Izibhalo
1 Nifayi 22


Isahluko 22

USirayeli uya kusasazwa kubo bonke ubuso bomhlaba—AbeeNtlanga baya kwanyisa kwaye bondle uSirayeli ngevangeli ngemihla yokugqibela—USirayeli uya kuhlanganiswa asindiswe, baze abakhohlakeleyo batshiswe njengeendiza—Ubukumkani bomtyholi buya kutshatyalaliswa, aze uSathana akhonkxwe. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba mna, Nifayi, ndizifundile ezi zinto ezazikrolwe phezu akwamacwecwe obhedu, abantakwethu beza kum baza bathi kum: Zithetha ntoni ezi zinto uthe wazifunda? Qaphela, zingaba nokuqondakala ngokunxulumene nezinto ezizezomoya, eziya kuthi zenzeke ngokunxulumene nomoya kwaye ingekuko okwenyama?

2 Kwaye mna, Nifayi, ndathi kubo: Qaphelani azazibonakaliswe kumprofeti ngelizwi lo bMoya; kuba ngoMoya zonke izinto ziyaziswa kubo cabaprofeti, eziya kwenzeka kubo abantwana babantu ngokunxulumene nasenyameni.

3 Ngako oko, izinto endithe ndazifunda ngazo zizinto eziphathelele nezinto kunye aezenyama nezomoya; kuba kukhangeleka ngathi indlu kaSirayeli, ngokukhawuleza okanye kamva, iya bkusasazwa phezu kobuso bomhlaba, kwaye naphakathi kwazo zonke izizwe.

4 Kwaye qaphelani, kukho abaninzi abasele belahlekile kulwazi lwabo baseYerusalem. Ewe, inxenye eninzi yazo zonke aizizwe bikhokelelwe kude; kwaye zasasazwa ngapha nangapha phezu ckweziqithi zolwandle; kwaye apho bakhoyo akukho namnye kuthi owaziyo, ngaphandle nje kokuba sisazi ukuba bakhokelelwa kude.

5 Kwaye okoko bathi bakhokelelwa kude, ezi zinto zaprofethwa malunga nabo, kanjalo malunga nabo bonke abaya kuthi emva koku basasazwe kwaye babhidaniswe, ngenxa yakhe oNgcwele kaSirayeli; kuba baya kuziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene naye; ngako oko, baya kusasazwa phakathi kwazo zonke izizwe baze abathiywe ngabo bonke abantu.

6 Nangona kunjalo, emva kokuba beya akwanyiswa bngabeeNtlanga, kwaye neNkosi isiphakamisile isandla sayo phezu kwabeeNtlanga kwaye wabamisela njengebhanile, kwaye cnabantwana babo babafunqula ezingalweni zabo, neentombi zabo bazithwala phezu kwamagxa abo, qaphelani ezi zinto kuthethwa ngazo zezomzuzwana; kuba injalo iminqophiso yeNkosi noobawo bethu; kwaye ithetha thina ngemihla ezayo, kwa nabo bonke abazalwana bethu abo bangabendlu kaSirayeli.

7 Kwaye oku kuthetha ukuba liyeza ilixa lokuba emva kokuba yonke indlu kaSirayeli isasaziwe yaza yabhidaniswa, kuba iNkosi uThixo iya kuphakamisa isizwe esinamandla phakathi akwabeeNtlanga, ewe, kwa naphezu kobuso beli lizwe; kwaye ngabo imbewu yethu iya bkusasazwa.

8 Kwaye emva kokuba imbewu yethu isasaziwe iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukwenza aumsebenzi omangalisayo phakathi bkwabeeNtlanga, oya kuba cnexabiso elikhulu kuyo imbewu yethu; ngako oko, ifanekiswa nokondliwa kwabo ngabeeNtlanga nokufunqulwa kwabo ezingalweni zabo nasemagxeni abo.

