Izibhalo
2 Nifayi 3


Isahluko 3

UYosefu eYiputa wawabona amaNifayithi kumbono—Waprofetha ngoJoseph Smith, imboni yemihla yokugqibela; ngoMoses, owaye eya kuhlangula uSirayeli; nokuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku ndithetha nawe, Yosefu, athunjana lam. Wazalelwa kwintlango yeembandezelo zam, ewe, ngemihla yeentsizi zam ezinkulu unyoko wakuzala.

2 Kwaye inga iNkosi ingalingcwalisela kuwe kanjalo eli alizwe, eli lilizwe elinexabiso elikhulu, libe lilifa lakho nelifa lembewu yakho kunye nabakhuluwa bakho, ukuze nikhuseleke ngonaphakade, ukuba niya kuthi niyigcine imiyalelo yoNgcwele kaSirayeli.

3 Kwaye ngoku, Yosefu, thunjana lam, endalikhupha kwintlango yeembandezelo zam, inga iNkosi ingakusikelela ngonaphakade, kuba imbewu yakho ayiyi akutshatyalaliswa kwaphela.

4 Kuba qaphela usisiqhamo sesinqe sam; kwaye mna ndisisizukulwana asikaYosefu owathatyathwa bwathinjelwa eYiputa. Kwaye yayimikhulu kakhulu iminqophiso yeNkosi eyathi yayenza kuYosefu.

5 Ngako oko, uYosefu ngokwenene awawubona umhla wethu. Kwaye wafumana isithembiso eNkosini, sokuba kwisiqhamo sesinqe sakhe iNkosi uThixo iya kuphakamisa bisebe celinobulungisa kuyo indlu kaSirayeli; ingenguye uMesiya, kodwa isebe elaliya kuqhetshulwa lisuke, nangona kunjalo, liya kukhunjulwa kwiminqophiso yeNkosi yokuba duMesiya uya kubonakala kubo ngemihla yokugqibela, esemoyeni wamandla, ukuze abakhuphe eebumnyameni abazise ekukhanyeni—ewe, baphume emfihlakalweni yobumnyama kwaye baphume nasekuthinjweni baye enkululekweni.

6 Kuba uYosefu ngokwenene wangqina, esithi: aImboni iya kuyiphakamisa iNkosi uThixo wam, eya kuba yimboni ekhethekileyo kwisiqhamo bsesinqe sam.

7 Ewe, uYosefu ngokwenene wathi: Itsho njalo iNkosi kum: aImboni ekhethekileyo ndiya kuyiphakamisa iphuma kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye iya kunikwa isidima esikhulu phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho. Kwaye kuyo ndiya kunikela umyalelo wokuba uya kwenza umsebenzi kwisiqhamo sesinqe sakho, abazalwana bakho, oya kuba lixabiso elikhulu kubo, nasekubabuyiseleni kulwazi ngeminqophiso endayenzayo nooyihlo.

8 Kwaye ndiya kunikela kuye umyalelo wokuba aakasayi kwenza nawuphina ongomnye umsebenzi, ngaphandle komsebenzi lowo endiya kumyalela wona. Kwaye ndiya kumenza mkhulu emehlweni am; kuba uya kwenza umsebenzi wam.

9 Kwaye uya kuba mkhulu anjengoMoses, endithe ndiya kumphakamisela kuwe, ukuze bakhulule abantu bam, Owu, ndlu kaSirayeli.

10 Kwaye ndiya kuphakamisa uMoses, ukuba akhulule abantu bakho baphume kwilizwe laseYiputa.

11 Kodwa ndiya kuphakamisa imboni iphume kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye kuyo ndiya kunikela aamandla okuzisa ngaphambili ilizwi lam lize kwimbewu yesinqe sakho—kwaye ingabi kukuzisa ilizwi lam kuphela, itsho iNkosi, kodwa ukubaqinisekisa ngelizwi lam, eliya kuba seliphumile ukuza ngaphambili phakathi kwabo.

12 Ngako oko, isiqhamo sesinqe sakho siya akubhala, kwaye nesiqhamo sesinqe bsikaYuda siya ckubhala, kwaye oko kuya kubhalwa sisiqhamo sesinqe sakho, kwaye kanjalo oko kuya kubhalwa sisiqhamo sesinqe sikaYuda, kuya kuhluma kunye, ukuze dkubhidaniswe iimfundiso zobuxoki kwaye kupheliswe iimbambano, kwaye kumiselwe uxolo phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho, enokubazisa fkulwazi looyise ngemihla yamva, nakulwazi kanjalo lweminqophiso yam, itsho iNkosi.

