Izibhalo
1 Nifayi 4


Isahluko 4

UNifayi ubulala uLabhan ngokomyalelo weNkosi kwaye ngoko ufumana amacwecwe obhedu ngobuchule—UZorami ukhetha ukuzimanya nosapho lukaLihayi entlango. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba ndithethe nabakhuluwa bam, ndisithi: Masinyukeni sibuyele eYerusalem, kwaye amasithembeke ekugcineni imiyalelo yeNkosi; kuba qaphelani inamandla ukudlula umhlaba wonke, ingathini ke bukungabi namandla ukudlula uLabhan namashumi akhe amahlanu, ewe, okanye nawo amashumi-shumi akhe amawaka?

2 Ke ngoko masihambeni sinyuke; amasomelele bnjengoMoses; kuba ngokwenene wathetha namanzi coLwandle oluBomvu kwaye ohlukana ngapha nangapha, kwaye noobawo bethu bawela, baphuma ekuthinjweni, emhlabeni owomileyo, nemikhosi kaFaro yalandela yaza yarhaxwa emanzini oLwandle oluBomvu.

3 Ngoku qaphelani niyazi ukuba oku kuyinyani; kwaye niyazi kanjalo okokuba aingelosi ithethile nani; ngako oko ningathini ukuthandabuza? Masihambeni sinyuke; iNkosi inako ukusikhulula, nanjengoko yenza koobawo bethu, nokumtshabalalisa uLabhan, nanjengoko yenza kumaYiputa.

4 Ngoku ndakuba ndithethe la mazwi, babesenomsindo, baqhubeka kwakhona ngokumbombozela; nangona kunjalo bandilandela sada safika ngaphandle kweendonga zaseYerusalem.

5 Kwaye kwakusebusuku; ndabenza ukuba mabazimele ngaphandle kweendonga. Kwaye emva kokuba bezimele, mna, Nifayi, ndachwechwa ndaza ndangena esixekweni ndahamba ndabheka phambili ngasemzini kaLabhan.

6 Kwaye andakhokelwa nguMoya, bndingazazi kwangaphambili izinto endimele ukuzenza.

7 Nangona kunjalo ndabheka phambili, kwathi xa ndisondela endlwini kaLabhan ndabona umntu, kwaye wayewele emhlabeni phambi kwam, kuba wayenxile yiwayini.

8 Kwaye kuthe xa ndifika kuye ndafumanisa ukuba nguLabhan.

9 Kwaye ndalibona aikrele lakhe, ndalikhupha kwisingxobo salo; nesiphatho salo sasenziwe ngegolide ecwengileyo, laye lenziwe ngobuchule obukhulu, ndabona nokuba imela yalo yayenziwe ngentsimbi eyona yomeleleyo yexabiso eliphezulu.

10 Kwaye kwenzekile okokuba andandinyanzelwe nguMoya ukuba ndimbulale uLabhan; kodwa ndathi entliziyweni yam: Andizange nanini na ndiphalaze igazi lomntu. Ndarhwaqela ndanga andingembulali.

11 Waze uMoya waphinda wathi kum: Qaphela aiNkosi imnikezele ezandleni zakho. Ewe, kwaye nam ndandisazi ukuba ebefuna ukubuthabatha ubomi bam; ewe, kwaye ebengafuni ukumamela imiyalelo yeNkosi; kananjalo wathi bwahlutha izinto zethu.

12 Kwaye kwenzeka ukuba uMoya uphinde uthi kum: Mbulale, kuba iNkosi imnikezele ezandleni zakho;

13 Qaphela iNkosi aibulala babakhohlakeleyo ukuze ifezekise iinjongo zayo zobulungisa. cKulungile ukuba kufe umntu omnye kunokuba isizwe siye siphelela ngokuphela size sitshabalalele ekungakholweni.

14 Kwaye ngoku, ndakuba mna, Nifayi, ndiwavile la mazwi, ndakhumbula amazwi eNkosi eyawathetha kum entlango, isithi okokuba: aKangangokuba imbewu yakho iya kuyigcina bimiyalelo yam, iya ckuphumelela delizweni lesithembiso.

15 Ewe, ndacinga kwakhona ukuba abanako ukuyigcina imiyalelo yeNkosi ngokomthetho kaMoses, ngaphandle kokuba banokuba nawo umthetho.

16 Kwaye ndandisazi kananjalo okokuba aumthetho wawukrolwe kumacwecwe obhedu.

17 Kwaye kwakhona, ndandisazi ukuba iNkosi inikezela uLabhan ezandleni zam ngesi sizathu—sokokuba ndikwazi ukufumana ezi mbali ngokwemiyalelo yayo.

