“EyoMsintsi 15–21: ‘Kuba Emva kweNkxwaleko eNinzi … Iyeza iNtsikelelo’: IMfundiso neMinqophiso 102–105,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 102–105,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
C. C. A. Christensen (1831–1912, Zion’s Camp (iNkampu yeZiyon,)c. 1878 itempera kwimuslin, 78× 144 yee-intshi. iMyuziyam yoBugcisa yeBrigham Young Yunivesithi, isipho sabazukulwana baka C. C. A. Christensen, 1970
EyoMsintsi 15–21:“Kuba Emva kweNkxwaleko eNinzi … Iyeza iNtsikelelo”
IMfundiso neMinqophiso 102–105
AbaNgcwele eKirtland babeneentliziyo ezibuhlungu ukuva ukuba abazalwane noodade babo eJackson Khawunti, eMissouri, babeqhutywa besuswa kumakhaya abo. Kwakumele ukukhuthaza, ngoko, xa iNkosi yayibhengeza ukuba, “inkululeko yeZiyon” iya “kuza ngegunya”(IMfundiso neMinqophiso 103:15). Ngeso sithembiso ezintliziyweni zabo, ngaphezulu kwamadoda ayi-200, nabafazi malunga ne-25 nabantwana, bayeebabhaliswa koko bakubiza ngokuba yiNkampu kaSirayeli, kamva eyaye yaziwa njengeNkampu yeZiyon. Injongo yayo yayikukuhamba ukuya kukhulula iZiyon.
Kumalungu enkampu, ukukhulula iZiyon kwakuthetha ukubuyisela abaNgcwele kumhlaba wabo. Kodwa ngaphambi nje kokuba inkampu ifike eJackson County, iNkosi yaxelela uJoseph Smith ukuba ame kwaye aphelise iNkampu yeZiyon. Amanye amalungu enkampu ayedidekile yaye ecaphukile; kwakubonakala ngathi olo hambo lusilele kwaye izithembiso zeNkosi azizange zizaliseke. Abanye, nangona kunjalo, bayibona ngokwahlukileyo. Ngelixa abaNgcwele ababeselubhacweni bengazange babuyele eJackson County, amava aza nalo inqanaba “lenkululeko” eZiyon, kwaye lona “leza ngegunya.” Amalungu athembekileyo eNkampu yeZiyon, uninzi lwawo kamva lwaba ziinkokeli zeBandla, angqina ukuba amava alwenza nzulu ukholo lwawo kumandla kaThixo, kubizo lwaphezulu lukaJoseph Smith, nakwiZiyon—hayi nje indawo iZiyon kodwa iZiyon abantu bakaThixo. Kunokuba babuze ixabiso loku kwakubonakala ngathi ngumsebenzi ongenakuphumelela, baye bafunda ukuba owona msebenzi wokwenene kukulandela uMsindisi, nkqu naxa singaqondi yonke into. Yiyo le indlela iZiyon, ekugqibeleni, eya kukhululwa ngayo.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
IMfundiso neMinqophiso 102:12–23
Yintoni injongo yamabhunga obulungu?
Icandelo 102 liqulathe imizuzu yentlanganiso eKirtland, Ohio, apho ibhunga lokuqala eliphezulu leBandla lalisekwe khona. Kuyo imiqolo 12–23, iNkosi ichaza iinkqubo ezilandelwa ngamabhunga aphezulu xa ebambe amabhunga obulungu abo benze izono ezinzulu.
UMongameli M. Russell Ballard wafundisa: “Amalungu ngamanye amaxesha ayabuza ukuba kutheni amabhunga eBandla [obulungu] ebanjwa. Injongo iphindwe kathathu: ukusindisa umphefumlo womkreqi, ukukhusela omsulwa, nokukhusela ucoceko lweBandla, inyaniso egqibeleleyo, negama elilungileyo” (“A Chance to Start Over: Church Disciplinary Councils and the Restoration of Blessings,” Ensign,, EyoMsintsi. 1990, 15).
