Izibhalo
1 Nifayi 9


Isahluko 9

UNifayi wenza amaqela amabini eembali—Iyileyo ibizwa ngokuba ngamacwecwe kaNifayi—Amakhulu amacwecwe aqulathe imbali yezehlabathi; awona mancinane aphathelene okokuqala nezinto ezingcwele. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye ubawo wazibona, kwaye waziva, kwaye wazithetha zonke ezi zinto, ngethuba ehleli ententeni, akwintlambo kaLemuweli, kwanazo ezinye izinto ezinkulu nezininzi ngakumbi endingenako ukuzibhala phezu kwala macwecwe.

2 Kwaye ngoku, njengoko sendithethile ngokunxulumene nala macwecwe, qaphela asingawo amacwecwe endenza phezu kwawo ingxelo epheleleyo yembali yabantu bam; kuba aamacwecwe endenza phezu kwawo ingxelo epheleleyo yabantu bam ndiwanika igama likaNifayi; ngako oko, abizwa ngokuba ngamacwecwe kaNifayi, abizwa ngegama lam; kwaye la macwecwe kanjalo abizwa ngokuba ngamacwecwe kaNifayi.

3 Nangona kunjalo, ndifumene umyalelo eNkosini okokuba kufuneka ndenze la macwecwe, angenjongo ekhethekileyo yokuba kubekho ingxelo ekroliweyo byobulungiseleli babantu bam.

4 Phezu kwamanye amacwecwe kufanele kukrolwe ingxelo yolawulo lookumkani, neemfazwe neembambano zabantu bam; ngako oko la macwecwe aphathelele ngokungakumbi nobulungiseleli; kwaye aamanye amacwecwe aphathelele ngokungakumbi nolawulo lookumkani neemfazwe neembambano zabantu bam.

5 Ngako oko, iNkosi indiyalele ukuba ndenze la macwecwe angobulumko obukuyo, injongo leyo endingayaziyo.

6 Kodwa yona iNkosi ayazi zonke izinto ukusuka ekuqalekeni; ngako oko, iyayilungiselela indlela yokuphumeza yonke imisebenzi yayo phakathi kwabantwana babantu; kuba qaphelani, inawo onke bamandla ukuze iwazalisekise onke amazwi ayo. Kwaye kunjalo. Amen.