Izibhalo
2 Nifayi 11


Isahluko 11

UYakobi wambona uMkhululi wakhe—Umthetho kaMoses ufuzisela uKrestu kwaye ungqina ukuba Uya kuza. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku, auYakobi wathetha izinto ezininzi ezingakumbi kubo abantu bam ngelo xesha; nangona kunjalo zezi zinto kuphela endithe ndenza ukuba bmazibhalwe, kuba izinto endithe ndazibhala zindonele.

2 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndibhala amazwi angakumbi akaIsaya, kuba umphefumlo wam uyavuyiswa ngamazwi akhe. Kuba ndiya kuwafanekisa amazwi akhe nabantu bam, kwaye ndiya kuwathumela phambili kubo bonke abantwana bam, kuba wambona ngokwenene buMkhululi wam, kwanjengokuba nam ndambona.

3 Kwaye umntakwethu, uYakobi, kanjalo aumbonile njengokuba nam ndimbonile; ngako oko, ndiya kuwathumela amazwi abo kubo abantwana bam ukungqina kubo ukuba amazwi am ayinyani. Ngako oko, ngamazwi bwabathathu, uThixo uthe, ndiya kulizinzisa ilizwi lam. Nangona kunjalo, uThixo uthumela amangqina angakumbi, kwaye uyawangqina onke amazwi akhe.

4 Qaphelani, umphefumlo wam uyavuyiswa akukubonisa kubo abantu bam ngenyaniso byokuza kuka Krestu; kuba, kungale njongo cumthetho kaMoses uthe wanikwa; kwaye zonke izinto ezithe zanikwa nguThixo ukususela ekuqalekeni kwehlabathi, ebantwini, zingumfuziselo wakhe.

5 Kwaye umphefumlo wam kanjalo uyavuyiswa ayiminqophiso yeNkosi eyathi yawenza koobawo bethu; ewe, umphefumlo wam uyavuyiswa lubabalo lwakhe, nasebulungiseni bakhe, namandla, nenceba kwicebo lakhe elikhulu lanaphakade lokukhulula ekufeni.

6 Kwaye umphefumlo wam uyavuyiswa kukubonisa kubo abantu bam ukuba angaphandle kokuba uKrestu abe uya kuza bonke abantu kufuneka batshabalale.

7 Kuba ukuba aakunakubakho Krestu akunakubakho Thixo; kwaye ukuba akanakubakho uThixo asikho nathi, kuba ngeyingekho bindalo. Kodwa ukhona uThixo, kwaye unguKrestu, kwaye uyeza ekuzalisekeni kwelakhe ixesha.

8 Kwaye ngoku ndibhala amanye kumazwi kaIsaya, ukuze nabani na kubantu bam abaya kuthi bawabone la mazwi babe nokuziphakamisela phezulu iintliziyo zabo kwaye bagcobele bonke abantu. Ngoku la ngamazwi, kwaye ningawafanekisa nani kwaye nabo bonke abantu.