Isahluko 6
UNifayi ubhala ngezinto zikaThixo—Injongo kaNifayi kukuphembelela uluntu ukuba luze kuThixo ka-Abraham luze lusindiswe. Malunga 600–592 P.K.
1 Kwaye ngoku, mna Nifayi, andiniki mlibo woobawo akule nxalenye yembali yam; ndingenako nangaliphina ixesha ukuyinika nanini na ngokwala bmacwecwe ndiwabhalayo; kuba sewunikiwe kwimbali egcinwe cngubawo; ngako oko andiyibhali kulo msebenzi.
2 Kuba kwanele kum ukuthi sisisizukulwana asikaYosefu.
3 Kwaye akubalulekanga kum ukuba ndicoselele ukunika ingxelo epheleleyo ngazo zonke izinto zikabawo, kuba azinako ukubhalwa akula macwecwe, kuba ndinqwenela indawo yokuba ndikwazi ukubhala ngezinto zikaThixo.
4 Kuba umnqweno wam ngokupheleleyo kukuba andithundeze abantu ukuba bbaze kuThixo ka-Abraham, nakuThixo kaIsake, nakuThixo kaYakobi, ukuze basindiswe.
5 Ngako oko, andizibhali izinto aezivuyisa ihlabathi, kodwa ezivuyisa uThixo kwakunye nabo abangengabo abehlabathi.
6 Ngako oko, ndiza kunika umyalelo kwimbewu yam, ukuba ingawazalisi la macwecwe ngezinto ezingenaxabiso kubantwana babantu.