Izibhalo
2 Nifayi 25


Isahluko 25

UNifayi uyagcotyiswa kukucaca—Iziprofetho zikaIsaya ziya kuqondakala ngemihla yokugqibela—AmaYuda aya kubuya ukusuka eBhabhilon, ambethelele emnqamlezweni uMesiya, aze asasazwe kwaye abandezeleke—Aya kubuyiselwa xa sukuba ekholelwa kuMesiya—Uya kuza okokuqala ngamakhulu amathandathu eminyaka emva kokuba uLihayi eyishiyile iYerusalem—AmaNifayithi agcina umthetho kaMoses aze akholelwe kuKrestu, onguye oNgcwele kaSirayeli. Malunga 559–545 P.K.

1 Ngoku mna, Nifayi, ndithetha nje noko ngokunxulumene namazwi endithe ndawabhala, athe athethwa ngomlomo kaIsaya. Kuba qaphelani, uIsaya wathetha izinto ezininzi ezaye azinzima kwabaninzi kubantu bam ukuba baziqonde; kuba abanalo ulwazi ngokunxulumene nohlobo lokuprofetha phakathi kwamaYuda.

2 Kuba mna, Nifayi, andibafundisanga izinto ezininzi ngokunxulumene nohlobo lwamaYuda; kuba aimisebenzi yawo yaye iyimisebenzi yobumnyama, kwaye nezenzo zawo zaye zizizenzo zamasikizi.

3 Ngako oko, ndibhalela abantu bam, kubo bonke abaya kuthi bazifumane emva koku ezi zinto ndizibhalayo, ukuze bazazi izigwebo zikaThixo, okokuba ziza phezu kwazo zonke izizwe, ngokunxulumene nelizwi athe walithetha.

4 Ngako oko, phulaphulani, Owu bantu bam, abangabantu bendlu kaSirayeli, nize ninike indlebe kuwo amazwi am; kuba nangona amazwi kaIsaya engacacanga kuni, nangona kunjalo acacile kubo bonke abo bazaliswe angomoya bwobuprofeti. Kodwa ndininika isiprofetho, malunga nomoya okum; ngako oko ndiza kuprofetha cngokokucaca okusoloko kukum ukususela ngelixa endathi ndaphuma ngaphandle kweYerusalem kunye nobawo; kuba qaphelani, umphefumlo wam uyavuyiswa kukucaca kubantu bam, ukuze babe nokufunda.

5 Ewe, kwaye umphefumlo wam uyavuyiswa ngamazwi akaIsaya, kuba ndandiphuma eYerusalem, kwaye amehlo am azibonile izinto bzamaYuda, kwaye ndiyayazi okokuba amaYuda ayaziqonda izinto zabaprofeti, kwaye abakho abanye abantu abaziqondayo izinto ezazithethwa kumaYuda njengawo, ngaphandle kokuba zithi zifundiswe ngokohlobo lwezinto zamaYuda.

6 Kodwa qaphelani, mna, Nifayi, andibafundisanga abantwana bam ngokohlobo lwamaYuda; kodwa qaphelani, mna, ngokokwam, bendihlala eYerusalem, ngako oko ndiyazi malunga nemimandla wayo jikelele; kwaye ndikhankanyile kubantwana bam malunga nezigwebo zikaThixo, ezithe azenzeka phakathi kwamaYuda, kubantwana bam, malunga nako konke oko uIsaya wathi wakuthetha, kwaye ke andizibhali.

7 Kodwa qaphelani, ndiqhubeka ngesam isiprofetho, malunga nokwam aukucaca; endikwaziyo ukuba akukho mntu unokuphazama ngako; nangona kunjalo, ngemihla eziya kuthi zizaliseke ngayo iziprofetho zikaIsaya abantu baya kuyazi ngokuqinisekileyo, ngamaxesha eziya kuthi zenzeke.

8 Ngako oko, azinexabiso kubo abantwana babantu, kwaye lowo ucinga ukuba azinalo, kwabo ndiza kubhekisa ngakumbi kubo, kwaye amazwi ndiwalinganisele babantu abangabam; kuba ndiyawazi ukuba aya kuba nexabiso elikhulu kubo cngemihla yokugqibela; kuba ngaloo mhla baya kuwaqonda; ngako oko, ndiwabhalele ukulungelwa kwabo.

9 Kwaye njengokuba esinye isizukulwana sithe asatshatyalaliswa phakathi kwamaYuda ngenxa yobugwenxa, ngokunjalo batshatyalalisiwe ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana malunga nobugwenxa babo; kwaye abazange nakwabaphi na kubo batshatyalaliswe ngaphandle kokuba kube bkuxelwe ngexa elingaphambili kubo ngabaprofeti beNkosi.

