Izibhalo
1 Nifayi 3


Isahluko 3

Onyana bakaLihayi babuyela eYerusalem ngenjongo yokuzuza amacwecwe obhedu—ULabhan akavumi ukuphulukana namacwecwe—UNifayi uyalela kwaye khuthaza abantakwabo—ULabhan uyaziba izinto zabo aze azame ukubabulala—ULeymeni noLemuweli babetha uNifayi noSem kwaye bayakhalinyelwa yingelosi. Malunga 600–592 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndibuye ekuthetheni neNkosi, ndiye ententeni kabawo.

2 Kwaye kwenzekile ukuba wathetha nam, esithi: Qaphela ndiphuphe aiphupha, apho iNkosi ibindiyalela ukuba wena nabakhuluwa bakho niya kubuyela eYerusalem.

3 Kuba qaphela, uLabhan unembali yobuzwe yamaYuda kwakunye anomlibo wookhokho bam, kwaye zikrolwe kumacwecwe obhedu.

4 Ngako oko, iNkosi indiyalele ukuba wena nabakhuluwa bakho kufuneka niye endlwini kaLabhan, nifune iimbali, nihle nazo nize apha entlango.

5 Kwaye ngoku, qaphela abakhuluwa bakho bayambombozela, bathi inzima le nto ndiyifuna kubo; kodwa qaphela asindim ofuna loo nto kubo, kodwa ngumyalelo weNkosi.

6 Ke ngoko hamba, nyana wam, kwaye uya kuthandwa ngokukodwa yiNkosi, kuba aawumbombozelanga wena.

7 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndathi kubawo: Ndiya akuhamba ndizenze izinto eziyalelwe yiNkosi, kuba ndiyazi ukuba iNkosi ayiniki bmiyalelo kubantwana babantu, cingabalungiselelanga indlela yokufezekisa into ebayalele yona.

8 Kwaye kwenzekile okokuba akuva la mazwi ubawo waba novuyo olukhulu, kuba wayesazi ukuba ndisikelelwe yiNkosi.

9 Kwaye mna, Nifayi, nabantakwethu sathabatha uhambo lwethu entlango, kunye neentente, zethu senyukela elizweni laseYerusalem.

10 Kwaye kwenzekile okokuba ekubeni sinyukele elizweni laseYerusalem, mna nabantakwethu sathetha-thethana.

11 Saya asenza amaqashiso—nguwuphi kuthi oza kuya angene endlwini kaLabhan. Kwaye kwenzekile okokuba iqashiso liwele kuLeymeni; waza uLeymeni waya wangena endlwini kaLabhan, wathetha naye njengoko wayehleli endlwini yakhe.

12 Uye wanqwenela ukuba uLabhan amnike iimbali ezikrolwe kumacwecwe obhedu, aqulathe aumlibo kabawo.

13 Kwaye qaphela, kwenzeka ukuba uLabhan abenomsindo, amgxothe phambi kwakhe; angavumi ukumnika iimbali ezo. Ngako oko, wathi kuye: Qaphela ungumphangi, kwaye ndiza kukubulala.

14 Kodwa uLeymeni waye wasaba phambi kwakhe, waza wasixelela izinto ezenziwe nguLabhan, kuthi. Saze saqalisa ukuba lusizi kakhulu, kwaye abantakwethu babesele beza kuphindela kubawo entlango.

15 Kodwa qaphela ndathi kubo: Njengoko iNkosi iphila, kwaye nathi siphila, asiyi kwehlela kubawo entlango de sibe siyifezekisile into eyalelwe kuthi yiNkosi.

16 Ngako oko, masithembeke ekugcineni imiyalelo yeNkosi; ke ngoko masihle siye elizweni alelifa likabawo, kuba qaphelani washiya igolide nesilivere, nalo lonke uhlobo lobutyebi. Kwaye konke oku wakwenza ngenxa byemiyalelo yeNkosi.

17 Kuba wayesazi ukuba iYerusalem kufuneka aitshatyalalisiwe, ngenxa yenkohlakalo yabantu.

18 Kuba qaphelani, abawala amazwi abaprofeti. Ngako oko, ukuba ubawo unokuhlala elizweni ekubeni beyalelwe ukuba asabe kwelo lizwe, qaphelani, naye uya kutshabalala. Ngako oko, kuyimfuneko ukuba asabe kwelo lizwe.

19 Kwaye qaphelani, bubulumko kuThixo ukuba sizifumane ezi ambali, ukuze silondolozele abantwana bethu ulwimi loobawo bethu;

20 Kananjalo sibe anokubalondolozela amazwi athethwa ngemilomo yabo bonke abaprofeti abangcwele, athe aziswa kubo ngoMoya namandla kaThixo, ukususela oko ihlabathi laqalayo, kude kube leli lixa lakalokunje.

21 Kwaye kwenzekile okokuba emva kwentetho enje ndabaphembelela abantakwethu, ekubeni bathembeke ekugcineni imiyalelo kaThixo.

22 Kwaye kwenzekile okokuba sihle siye elizweni lelifa lethu, sathi saqokelela ndawonye aigolide yethu, nesilivere yethu, nezinto zethu zexabiso.

23 Kwaye emva kokuba siqokelele ezi zinto ndawonye, sahamba senyuka, saphinda saya endlwini kaLabhan.

24 Kwaye kwenzekile okokuba siye kungena kwaLabhan, sinqwenela ukuba anikezele kuthi iimbali ezazikrolwe aemacwecweni obhedu, endaweni yoko thina siya kumnika igolide yethu, nesilivere yethu, nazo zonke izinto zethu zexabiso.

25 Kwaye kwenzekile okokuba xa uLabhan ebona izinto zethu, ezazininzi kakhulu, awazinqwenela, kangangokuba wasigxothela ngaphandle, waza wathumela izicaka zakhe ukuba zisibulale, ukuze akwazi ukufumana izinto zethu.

26 Kwaye kwenzekile okokuba sizisabe izicaka zikaLabhan, kwaye sanyanzeleka ukuba sishiye izinto zethu, zaza zawela ezandleni zikaLabhan.

27 Kwaye kwenzekile okokuba sisabele entlango, zathi zeza izicaka zikaLabhan azabinako ukusifumana, saza sazifihla emqolombeni.

28 Kwaye kwenzekile okokuba uLeymeni abenomsindo kum, nakubawo kananjalo; noLemuweli naye wabanjalo, kuba wayemamela amazwi kaLeymeni. Ngako oko uLeymeni noLemuweli bathetha angamazwi alukhuni kuthi, baninawa babo, basibetha nangentonga.

29 Kwaye kwenzekile njengoko babesibetha ngentonga, qaphela, aingelosi yeNkosi yeza yema phambi kwabo, yaye yathetha nabo, isithi: Kutheni nibetha umninawa wenu ngentonga? Anazi yinina ukuba iNkosi imonyule ukuba babengumlawuli phezu kwenu, oku kungenxa yobugwenxa benu? Qaphelani niya kunyuka nihambe niye eYerusalem kwakhona, kwaye neNkosi iya kumnikela uLabhan ezandleni zenu.

30 Kwaye emva kokuba aingelosi ithethile nathi, yemka.

31 Kwaye emva kokuba ingelosi imkile, uLeymeni noLemuweli baqalisa aukumbombozela kwakhona, besithi: Ingenzeka njani into yokuba iNkosi inikele uLabhan ezandleni zethu? Qaphelani, uyindoda enamandla, kwaye angayalela amashumi amahlanu, ewe, angawabulala kwanawo amashumi amahlanu; ke uza kusiyekela ntoni thina?