ngenxa yokuba ndithetha ngabo balapho ndivela khona.

9 Ndinothando lwenene kanjalo angabeeNtlanga. Kodwa qaphelani, kuba akukho namnye kwaba endinokuba nethemba ngabo ngaphandle kokuba baya bkuxolelaniswa noKrestu, baze bangene cngesango elicutheneyo, baze dbahambe eendleleni emxinwa ekhokelela ebomini, baze baqhubeke kuyo indlela kude kube sekupheleni komhla wokulingwa.

10 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, kwa nomYuda, kwaye nani nonke ziphelo zomhlaba, waphulaphuleni la mazwi nize anikholelwe kuKrestu; kwaye ukuba aniwakholelwa la mazwi kholelwani kuKrestu. Kwaye ukuba niya kukholelwa kuKrestu niya kukholelwa kula bmazwi, kuba angawo camazwi kaKrestu, kwaye uwanikele kum; ukuze dafundisa bonke abantu okokuba bemele ukwenza okulungileyo.

11 Kwaye ukuba awangawo amazwi kaKrestu, gwebani—kuba uKrestu uya kukubonisa, angamandla nobuqaqawuli obukhulu, okokuba ngamazwi akhe, ngomhla wokugqibela; kwaye wena kunye nam siya kuma ubuso ngobuso phambi bkwesihlalo sakhe; kwaye niya kuyazi okokuba bendiyalelwe nguye ukuba ndizibhale ezi zinto, nangona ndinobuthathaka bam.

12 Kwaye ndiyamthandaza uBawo egameni likaKrestu okokuba abaninzi bethu, ukuba asisonke, bangasindiswa aebukumkanini bakhe ngaloo mhla mkhulu nowokugqibela.

13 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, bonke abo bangabendlu kaSirayeli, nani nonke ziphelo zomhlaba, ndithetha kuni njengelizwi lalowo aukhala ekusuka eluthulini: Salani kakuhle kude kube kuya kufika loo mhla mkhulu.

14 Kwaye nina abangafuniyo ukuxhamla kuko ukulunga kukaThixo, kwaye niwahlonele aamazwi amaYuda, bnamazwi am kanjalo, namazwi aya kuthi eze ephuma emlonyeni weMvana kaThixo, qaphelani, ndiyanibulisa ukuba nisale kakuhle ngonaphakade, kuba la mazwi aya ckunigweba ngomhla wokugqibela.

15 Kuba oko ndikutywina emhlabeni, kuya kubekwa phambi kwenu ngokuchasene nani esihlalweni asokugweba; kuba iNkosi indiyalele njalo, kwaye kufuneka ndithobele. Amen.