18 Ke ngoko ndathobela izwi loMoya, ndabamba uLabhan ngeenwele zentloko, ndamnqumla intloko angekrele lakhe.

19 Kwaye emva kokuba ndimnqumle intloko ngekrele lakhe, ndathabatha izambatho zikaLabhan ndazinxiba emzimbeni wam; ewe, ndithi nesuntswana lazo zonke; ndagaxela nesikrweqe sakhe sokuzikhusela esinqeni sam.

20 Kwaye emva kokuba ndikwenzile oku, ndaya phambili kwigumbi likaLabhan lokulondoloza indyebo. Kwaye xa ndandisiya endaweni kaLabhan yolondolozo, qaphela, ndabona aisicaka sikaLabhan ebesinazo izitshixo zegumbi lolondolozo lwendyebo. Ndasiyalela ngelizwi elifana nelikaLabhan, ukuba siye nam egumbini lolondolozo lwendyebo.

21 Kwaye sicinge ukuba ndiyinkosi yaso, uLabhan, kuba sibone izambatho kwakunye nekrele endiligaxele esinqeni sam.

22 Kwaye sathetha nam malunga namadoda amakhulu amaYuda, kuba sona sisazi ukuba inkosi yaso, uLabhan, ibiye kuwo ngobo busuku.

23 Ndaza ndathetha naso ngokungathi bendinguLabhan.

24 Kwaye ndathetha naso kanjalo ukuba kufuneka ndiphathe imikrolo, aebikumacwecwe obhedu, ndiyise kubakhuluwa bam, ababemi ngaphandle kweendonga.

25 Ndaza ndasiyalela ukuba sindilandele.

26 Kwaye sona, ngokucinga ukuba ndithetha ngabazalwana bebandla, nokuba ngenene ndingulo Labhan endimbuleleyo, ngako oko sandilandela.

27 Kwaye sathetha nam amaxesha amaninzi malunga namadoda amakhulu amaYuda, ngeli lixa ndisiya kubantakwethu, ababengaphandle kweendonga.

28 Kwaye kwenzekile okokuba uLeymeni oyike kakhulu xa endibona, kanjalo uLemuweli noSem. Besaba phambi kwam; kuba babecinga ukuba ndandinguLabhan, kwaye ke becinga ukuba undibulele kwaye ngoku ebefuna ukubabulala nabo.

29 Kwaye kwenzekile okokuba ndibakhwaze, baza bandiva; ngako oko bayeka ukusaba phambi kwam.

30 Kwaye kwenzekile okokuba xa isicaka sikaLabhan sibona abantakwethu saqalisa ukungcangcazela, sasisele siza kusaba phambi kwam ukubuyela esixekweni saseYerusalem.

31 Kwaye ngoku mna, Nifayi, njengokuba, ndiyindoda enkulu ngesithomo, kwaye kanjalo ndinikwe aamandla amakhulu yiNkosi, ke ngoko ndiye ndasibamba isicaka sikaLabhan, ndasimisa, ukuze singesabi.

32 Kwaye kwenzekile okokuba ndathetha naso, ndisithi ukuba sinokuwamamela amazwi am, njengoko iNkosi iphila, nanjengoko nam ndiphila, kwanokuba sinokuwamamela amazwi ethu, singabusindisa ubomi baso.

33 Kwaye ndathetha naso, kwa angesifungo, ndisithi masingoyiki; siya kuba ngumntu okhululekileyo njengathi ukuba singahamba nathi ukusinga entlango.

34 Kwaye ndathetha naso kanjalo, ndisithi: Ngokwenene asiyalelwe yiNkosi ukwenza oku; nokuba asimele sikhuthale kusini na ukugcina imiyalelo yeNkosi? Ke ngoko, xa unokwehla nathi usinge entlango kubawo uya kubanendawo kunye nathi.

35 Kwaye kwenzekile okokuba auZorami akhuthazeke akuva amazwi endawathethayo. Ngoku uZorami yayiligama laso isicaka; waza wathembisa ukuba uza kwehla asinge entlango kubawo. Ewe, kwaye wenza nesifungo sokuba uza kuhlala nathi ukususela ngelo lixa ukuya phambili.

36 Ngoku sasinqwenela ukuba ahlale nathi ngesi sizathu, sokokuba amaYuda angabinako ukwazi ngokusaba kwethu ukusinga entlango, kungenjalo ayeya kusisukela asitshabalalise.

37 Kwaye kwenzekile okokuba ekubeni uZorami enze aisifungo kuthi, uloyiko lwethu lwaba luyaphela ngokunxulumene naye.

38 Kwaye kwenzekile okokuba sithabathe amacwecwe obhedu kunye nesicaka sikaLabhan, sisinge entlango, saza sahamba sabheka ententeni kabawo.