9 Kananjalo iya uba anexabiso nakubo abeeNtlanga; kwaye ingekuko kwabeeNtlanga kuphela kodwa bnakuyo cindlu kaSirayeli iphela, ekwaziseni dngeminqophiso kaBawo wezulu kuAbraham, ethi: Kuyo eimbewu yakho izalamane zomhlaba ziphela ziya fkusikeleleka.

10 Kwaye ndinqwenela, bazalwana bam, ukuba zenazi ukuba izalamane zomhlaba zonke azinako ukusikeleleka ngaphandle kokuba aziyihlube ingalo yayo emehlweni ezizwe.

11 Ngako oko, iNkosi uThixo iya kuqhubeka ukuyityhila ingalo yayo emehlweni ezizwe zonke ziphela, ekuziseni iminqophiso yayo nevangeli yayo kubo abo abangabendlu kaSirayeli.

12 Ngako oko, iya kubabuyisa kwakhona baphume ekuthinjweni, kwaye baya akuhlanganiswa kunye elizweni lelifa labo; kwaye baya kukhutshwa ekufihlakaleni bnasebumnyameni; kwaye baya kuyazi ukuba ciNkosi dinguMsindisi wabo noMkhululi wabo, eOnamandla kaSirayeli.

13 Kwaye igazi lelo bandla likhulu anelimasikizi, elilihenyukazi lawo wonke umhlaba, liya kubuyela phezu kwezabo iintloko; kuba baya bkulwa iimfazwe ngaphakathi kwabo, lize ikrele celisezandleni zabo liwele phezu kwezabo iintloko, kwaye baya kunxiliswa lelabo igazi.

14 Kwaye zonke aizizwe eziya kuthi zilwe iimfazwe ngokuchasene nawe, Owu ndlu kaSirayeli, ziya kujikelana ezinye nezinye, kwaye ziya bkuwela kuwo umngxuma ezaziwombele ukubhabhisa abantu beNkosi. Kwaye bonke cabalwa ngokuchasene neZiyon baya kutshatyalaliswa, kwaye nelo henyukazi likhulu, elithe lagqwetha iindlela zeNkosi, ewe, elo bandla likhulu nelimasikizi, liya kudilikela deluthulini kwaye hayi ukuba sikhulu kwesiwo salo.

15 Kuba qaphelani, utsho umprofeti, ilixa liyeza ngokukhawuleza lokuba uSathana engasayi kuba namandla ezintliziyweni zabantwana babantu; kuba uyeza umhla kwakamsinyane oya kuthi bonke abanekratshi nabo benza ngokukhohlakeleyo baya kuba anjengeendiza; kwaye umhla uyeza wokuba kufuneka bbetshisiwe.

16 Kuba ilixa liyeza kwakamsinya lokuba aingqumbo kaThixo ezeleyo iya kuthululelwa phezu kwabo bonke abantwana babantu; kuba akayi kubavumela abakhohlakeleyo ukuba batshabalalise amalungisa.

17 Ngako oko, uya akuwalondoloza bamalungisa ngamandla akhe, nokuba kungathi kwenzeke ukuba ingqumbo yakhe engenasithintelo kufuneka ifikile, kwaye amalungisa alondolozwe, nasekubeni kutshatyalaliswe iintshaba zabo ngomlilo. Ngako oko, amalungisa akamele abe naloyiko; kuba utsho njalo umprofeti, aya kusindiswa, nokuba kungade kube kungokomlilo.

18 Qaphelani, bazalwana bam, ndithi kuni, ezi zinto kumele zifike kwakamsinya; ewe, nokuba kungegazi, nomlilo, nomphunga womsi kumele ufike; kwaye kumele kube ngaphezu kobuso balo mhlaba; kwaye iza ebantwini ngokwasenyameni ukuba baya kuthi baziqaqadekise iintliziyo zabo ngokuchasene noyiNgcwele kaSirayeli.

19 Kuba qaphelani, amalungisa akasayi kutshabalala; kuba ngokwenene kumele lifike ilixa lokuba bathi bonke abalwa ngokuchasene neZiyon basikelwe ngaphandle.

