Izibhalo
2 Nifayi 26


Isahluko 26

UKrestu uya kulungiselela kumaNifayithi—UNifayi wabona ngexesha elingaphambili intshabalalo yabantu bakhe—Baya kuthetha ukusuka eluthulini—AbeeNtlanga baya kwakha amabandla angeyonyaniso namayelenqe afihlakeleyo—INkosi ayibavumeli abantu ukuba bazixakekise ngobubingeleli bobuxoki. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye emva kokuba uKrestu eya kuba aevukile kwelabafileyo uya bkuzibonakalisa kuni, bantwana bam, nabazalwana bam abathandekayo; kwaye amazwi aya kuthi awathethe kuni aya kuba cngumthetho eniya kuthi niwenze.

2 Kuba qaphelani, ndithi kuni ndibonisiwe okokuba izizukulwana ezininzi ziya kugqitha, kwaye kuya kubakho iimfazwe ezinkulu neembambano phakathi kwabantu bam.

3 Kwaye emva kokuba uMesiya eya kuba efikile kuya kubakho aimiqondiso enikezelwe kubo abantu bam bngokuzalwa kwakhe, kananjalo ngokufa nokuvuka kwakhe; kwaye uya kuba mkhulu kwaye woyikeke loo mhla kubo abakhohlakeleyo, kuba baya kutshabalala; kwaye batshabalala ngenxa yokuba babakhuphela ngaphandle abaprofeti, nabangcwele, baza babaxuluba ngamatye, baza bababulala; ngako oko isikhalo csegazi sabangcwele siya kunyukela phezulu kuThixo ukusuka emhlabeni ngokuchasene nabo.

4 Ngako oko, bonke abo banekratshi, nabo benza ngenkohlakalo, umhla ozayo uya akubatshisa baphele, itsho iNkosi yeMikhosi, kuba baya kuba njengeendiza.

5 Kwaye nabo babulala abaprofeti, nabangcwele, inzulu yomhlaba iya akubaginya ngokupheleleyo, itsho iNkosi yeMikhosi; kwaye biintaba ziya kubagubungela, kwaye nezivunguvane ziya kubathwalela kude, kwaye nezakhiwo ziya kubawela kwaye zibatyumze babe ziingceba zize zibacole babengumgubo.

6 Kwaye baya kuvelelwa ngeendudumo, nemibane, neenyikima, nazo zonke iintlobo zeentshabalalo, kuba umlilo womsindo weNkosi uya kuphenjelelwa ngokuchasene nabo, kwaye baya kuba njengeendiza, kwaye umhla lowo uzayo uya kubatshisa baphele, itsho iNkosi yeMikhosi.

7 Owu intlungu, nentuthumbo yomphefumlo wam ngokulahleka kwababuleweyo babantu bam! Kuba mna, Nifayi, ndiyibonile, kwaye iphantse ukunditshabalalisa phambi kobuso beNkosi; kodwa kufuneka ndidanduluke kuThixo wam: Iindlela zakho azilungile.

8 Kodwa qaphelani, amalungisa athi awaphulaphule amazwi abaprofeti, aze angabatshabalalisi, kodwa akhangele phambili kuKrestu ngenzondelelo imiqondiso enikiweyo, nangona kukho yonke aintshutshiso—qaphelani, ngabo abo bbangasayi kutshabalala.

9 Kodwa uNyana woBulungisa uya akuvela kubo, kwaye uya bkubaphilisa, kwaye baya kuba cnoxolo kunye naye, kude kube kudlule dizizukulwana ezithathu, kwaye abaninzi ebesizukulwana sesine baya kuba bedlulele ebulungiseni.

10 Kwaye xa sukuba ezi zinto zithe zadlula aintshabalalo ekhawulezileyo iya kuza kubo abantu bam; kuba, nangona ndineentlungu zomphefumlo wam, ndiyibonile; ngako oko, ndiyayazi ukuba iza kwenzeka; kwaye bazithengisa ngento engento; kuba, ngomvuzo wekratshi labo nobudenge babo baya kuvuna intshabalalo; kuba ngenxa yokuba beziyekela kumtyholi baze bakhethe imisebenzi yobumnyama kunokukhanya, ke ngoko kufuneka behlele ezantsi besihogweni.