13 Kwaye ebuthathakeni bakhe uya komelezwa, ngaloo mhla xa umsebenzi wam uya kuqalisa phakathi kwabo bonke abantu bam, ukuze ubuyiselwe, Owu ndlu kaSirayeli, itsho iNkosi.

14 Kwaye wenjenjalo ukuprofetha uYosefu, esithi: Qaphela, loo mboni iya kusikelelwa yiNkosi; kwaye abo bafuna ukuyitshabalalisa baya konganyelwa; kuba esi sithembiso, endithe ndasifumana eNkosini, malunga nesiqhamo sesinqe sam, siya kuzaliseka. Qaphela, ndiqinisekile ngokuzaliseka kwesi sithembiso.

15 Kwaye aigama lakhe uya kuthiywa ngam; kwaye uya kube ethiywe bngegama likayise. Kwaye uya kuba njengam; kuba into leyo, eya kuthi iNkosi iyizise ngaphambili ngesandla sayo, ngamandla eNkosi iya kuzisa abantu bam elusindisweni.

16 Ewe, waprofetha njalo uYosefu: Ndiqinisekile ngale nto, nanjengokuba ndiqinisekile ngesithembiso ngoMoses; kuba iNkosi iye yathi kum, ndiya akuyilondoloza imbewu yakho ngonaphakade.

17 Kwaye iNkosi iye yathi: Ndiya kuphakamisa onguMoses; kwaye ndiya kumnika amandla entongeni; kwaye ndiya kumnika intelekelelo ekubhaleni. Kodwa andiyi kulikhulula ulwimi lwakhe, aze athethe kakhulu, kuba andiyi kumenza abe namandlakazi ekuthetheni. Kodwa ndiya akumbhalela umthetho wam, ngomnwe wesandla sam; kwaye ndiya kumnika bisithethi.

18 Kwaye iNkosi ithe kum kanjalo: Ndiya kuphakamisela kwisiqhamo sesinqe sakho imboni; kwaye ndiya kumnika isithethi. Kwaye mna, qaphela, ndiya kumnika ukuba abe namandla ekubhaleni imibhalo yesiqhamo sesinqe sakho, ukuze iye kwisiqhamo sesinqe sakho; kwaye isithethi sesinqe sakho siya kuyivakalisa.

19 Kwaye amazwi aya kuwabhala aya kuba ngamazwi aluncedo ngokobulumko bam ukuba aye phambili akwisiqhamo sesinqe sakho. Kwaye kuya kuba ngathi isiqhamo sesinqe sakho simemezile kubo bukusuka eluthulini; kuba ndiyalwazi ukholo lwabo.

20 Kwaye baya akumemeza ukusuka eluthulini; ewe, baya kumemeza inguquko kubo abazalwana babo, nasemva kokuba izizukulwana ezininzi sezadlula kubo. Kwaye kuya kwenzeka ukuba isimemezo sabo siya kuya kubo, kwa nangokucaca kwamazwi abo.

21 Ngenxa yokholo lwabo aamazwi abo aya kuqhubela phambili ephuma emlonyeni wam ukuya kubazalwana babo abasisiqhamo sesinqe sakho; kwaye ubuthathaka bamazwi abo ndiya kubenza bube namandla elukholweni lwabo, ukuze bakhumbule iminqophiso yam endayenza kooyise.

22 Kwaye ngoku, qaphela, nyana wam Yosefu, awaprofetha ngolu hlobo ubawo wamandulo.

23 Ngako oko, ngenxa yalo mnqophiso usikelelekile; kuba imbewu yakho ayisayi kutshatyalaliswa, kuba baya kuweva amazwi encwadi.

24 Kwaye kuya kuphakama omnye onamandla phakathi kwabo, oya kwenza okulunge kakhulu, kunye emazwini nasekwenzeni, esisixhobo sokusebenza ezandleni zikaThixo, enokholo olugqithisileyo, ukwenza imimangaliso enamandlakazi, kwaye enze loo nto inkulu emehlweni kaThixo, ukuze kuzaliseke ukubuyiselwa okukhulu kuyo indlu kaSirayeli, nakuyo imbewu yabantakwenu.

25 Kwaye ngoku, usikelelekile, Yosefu. Qaphela, usemncinane, ngako oko waphulaphule amazwi omntakwenu, uNifayi, kwaye kuya kwenzeka kuwe nanjengokwamazwi endiwathethileyo. Uze uwakhumbule amazwi oyihlo ofayo. Amen.