20 Kwaye iNkosi ngokwenene iya kubalungiselela indlela abantu bayo, ukuze kuzaliseke amazwi kaMoses, awathi wawathetha, esithi: INkosi uThixo wenu iya kuniphakamisela aumprofeti, njengam; niya kumphulaphula kuzo zonke naziphina izinto aya kuthi azithethe kuni. Kwaye kuya kwenzeka okokuba bonke abo bangasayi kumphulaphula loo mprofeti baya bkusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu.

21 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndivakalisa kuni, ukuba lo amprofeti awathi wathetha ngaye uMoses yayingoNgcwele kaSirayeli; ngako oko, uya kuwisa bisigwebo ngobulungisa.

22 Kwaye amalungisa akamele abe naloyiko, kuba angabo bangasayi konganyelwa. Kodwa bubukumkani bomtyholi, obo buya kuthi bakhiwe phakathi kwabantwana babantu, ubukumkani obo bumiswe phakathi kwabo basenyameni—

23 Kuba ilixa liya kufika ngokukhawuleza lokokuba onke aamabandla awakhelwe ukuze enze ingeniso, nawo onke awakhelwe ukuzuza amandla phezu kwenyama, nalawo akhelwe ukuze abe bnodumo emehlweni ehlabathi, nalawo alangazelela iinkanuko zenyama nezinto zehlabathi, nokwenza lonke uhlobo lobugwenxa; ewe, lulonke, onke lawo angawobukumkani bomtyholi ngawo lawo amele kukoyika, kwaye aduduzele, kwaye cangcangcazele; ngawo lawo kumele aziswe ezantsi eluthulini; ngawo lawo amele ukuba datshatyalaliswe aphele njengeendiza; kwaye oku kungokwamazwi omprofeti.

24 Kwaye ilixa liyeza ngokukhawuleza lokokuba amalungisa akhokelwe anjengamankonyana asesitalini, kwaye oNgcwele kaSirayeli umele alawule ngobukhosi, nokomelela, namandla, nangozuko olukhulu.

25 Kwaye uya abahlanganisa abantwana bakhe ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba; kwaye uyazibala izimvu zakhe, kwaye ziyamazi; kwaye kuya kubakho ubuhlanti obunye bnomalusi omnye; kwaye uya kuzidlisa izimvu zakhe, kwaye kuye ziya kufumana cidlelo.

26 Kwaye ngenxa yobulungisa babantu bakhe, auSathana akanawo amandla; ngako oko, akanako ukukhululwa kangangethuba bleminyaka emininzi; kuba akanawo amandla phezu kweentliziyo zabantu, kuba bahleli ngobulungisa, kwaye oNgcwele kaSirayeli cuyalawula.

27 Kwaye ngoku qaphelani, mna, Nifayi, ndithi kuni zonke ezi zinto kumele zifike ngokwasenyameni.

28 Kodwa, qaphela, zonke izizwe, izalamane, iilwimi, nabantu baya kuhlala ngokukhuselekileyo kuye oNgcwele kaSirayeli ukuba banokuthi abaguquke.

29 Kwaye ngoku mna, Nifayi, ndiyapheza; kuba andingekhe ndibe nobugagu bokuthetha ngakumbi ngokwakaloku nje ngokunxulumene nezi zinto.

30 Ngako oko, bantakwethu, ndingathanda ukuba nicingisise okokuba izinto ezibhaliweyo phezu akwamacwecwe obhedu ziyinyani; kwaye ziyangqina ukuba umntu umele ayithobele imiyalelo kaThixo.

31 Ngako oko, animele nicinge ukuba mna nobawo sithi kuphela abathe bazingqina, kanjalo sazifundisa. Ngako oko, ukuba niya kuyithobela aimiyalelo, kwaye ninyamezele kude kube sekupheleni, niya kusindiswa ngomhla wokugqibela. Kwaye kunjalo ke. Amen.