10 Ngako oko, baxelelwa ngokunxulumene nentshabalalo eya kuthi ize phezu kwabo, kwangoko emva kokuba ubawo eyishiyile iYerusalem; nangona kunjalo, bazenza lukhuni iintliziyo zabo; kwaye ngokwesiprofetho sam asebetshatyalalisiwe; ngaphandle nje kwabo bathe bbathatyathelwa kude ekuthinjweni ukuya eBhabhilon.

11 Kwaye ngoku oku ndikuthetha ngenxa yomoya okum. Kwaye nangona bethatyathelwe kude baya kubuya kwakhona, baze balibange ilizwe laseYerusalem; ngako oko, baya akubuyiselwa kwakhona kulo ilizwe lelifa labo.

12 Kodwa, qaphelani, baya kuba neemfazwe, namarhe eemfazwe; kwaye xa sukuba umhla uthe wafika wokokuba aoKuphela koZelweyo kaBawo, ewe, naye uBawo wezulu nomhlaba, eya kuzibonakalisa kubo esenyameni, qaphelani, baya kumkhanyela, ngenxa yobugwenxa babo, nobulikhuni beentliziyo zabo, nokuqina kweentamo zabo.

13 Qaphelani, baya akumbethelela emnqamlezweni; kwaye emva kokuba elaliswe bengcwabeni ckangangeentsuku ezintathu uya dkuvuka kwelabafileyo, enokuphilisa emaphikweni akhe; kwaye bonke abo baya kukholelwa egameni lakhe baya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo. Ngako oko, umphefumlo wam uyavuyiswa kukuprofetha ngokunxulumene naye, kuba endiwubonile umhla wakhe, kwaye intliziyo yam iya kulidumisa igama lakhe elingcwele.

14 Kwaye qaphelani kuya kwenzeka okokuba emva kokuba auMesiya evukile kwelabafileyo, kwaye ezibonakalisile kubo abantu bakhe, kangangobuninzi babo abo baya kuthi bakholelwe kulo igama lakhe, qaphelani, iYerusalem iya bkutshatyalaliswa kwakhona; kuba yeha kubo abathi balwe ngokuchasene noThixo nabantu bebandla lakhe.

15 Ngako oko, aamaYuda aya bkusasazwa phakathi kwazo zonke izizwe; ewe, kwaye ciBhabhilon kananjalo iya kutshatyalaliswa; ngako oko amaYuda aya kusasazwa zezinye izizwe.

16 Kwaye emva kokuba besasaziwe, kwaye neNkosi uThixo ibohlwaye ngezinye izizwe kangangesithuba sezizukulwana ezininzi, ewe, nasekwehleni ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana kude kube baya kuphenjelelwa ekubeni abakholelwe kuKrestu, uNyana kaThixo, nentlawulelo, engenamda yalo lonke uluntu—kwaye xa loo mhla uya kufika wokokuba beya kukholelwa kuKrestu, kwaye banqule uBawo egameni lakhe, ngeentliziyo ezinyulu nezandla ezimsulwa, kwaye bangakhangeli phambili kwakhona komnye uMesiya, ke, ngelo lixa, uya kufika umhla wokokuba kumele ukuba kube yimfuneko okokuba bakholelwe kuzo ezi zinto.

17 Kwaye iNkosi iya kuqalisa ukubeka isandla sayo kwakhona okwesibini aukubuyisela abantu bayo ukusuka kwimo yokulahleka nokuwa. Ngako oko, iya kuqhubeka ukwenza bumsebenzi omangalisayo kwanongummangaliso phakathi kwabantwana babantu.

18 Ngako oko, iya kuzisa ngaphambili aamazwi ayo kubo, amazwi lawo aya kuthi babagwebe ngomhla wokugqibela, kuba baya kuwanikwa ngenjongo cyokubaqinisekisa ngoMesiya oyinyani, abathi bamala; nasekubaqinisekiseni okokuba akukho mfuneko yokuba babe baphinde bakhangele phambili komnye uMesiya ozayo, kuba akukho oya kube afike, ngaphandle kokuba ibe dnguMesiya wobuxoki oya kulahlekisa abantu; kuba kukho mnye kuphela uMesiya ekuthethwe ngaye ngabaprofeti, kwaye loo Mesiya nguye lo uya kwaliwa ngamaYuda.

19 Kuba ngokwamazwi abaprofeti, auMesiya uya kuza bngeminyaka engamakhulu amathandathu ukusuka kwilixa awalishiya ngalo ubawo elaseYerusalem; nangokwamazwi abaprofeti, kanjalo nelizwi clengelosi kaThixo, igama lakhe liya kuba nguYesu Krestu, uNyana kaThixo.