11 Kuba uMoya weNkosi awusayi kusoloko ausebenza ebantwini. Kwaye xa sukuba uMoya uthe wapheza ukusebenza ebantwini ke kuya kufika intshabalalo ekhawulezileyo, kwaye oku kuyawuhlungisa umphefumlo wam.

12 Kwaye njengoko ndathethayo ngokunxulumene anokuqinisekisa bamaYuda, okokuba uYesu cngokwenene unguKrestu, kuya funeka okokuba abeeNtlanga kanjalo baqinisekiswe okokuba uYesu unguKrestu, uThixo waNaphakade;

13 Kwaye nokokuba uya kuzibonakalisa kubo bonke abo bakholelwa kuye, ngamandla aoMoya oyiNgcwele; ewe, kuso sonke isizwe, isalamane, ulwimi, nabantu, esebenza imimangaliso emikhulu, imiqondiso, nemimangaliso, phakathi kwabantwana babantu ngokokholo lwabo.

14 Kodwa qaphelani, ndiprofetha kuni ngokunxulumene anemihla yokugqibela; ngokunxulumene nemihla yaxa sukuba iNkosi uThixo iya kuthi bizizise ezi zinto ngaphambili kubo abantwana babantu.

15 Emva kokuba imbewu yam nembewu yabantakwethu iya kube isiya iphelela ekungakholweni, kwaye beya kubethwa ngabeeNtlanga; ewe, emva kokuba iNkosi uThixo iya kuba irhangqe ngokuchasene nabo macala onke, kwaye yakuba irhangqe ngokuchasene nabo ngoqilima, yaza yenyusa iinqaba ngokuchasene nabo; kwaye nasemva kokuba beya kuba bethotyelwe ezantsi eluthulini, nokukuba bade bangabikho, kuko konke oko amazwi amalungisa aya kubhalwa, kwaye imithandazo yabanyanisekileyo iya kuviwa, kwaye bonke abo bathe baye bephelela ekungakholweni abasayi kulityalwa.

16 Kuba abo baya kutshatyalaliswa baya akuthetha nabo ngokuphuma emhlabeni, kwaye nentetho yabo iya kuba isezantsi isuka eluthulini, kwaye nelizwi labo liya kuba njengokungathi ngoneshologu; kuba iNkosi uThixo iya kumnika amandla, wokokuba abe nokusebeza ngokunxulumene nabo, kude kubengathi kuphuma emhlabeni; kwaye intetho yabo iya kusebeza iphuma eluthulini.

17 Kuba itsho njalo iNkosi uThixo: Baya akuzibhala izinto eziya kuthi zenziwe phakathi kwabo, kwaye ziya kubhalwa zize zitywinelwe encwadini, kwaye abo babesiya bephelela ekungakholweni abasayi kuzizuza, kuba bbazama ukutshabalalisa izinto zikaThixo.

18 Ngako oko, njengabo babetshatyalalisiwe batshatyalaliswe ngokukhawuleza; nezihlwele zaboyikekayo babo ziya kuba anjengomququ ophephezelayo—ewe, itsho njalo iNkosi uThixo: Kuya kuba ngephanyazo, ngesiquphe—

19 Kwaye kuya kwenzeka, okokuba abo bathe beya bephelela ekungakholweni baya akubethwa ngesandla sabeeNtlanga.

20 Kwaye abeeNtlanga baphakamile alikratshi leembono zabo, kwaye bathe bbakhubeka, ngenxa yobukhulu cbelitye lokukhubeka labo; ngokude bazakhele diinkonzo ezininzi; nangona kunjalo, bayawadela amandla nemimangaliso kaThixo, kwaye bashumayele bezidumisa ubulumko babo enemfundo yabo, ukuze bazuze ingeniso kwaye fbabusile ubuso beentsizana.

