Izibhalo
1 Nifayi 5


Isahluko 5

USaraya ukhalazela uLihayi—Bobabini bavuyela ukubuya koonyana babo—Banikela amadini—Amacwecwe obhedu aqulethe izibhalo zikaMoses nabaprofeti—Amacwecwe alatha uLihayi njengesizukulwana sikaYosefu—ULihayi uprofetha ngezinto ezinxulumene nembewu yakhe kwanokulondolozwa kwamacwecwe. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba emva kokuba sehlile sangena entlango ukuya kubawo, qaphela, yena wazaliswa luvuyo, nomama wam kanjalo, auSaraya, uye wavuya kakhulu, kuba okwenene wayesele ezilile ngenxa yethu.

2 Kuba wayecinga ukuba sitshabalele entlango; kwaye wayekhalazela ubawo, emxelela ukuba uyindoda yemibono; esithi: Qaphela usikhuphe elizweni lelifa lethu, noonyana bam abasekho, nathi siyatshabalala apha entlango.

3 Kwaye wathetha ngolu hlobo umama xa ekhalazela ubawo.

4 Kwaye kwenzekile okokuba ubawo naye athethe, athi: Ndiyazi ukuba andiyindoda yemibono; kuba ukuba bendingazibonanga izinto zikaThixo bngemibono ngendingakwazanga ukulunga kukaThixo, kodwa ngendahlala eYerusalem, ndize nditshabalale nabazalwana bam.

5 Kodwa qaphela, ndizuze ailizwe lesithembiso, ngazo ezi zinto ndiyavuya; ewe, bndiyazi ukuba iNkosi iza kubakhulula oonyana bam ezandleni zikaLabhan, iza kuphinda ibazise behle beze kuthi apha entlango.

6 Kwaye wayethetha ngolu hlobo ubawo, uLihayi, ethuthuzela umama, uSaraya, ngokubhekisele kuthi, kwakuxa sasinyuka entlango sisiya kwilizwe laseYerusalem, sisiya kufuna imbali yamaYuda.

7 Kwaye kuthe xa sibuyela ententeni kabawo, qaphela bazala luvuyo, nomama wam wathuthuzeleka.

8 Kwaye wathetha esithi: Ngoku ndiyazi ngokwenene ukuba iNkosi aimyalele umyeni wam ukuba asabe asinge entlango; ewe, kwaye ndiyazi nokokuba ngokwenene iNkosi ibakhusele oonyana bam, kwaye yabakhulula ezandleni zikaLabhan, yaza yabanika amandla bokufezekisa into ababeyiyalelwe yiNkosi. Waze wathetha ngamazwi ngolu hlobo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba bavuye ngokugqithisileyo, baze banikela aamadini neminikelo enyukayo eNkosini; baza benza bimibulelo kuThixo kaSirayeli.

10 Kwathi emva kokuba benze umbulelo kuThixo kaSirayeli, ubawo, uLihayi, wathabatha iimbali ezazikrolwe aemacwecweni obhedu, waye waziphonononga ukusuka ekuqaleni.

11 Waze wabona ukuba aqulethe aiincwadi ezintlanu zikaMoses, ezazinika ingxelo yokudalwa kwehlabathi, kwakukwakho neka-Adam noEva, ababengabazali bethu bokuqala;

12 Kwakukwakho anembali yamaYuda ukusuka ekuqaleni, kwanokuza kufika ekuqalekeni kolawulo lukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda;

13 Kwakukwakho neziprofetho zabaprofeti abangcwele, ukusuka ekuqaleni, kwanokuza kufika ezantsi ekuqalekeni kolawulo alukaZedekiya; kwaye kanjalo neziprofetho ezininzi ezithethwe ngomlomo bkaYeremiya.

14 Kwaye kwenzekile okokuba ubawo, uLihayi, afumane kanjalo umlibo wookhokho bakhe akumacwecwe obhedu; ngako oko wazazi ukuba usisizukulwana bsikaYosefu; ewe, kwalo Yosefu wayengunyana ckaYakobi, dowathengiswa eYiputa, kwayena eowalondolozwa sisandla seNkosi, ukuze alondoloze uyise, uYakobi, nosapho lwakhe lonke, ekutshabalaleni ngenxa yendlala.

15 Baye kanjalo abakhutshwa ekuthinjweni ezweni laseYiputa, kwanguloo Thixo wabalondolozayo.

16 Kwaye njalo ubawo, uLihayi, wafumana umlibo wooyise. Kwaye noLabhan kanjalo waye esisizukulwana asikaYosefu, ngako oko yena nooyise babegcina iimbali.

17 Kwaye ngoku ubawo esakubona zonke ezi zinto, wazaliswa nguMoya, waqalisa ukuprofetha malunga nembewu yakhe—

18 Ukuba la macwecwe obhedu amele ukufikelela kuzo zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nakubantu ababeyimbewu yakhe.

19 Ngako oko, wathi la macwecwe obhedu aawasokuze atshatyalaliswe; kwaye awasokuze abe mfiliba nangaliphina ixesha. Kwaye waprofetha izinto ezininzi ezinxulumene nembewu yakhe.

20 Kwaye kwenzekile okokuba kude kube ngoku, mna nobawo siyigcinile imiyalelo esasiyiyalelwe yiNkosi.

21 Kwaye sizizuzile iimbali njengoko iNkosi yayisiyalele, saye saziphonononga sazifumana ukuba ziyanqweneleka; ewe, kwaye azinexabiso elikhulu kuthi, kangangokuba bsingayilondolozela abantwana bethu imiyalelo yeNkosi.

22 Ngako oko, yaba bubulumko eNkosini ukuba simele ukuwaphatha sihambe nawo, xa sasihamba entlango sisiya elizweni lesithembiso.