Izibhalo
2 Nifayi 27


Isahluko 27

Ubumnyama nokreqo ziya kugubungela umhlaba ngemihla yokugqibela—INcwadi kaMormoni iya kuza ngaphambili—Amangqina amathathu aya kungqina ngayo incwadi—Indoda efundileyo iya kuthi ayikwazi ukuyifunda incwadi etywiniweyo—INkosi iya kwenza umsebenzi omangalisayo nongummangaliso—Thelekisa Isaya 29. Malunga 559–545 P.K.

1 Kodwa, qaphelani, angemihla yokugqibela, okanye ngemihla yabeeNtlanga—ewe, qaphelani zonke izizwe zabeeNtlanga namaYuda kanjalo, kunye abo baya kuza phezu kweli lizwe kwaye nabo baya kuba phezu kwamanye amazwe, ewe, kwaphezu kwawo onke amanye amazwe omhlaba, qaphelani, baya kunxila bubugwenxa nazo zonke iintlobo zamasikizi—

2 Kwaye xa sukuba loo mhla uya kuthi ufike baya kuvelelwa yiyo iNkosi yeMikhosi, ngendudumo nangenyikima, nangengxokolo enkulu, nangesaqhwithi, nangomoya ovuthuzayo, anangedangatye lomlilo otshisayo.

3 Kwaye zonke aizizwe bezilwa neZiyon, neziyihluphayo, ziya kuba njengephupha lombono wasebusuku; ewe, kuya kuba kubo, kwananjengendoda elambileyo ethi iphuphe, ize izibone isitya kodwa iya kuvuka umphefumlo wayo usalambatha; okanye kufane nendoda enxaniweyo ephuphayo, kwaye qaphela izibone isela kodwa ivuke ize izibone ityhafile, nomphefumlo wayo usanqwenela ukutya; ewe, kwa izihlwele zazo zonke izizwe ezilwa neNtaba yeZiyon, ziya kuba kwanjalo.

4 Kuba qaphelani, nonke nina nenza ngobugwenxa, khanime kwaye nimangazwe, kuba niya kumemeza, nize nikhale; ewe, niya kunxila kodwa kungengayo iwayini, niya kugxadazela kodwa kungengaso isiselo esinxilisayo.

5 Kuba qaphelani, iNkosi ithulule phezu kwenu umoya wobuthongo obunzulu. Kuba qaphelani, niwavalile amehlo enu, kwaye nibalile abaprofeti; nabalawuli benu, neemboni uzigubungele ngenxa yobugwenxa benu.

6 Kwaye kuya kwenzeka okokuba iNkosi uThixo iya akunizisela ngaphambili amazwi bencwadi, kwaye aya kuba ngamazwi abathe balala.

7 Kwaye qaphelani incwadi iya akutywinwa; kwaye kuyo incwadi kuya kubakho bisityhilelo esivela kuThixo, ukususela ekuqalekeni kwehlabathi ukuya cesiphelweni salo.

8 Ngako oko, ngenxa yezinto ezo azitywiniweyo phezulu, izinto ezo ezitywiniweyo bazisayi kunikezelwa ngomhla wenkohlakalo namasikizi abantu. Ngako oko incwadi iya kufihlwa kubo.

9 Kodwa incwadi iya kunikezelwa aendodeni, kwaye iya kuwanikezela amazwi encwadi, angamazwi abo abathi balala eluthulini, kwaye iya kuwanikezela la mazwi bkwenye;

10 Kodwa amazwi athe atywinwa ayisayi kuwanikezela, ingasayi kuyinikezela nencwadi. Kuba incwadi iya kuba itywinwe ngamandla kaThixo, nesityhilelo eso sasitywiniwe siya kufihlwa encwadini kude kube lixesha elifanelekileyo kuyo iNkosi, ukuze abe nokuza ngaphambili; kuba qaphelani, atyhila zonke izinto ukususela kwisiseko sehlabathi ukuya ekupheleni kwalo.

11 Kwaye umhla uyeza ekuya kuthi ngawo amazwi encwadi abetywiniwe afundwe phezu kwezindlu; kwaye aya kufundwa ngamandla kaKrestu; kwaye zonke izinto ziya akutyhilwa kubo abantwana babantu ezakha zabakho phakathi kwabantwana babantu, kwaye eziya kuhlala zikho kude kube sekupheleni komhlaba.

12 Ngako oko, ngawo loo mhla xa sukuba incwadi iya kunikezelwa kuyo indoda esele ndithethe ngayo, incwadi iya kufihlwa emehlweni ehlabathi, ukuze kungabikho mehlo nakabani na aya kuthi ayibone ngaphandle kokuba aamangqina bamathathu ayibone, ngamandla kaThixo, ngaphandle kwalowo incwadi iya kunikezelwa kuye; kwaye baya kungqina malunga nobunyani bencwadi nangezinto eziphakathi kuyo.

13 Kwaye akukho ongomnye oya kuyiphonononga, ngaphandle nje kwabambalwa ngokwentando kaThixo, ukuze banike ubungqina ngamazwi akhe kubo abantwana babantu; kuba iNkosi uThixo ithe amazwi abo banyanisekileyo aya kuthetha ngokungathi asuka akwelabafileyo.

14 Ngako oko, iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukuwazisa ngaphambili amazwi ayo incwadi; kwaye ngomlomo wamangqina amaninzi kangangoko kuyilungeleyo iya kulimisela ilizwi layo; kwaye yeha kulowo uya akuliphikisa ilizwi likaThixo!