20 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndithethe ngokucacileyo ukuze ningabi nakulahleka. Kwaye njengoko iNkosi uThixo iphila aeyazisa uSirayeli yamkhupha kwilizwe laseYiputa, kwaye yanika uMoses amandla okokuba baphilise izizwe emva kokuba belunywe ziinyoka ezinobuhlungu, ukuba banokuthi baphose amehlo abo kuyo cinyoka awayethe wayinyusa phambi kwabo, kananjalo wamnika amandla lokuba alibethe diliwa aze amanzi ampompoze; ewe, qaphelani ndithi kuni, ezi zinto ziyinyani, kwaye njengoko iNkosi uThixo iphila, alikho elinye eigama elinikiweyo phantsi kwezulu ngaphandle kokuba libe ngulo Yesu Krestu, esele ndithethe ngaye, anokuthi umntu asindiswe ngalo.

21 Ngako oko, kungenxa yesi sizathu ithe iNkosi uThixo yandithembisa okokuba ezi zinto andizibhalayo ziya kugcinwa kwaye zilondolozwe, zize zinikezelwe ukuhla ukuya kwimbewu yam, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, ukuze isithembiso sibe nokuzaliseka kuye uYosefu, ukuze imbewu yakhe ingaze bitshabalale kangangokuba umhlaba uya kuma.

22 Ngako oko, ezi zinto ziya kuhamba ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana kangangokuba umhlaba uya kuma; kwaye ziya kuhamba ngokomnqweno nentando kaThixo; kwaye izizwe eziya kuthi zizifumane ziya akugwetywa ngazo ngokwamazwi lawo abhaliweyo.

23 Kuba sisebenza ngenkuthalo ukuze sibhale, ukuze asiphembelele abantwana bethu, nabazalwana bethu kananjalo, ukuba bakholelwe kuKrestu, nokokuba bazinikele kuThixo; kuba siyazi ukuba bkungobabalo ukuze sisindiswe, emva kwako konke esinokuthi csikwenze.

24 Kwaye, nangona sikholelwa kuKrestu, asiyawugcina umthetho kaMoses kwaye sijonge phambili ngenzondelelo kuye uKrestu, ude ube umthetho uya kuzalisekiswa.

25 Kuba, kungale njongo ukuba kunikwe aumthetho; ngako oko umthetho bungofileyo kuthi, kwaye thina sidliswa ubomi kuKrestu ngenxa yokholo lwethu; kanti sisagcina umthetho ngenxa yemiyalelo.

26 Kwaye asithetha ngoKrestu, siyagcoba kuKrestu, sishumayela ngoKrestu, bsiprofetha ngoKrestu, kwaye sibhala ngokweziprofetho zethu, ukuze cabantwana bethu bazi ukuba nguwuphina umthombo abanokukhangela kuwo ukuze dbaxolelwe izono zabo.

27 Ngako oko, sithetha ngokunxulumene nomthetho ukuze abantwana bethu bazi ngokufa komthetho; kwaye bona, ngokuthi bazi ngokufa komthetho, banokukhangela phambili kobo bomi bukuye uKrestu, baze bazi ukuba kungayiphina injongo ukuba kunikwe umthetho. Kwaye emva kokuba umthetho uzalisekile kuKrestu, ukuze kungabikho mfuneko yokuba bazenze lukhuni iintliziyo zabo ngokuchasene naye xa sukuba kufuneka umthetho utshitshiswe.

28 Kwaye ngoku qaphelani, bantu bam, aningabantu abantamo zilukhuni; ngako oko, ndithethe ngokucacileyo kuni, ukuze ningabi nokungaqondi kakuhle. Kwaye amazwi endithe ndawathetha aya kuma bnjengobungqina ngokuchasene nani; kuba anele ukuba cangafundisa nawuphina umntu indlela eyiyo; kuba indlela eyiyo kukukholelwa kuKrestu kwaye ningamkhanyeli; kuba ngokumkhanyela nikhanyela abaprofeti kananjalo nomthetho.

29 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni indlela eyiyo kukukholelwa kuKrestu, nize ningamkhanyeli; kwaye uKrestu ungoNgcwele kaSirayeli; ngako oko kufuneka niqubude phambi kwakhe, kwaye nimnqule ngawo onke aamandlakazi enu, ingqondo, nokomelela, nomphefumlo wenu wonke; kwaye ukuba niya kwenza oku anisayi kuze niphoselwe ngaphandle.

30 Kwaye, kangangokuba kuya kuba yimfuneko, kufuneka nigcine izenzo kunye anemimiselo kaThixo kude kube umthetho uzalisekile owawunikezelwe kuye uMoses.