IMfundiso neMinqophiso 103:1–12, 36; 105:1–19
IZiyon ingokhelwa kuphela phezu kwemigaqo yobulungisa.
Kwakutheni abaNgcwele baphulukana nomhlaba wabo othenjisiweyo eMissouri? Kusenokuba kwakukho izizathu ezininzi—esinye, yathi iNkosi, “ukreqo lwabantu bam.” Ukuba bekungenjalo, iZiyon “ngeba ikhululiwe” (IMfundiso neMinqophiso 105:2). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 103:1–12, 36; 105:1–19, ungaqaphela ezinye izinto ezathintela ukusekwa kweZiyon eMissouri nezinye ezazinako ukunceda. Yintoni oyifundayo enokunceda ukuseka iZiyon entliziyweni yakho, ekhaya, noluntu?
IMfundiso neMinqophiso 103:12–13, 36; 105:1–6, 9–19
Iintsikelelo zifika emva kweemvavanyo zokholo.
Ngeendlela ezininzi, ukuthatha inxaxheba kwiNkampu yeZiyon kwakuluvavanyo lokholo. Uhambo lwalulude, imo yezulu yayitshisa, kwaye ukutya namanzi ngamanye amaxesha kwakunqabile. Kwaye emva kwako konke abakunyamezelayo, iNkampu yeZiyon ayizange iphumelele ekubuyiseleni abaNgcwele emhlabeni wabo. Khawufane ucinge ukuba wawunethuba lokubhalela ilungu leNkampu yeZiyon incwadi ukholo lwakhe eNkosini lwalugungqiswe ngamava alo. Ungathini ukuze umkhuthaze lo mntu? Zeziphi iinyaniso ozifumanayo kuyo IMfundiso neMinqophiso 103:5–7, 12–13, 36; 105:1–6, 9–19 ezingaceda?
Emveni koko ungacinga ngomzekelo wangoku ngakumbi wovavanyo olufana neNkampu yeZiyon—njengomfundisi wevangeli osebenza nzima, kodwa akukho mntu uzimanya neBandla ngenxa yemizamo yakhe. Ngokusekelwe koko ukufundileyo, ungamnceda njani lo mfundisi wevangeli abone ukuba umsebenzi wakhe wawusaphumelela?
INkosi ikusikelele njani “emva kwenkxwaleko eninzi”? (IMfundiso neMinqophiso 103:12).
Bona kananjalo 1 Nifayi 11:16–17; Alma 7:11–12; IMfundiso neMinqophiso 6:33–36; 84:88; 101:35–36.
Lungiselela ngokufunda umxholo wembali wezityhilelo. Ukuqonda imeko yezityhilelo kwiMfundiso neMinqophiso kungakunceda ukuba uqonde kwaye usebenzise imigaqo eziyifundisayo. Yizani, Nindilandele ubonelela ngamakhonkco kuninzi lwezi zixhobo.
Inkampu yakwaSirayeli yamisa iintente ngaselunxwemeni loMlambo iLittle Fishing River.
Yintoni injongo yezilingo?
Cinga isiluleko sikaMdala Orson F. Whitney malunga nenjongo yezilingo: “Akukho ntlungu siyifumanayo, asikho isilingo esisifumanayo esiyinkcitho. Zilungiselela imfundo yethu, ekukhuleni kweempawu ezinjengomonde, ukholo, ubugorha nokuthobeka. Konke oko sibandezelekayo ngako konke esikunyamezelayo, ngakumbi xa sikunyamezela ngomonde, kwakha izimilo zethu, kuhlambulule iintliziyo zethu, kwandise imiphefumlo yethu, kwaye kusenze sithambe ngakumbi kwaye sibe nesisa ngakumbi, sifaneleke ngakumbi ukubizwa ngokuba ngabantwana bakaThixo … kungosizi nokubandezeleka, ukubulaleka nembandezelo, sizuza imfundo esize apha ukuze siyifumane kwaye eya kusenza sifane ngakumbi noBawo noMama wethu osezulwini” (in Spencer W. Kimball, Faith Precedes the Miracle [1972], 98).