15 Kuba qaphelani, kuya kwenzeka okokuba iNkosi uThixo iya kuthi kulowo iya kunikezela kuye incwadi: Thabatha la mazwi angatywinwanga uze uwanikezele komnye, ukuze awabonise kulowo ufundileyo, uthi: aFunda apha, ndiya kubongoza. Kwaye ofundileyo uya kuthi: Yizise apha incwadi, kwaye ndiya kuwafunda.

16 Kwaye ngoku, ngenxa yozuko lwehlabathi nokuzuza aingeniso baya kukuthetha oku, kuze kungabi kokozuko lukaThixo.

17 Kwaye indoda iya kuthi: Andinako ukuyizisa incwadi, kuba itywiniwe.

18 Ke ofundileyo uya kuthi: Andinakubanako ukuyifunda.

19 Ngako oko kuya kwenzeka, okokuba iNkosi uThixo iya kuyinikezela kwakhona incwadi namazwi ayo kulowo ungafundanga; kwaye indoda leyo ingafundanga iya kuthi: Andifundanga.

20 Ize ke iNkosi uThixo ithi kuye: Abafundileyo abasayi kuwafunda, kuba bawalile, kwaye ndinako ukuzenzela owam umsebenzi; ngako oko uya kuwafunda amazwi endiya kukunika wona.

21 aUngazichukumisi izinto ezitywiniweyo, kuba ndiya kuzizisa ngaphambili ngexesha elilelam elifanelekileyo; kuba ndiya kubabonisa abantwana babantu ukuba ndinako ukuzenzela owam umsebenzi.

22 Ngako oko, xa uthe wawafunda amazwi endikuyalele ngawo, waza wawafumana aamangqina ebendikuthembise ngawo, uze ke uyitywinele phezulu incwadi kwakhona, uyifihlele phezulu kum, ukuze ndibe nokuwalondoloza amazwi lawo ungawafundanga, ndide ndibe nokubona ngobam ubulumko ukuzityhila zonke izinto kubo abantwana babantu.

23 Kuba qaphela, ndinguye uThixo; kwaye ndinguThixo awemimangaliso, kwaye ndiya kukulibonisa ihlabathi okokuba bndinguye izolo, namhla, nangonaphakade; kwaye andisebenzi kubo abantwana babantu ngaphandle kokuba ckungokholo lwabo.

24 Kwaye kwakhona kuya kwenzeka okokuba iNkosi iya kuthi kuye lowo uya kuwafunda amazwi lawo aya kuthi anikezelwe kuye:

25 aNjengokuba aba bantu besondela kum ngemilomo yabo, baze bbandinqule ngemilebe yabo, kodwa iintliziyo zabo bazishenxisele kude nam, noloyiko lwabo kum lufundiswe cngemiyalelo yabantu—

26 Ke ngoko, ndiya kuqhubeka ukwenza aumsebenzi omangalisayo phakathi kwaba bantu, ewe, bumsebenzi omangalisayo nongummangaliso, kuba ubulumko bezilumko nabafundileyo babo buya kubhanga, nengqiqo yezilumko zabo iya kusitheliswa.

27 Kwaye ayeha kubo abo bazama nzulu ukulifihla icebo labo kuyo iNkosi! Kwaye imisebenzi yabo isebumnyameni; baze bathi: Ngubani na osibonayo, kwaye ngubani na osaziyo? Baze bathi kanjalo: Ngokwenene ukuziphethuphethula kwakho izinto kuya kubonwa bnjengodongwe lombumbi. Kodwa qaphelani, ndiya kubabonisa, itsho iNkosi yeMikhosi, okokuba ndiyayazi yonke imisebenzi yabo. Kuba ingaba umsebenzi unokuthi kulowo uwenzileyo, akundenzanga? Okanye ingaba into eyakhelweyo inokuthi kulowo uyakheleyo, ebengenangqiqo?

28 Kodwa qaphelani, ithi i Nkosi yeMikhosi: Ndiya kubabonisa abantwana babantu okokuba kuselithutyana elincinane kakhulu kwaye iLebhanon iya kubuya ibe yintsimi echumileyo; kwaye intsimi echumileyo iya kuthatyathwa njengehlathi.

29 aKwaye ngaloo mhla izithulu ziya kuliva ilizwi lencwadi, namehlo eemfama aya kubona emfihlakalweni nasebumnyameni.

30 Kwaye aabalulamileyo kanjalo baya kwanda, bnovuyo lwabo luya kuba seNkosini, nabazintsizana phakathi kwabantu baya kugcoba kuye oNgcwele kaSirayeli.

31 Kuba ngokuqinisekileyo njengoko iNkosi iphila baya kubona okokuba aowoyikekayo uya kwenziwa into engento, nomgxeki uyatshiswa, kwaye bonke abakhangela ithuba lokwenza ubugwenxa basikelwa ngaphandle;

32 Kwaye nabo bathi bamenze aumoni umntu ngelizwi, baze bamthiyele isabatha okhalima besangweni, baze cbamkhuphela ecaleni olilungisa njengento engento.

33 Ke ngoko, itsho njalo iNkosi, eyakhulula uAbraham, ngokunxulumene nendlu kaYakobi: UYakobi akasayi kudaniswa ngoku, nobuso bakhe ngoku bubeluthuthu.

34 Kodwa xa sukuba aebona abantwana bakhe, umsebenzi wezandla zam, embindini wakhe, baya kulingcwalisa igama lam, baze bamngcwalise oNgcwele kaYakobi, baze bamoyike uThixo kaSirayeli.

35 Nabo kanjalo abo babethe abaphazama ngokwasemoyeni baya kubuya baqonde, kwaye abo babembombozela baya bkufunda imfundiso.