21 Kwaye zininzi iinkonzo ezakhiweyo ezidala aoomona, neengxabano, nolunya.

22 Kwaye kanjalo kukho aamayelenqe afihlakeleyo, kwananje ngakumaxesha amandulo, ngokwamayelenqe omtyholi, kuba ungumseki wazo zonke ezi zinto; ewe, umseki wokubulala, nemisebenzi yobumnyama; ewe, kwaye ubatsala ngentamo ngomtya welaphu, ade ababophelele ngeentambo ezomeleleyo ngonaphakade.

23 Kuba qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, nditsho kuni ukuthi iNkosi uThixo ayize isebenze ebumnyameni.

24 Ayenzi nayiphina into ngaphandle kokuba ibe iluncedo lwehlabathi; kuba iya alithanda ihlabathi, ngokude inikezele ngobomi bayo ukuze itsalele bbonke abantu kuyo. Ngako oko, akukho namnye emyalela ukuba angaluthabathi usindiso lwayo.

25 Qaphelani, iyadanduluka na nakomnye, isithi: Mkani kum? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi; kodwa ithi: aYizani kum nonke nina ziphelo zomhlaba, bthengani ubisi kwaye nobusi, ngaphandle kwemali kwaye nangaphandle kwexabiso.

26 Qaphelani, ingaba iyalela nabani na ukuba emke aphume kuzo izindlu zesikhungo, okanye baphume kuzo izindlu zokunqula? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi.

27 Ingaba ikhe yayalela nabani na ukuba angaxhamli ausindiso lwayo? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; kodwa bilunikele simahla kubo bonke abantu; kwaye ibayalele abantu bayo ukuba bathundeze abantu bonke ukuba cbaguquke.

28 Qaphelani, ingaba iNkosi ikhe yayalela nabani na ukuba angaxhamli ukulunga kwayo? Qaphelani ndithi kuni, Hayi; kodwa abonke abantu banelungelo elilodwa omnye njengomnye, kwaye akukho namnye owalelweyo.

29 Iyalele okokuba maze kungabikho abulungiseleli bobuxoki; kuba, qaphelani, ubulungiseleli bobuxoki bobokuba abantu bashumayele kwaye bazimise njengokukhanya ehlabathini, ukuze bazuze ingeniso kwaye bnodumo lwehlabathi; kodwa abafuni ntlalo-ntle yeZiyon.

30 Qaphelani, iNkosi ayiyivumelanga le nto; ngako oko, iNkosi uThixo inike umyalelo wokokuba bonke abantu kufanele babe anothando lwenene, uthando olo ke lwenene bluluthando. Ngaphandle kokuba babe nothando lwenene, abanto yanto. Ngako oko, ukuba bathi babe nothando lwenene abangeze bayekele ukuba umsebenzi eZiyon ufe.

31 Kodwa umsebenzi aeZiyon uya kusebenzela iZiyon; kuba ukuba basebenzela bimali baya kutshatyalaliswa.

32 Kwaye kwakhona, iNkosi uThixo aiyalele okokuba abantu maze bangabulali; maze bangaxoki; maze bangebi; maze bangalithabathi igama leNkosi uThixo wabo bnjengento engento; maze bangabi namona; maze bangabi nalunya; maze bangabi nambambano omnye nomnye; maze bangahenyuzi; nokokuba maze bangenzi nanye kwezi zinto; kuba othe wazenza uya kufa.

33 Kuba akukho nabunye kobu bugwenxa obuvela kuyo iNkosi; kuba yenza oko kulungileyo phakathi kwabantwana babantu; kwaye ayenzi nto ngaphandle kokuba ibe icacile kubo abantwana babantu; kwaye uya bamema bonke ukuba beze kuyo baze baxhamle kuko ukulunga kwayo; kwaye aayaleli namnye oza kuyo, omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi; kwaye iya bakhumbula babahedeni; kwaye cbonke bayafana kuThixo, kunye umYuda noweNtlanga.