IMfundiso neMinqophiso 104:11–18, 78–83
INkosi indenze “igosa kwiintsikelelo zasemhlabeni.”
Ukwangeza kwizilingo eMissouri, ngo-1834 iBandla laye lajongana nobunzima bezezimali, okuquka amatyala anzima neendleko. Kulo icandelo 104, iNkosi yanikezela ingcebiso ngemeko yezezimali zeBandla. Ungayisebenzisa njani le migaqo kuyo imiqolo 11–18 kunye 78–83 kwezakho izigqibo zemali?
Treasure in Heaven: The John Tanner Story
The Labor of His Hands
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
Mna “[ndinga]lukhanyiso ehlabathini” ngokulandela uYesu.
-
Ungamema abantwana bakho ukuba babambe imifanekiso yeglowubhu yesibane, ikhandlela, okanye omnye umthombo wokukhanya ngelixa ufunda IMfundiso neMinqophiso 103:9. Sinokufana njani nokukhanya kwabanye xa silandela uYesu Krestu?
Ndingaba njengokukhanya kwabanye xa ndilandela uYesu Krestu.
IMfundiso neMinqophiso 104:13–18
INkosi ifuna ukuba ndabelane nabantu abasweleyo ngezinto endinazo.
-
Usenokufuna ukunika abantwana bakho imizuzu embalwa yokwenza uluhlu lweentsikelelo uThixo abanike zona (ezinjengokutya, impahla, iitalente, ukholo, nekhaya). Bakhuthaze ukuba badwelise kangangoko banako. Emveni koko ningafunda kunye IMfundiso neMinqophiso 104:13–18, nikhangele iimpendulo kwimibuzo efana nale: Ngubani umnini wenene wazo zonke izinto? Ufuna Yena senze ntoni ngezi zinto? Wena nabantwana bakho ninokubalisa amava apho kukho umntu oninike into eniyifunayo.
2:8The Coat
INkosi iya kundisikelela xa ndigcina imiyalelo yaYo.
-
Amaxesha amaninzi kulo icandelo 104 iNkosi ithembisa “iintsikelelo eziphindaphindiweyo” kubantu abayithobela ngokunyanisekileyo imiyalelo yaKhe. Ukunceda abantwana baqonde ukuba kuthetha ukuthini “eziphindaphindiweyo”, unokuzoba isangqa uze ucele abantwana bakho bakuncede baphindaphinde inani lezangqa—uzoba ezimbini, emva koko, ezine, ezisibhozo, ezilishumi elinesithandathu, njalo njalo. Ngalo lonke ixesha usongeza izangqa, nceda abantwana bakho bacinge ngentsikelelo uBawo waseZulwini abanikeze yona.
IMfundiso neMinqophiso 105:38–40
Mna ndingaba nguye umxolelanisi.
-
Yima ngamaxesha athile ukuthetha ngezifundo esinokuzifunda kwiNkampu yeZiyon—ngokomzekelo, ukuba iNkosi ifuna ukuba sibe seluxolweni kwaye sisebenzisane endaweni yokuxambulisana nokulwa (bona kananjalo Russell M. Nelson, “Abaxolelanisi Bayafuneka,” Liyahona, UCanzibe 2023, 98–101).
3:30Chapter 36: Zion’s Camp: February–June 1834
-
Kananjalo usenokufunda IMfundiso neMinqophiso 105:38–40 kwaye ucele abantwana ukuba baphakame ngalo lonke ixesha besiva igama elithi “uxolo.” Cacisa ukuba iNkosi yayifuna ukuba abaNgcwele benze uxolo nabantu ababengenabubele. Nceda abantwana bakho bacinge ngezinto abanokuzenza ukuze babe ngabantu abangabaxolelanisi, kwaye ubacele ukuba badlale indima ethile kwiimeko ezithile.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.