Umyalezo WabaNdwendweli Makhaya, eyeNkanga 2017
Oodade Abathathu
Sinoxanduva lobufundi bethu, kwaye inento encinane—ukuba kunento—yokwenza nendlela abanye abantu abasiphatha ngayo.
Boodade ababekekileyo, bahlobo ababekekileyo, ukuqala inkomfa yajikelele ngohlelo loodade kuzwelonke kubalulekile kwaye kuyamangaza. Khawufane ucinge: oodade bobudala bonke, beemvelaphi zonke, bezizwe zonke, kunye neelwimi zonke nimanyene elukholweni kunye naseluthandweni lukaYesu Krestu.
Njengoko besikhe sahlangana kamva nje nomprofethi wethu oyintanda, uMongameli Thomas S. Monson, uye wavakalisa kuthi ukuba uyithanda kangakanani iNkosi. Kwaye ndiyayazi ukuba uMongameli Monson uyabulela kakhulu ngothando lwenu, imithandazo yenu, kunye nokuzinikela kwenu eNkosini.
Kudala kwilizwe elikude kwakuhlala usapho loodade abathathu.
Udade wokuqala wayekhathazekile. Yonke into ukusukela kwimpumlo yakhe ukuya esilevini kwaye nokusukela kulusu lwakhe ukuya ezinzwaneni zakhe yayingabonakali ilunge kakuhle ngokwaneleyo kuye. Xa yena wayethetha, amazwi wakhe ngamanye amaxesha ayephuma ngobuqhitala, kwaye nabantu babehleka. Xa omnye wayemgxeka okanye “elibele” ukummemela kwinto ethile, wayephathwa ziintloni, ahambe, kwaye azifumanele indawo ebucala apho wayeyokuvumela uncwino olubi kwaye azicingele ukuba kwakutheni na ubomi babubonakala bububi kwaye bungachwayitisi.
Udade wesibini wayephambene. Yena wayezicingela okokuba wayehlakaniphile kakhulu, kodwa kwakusoloko kukhona omnye umntu owayefumana amanqaku angaphezulu kwawakhe kwiimvavanyo zasesikolweni. Wayezibona engumntu ohlekisayo, olungileyo, onxiba kakuhle, okanye obhidayo. Kodwa rhoqo, kwakunomnye umntu owayehlekisa ngaphezulu, olunge ngaphezulu, owayenxiba kakuhle kakhulu, okanye owayenomtsalane kakhulu.
Yena wayengazange abenguye owokuqala nakwintoni na, kwaye oku wayengenako ukukunyamezela. Ubomi babungafanele ukuba bubengale indlela!
Ngamanye amaxesha wayenyusana nabanye, kwaye kwakubonakala ngathi wayesoloko ekufutshane nokuphulukana nomphefumlo wakhe ngenxa yokukhathazwa yenye into okanye ngomnye umntu.
Eneneni, oku akuzange kumenze ukuba athandeke okanye adume ngokugqithisileyo. Ngamanye amaxesha wayebamba amazinyo akhe, aqinise amanqindi akhe, kwaye acinge, “Ubomi abunabulungisa!”
Kwakunomnye udade wesithathu. Ngokungafani nodade wakhe owayekhathazekile kunye nodade wakhe owayephambana, yena—wayelungile, evuya. Kwaye kwakungekho ngenxa yokuba wayehlakaniphe ngaphezulu okanye wayemhle gqitha okanye wayenezakhono ukwendlula oodade bakhe. Hayi, abantu ngamanye amaxesha babengamnaki okanye babengamhoyi ngokunjalo futhi. Ngamanye amaxesha babehlekisa ngento awayeyinxiba okanye ngezinto awayezithetha. Ngamanye amaxesha babethetha izinto ezibuhlungu ngaye. Kodwa yena wayengavumeli nantoni na yoko ukuba imkhathaze kakhulu.
Lo dade wayethanda ukucula. Wayengena lizwi elikhulu, kwaye nabantu babehlekisa ngalonto, kodwa oko akuzange kumnqande. Yena wayenokuthi, “Andizo kuvumela abanye abantu kunye nezimvo zabo ukuba zindiyekise ukucula!”
Eyona nto yokuba waye waqhubeka nokucula yaye yakhathaza udade wakhe wokuqala kwaye yaphambanisa udade wakhe wesibini.
Iminyaka emininzi yaye yadlula, kwaye ekugqibeleni unomdade ngamnye wafikelela esiphelweni sobomi bakhe emhlabeni.
Udade wokuqala, oyena wabona ngokuphinda-phindeneyo ukuba kwakungekho kusilela kweempoxo ebomini, ekugqibeleni waye wasweleka wayekhathazekile.
Owesibini, oyena wayesoloko yonke imhla wayefumana into entsha awayengayithandi, waye wasweleka ephambene.
Kwaye udade wesithathu, oyena wayechithe ubomi bakhe ecula iculo lakhe ngamandla akhe onke kunye nangoncumo oluzimiseleyo ebusweni bakhe, waye wasweleka evuya.
Eneneni, ubomi abusoze bubelula ngelohlobo, kwaye abantu abasoze babenecala elinye njengabo oodade abathathu kweli bali. Kodwa nemizekelo ebaxekileyo nkqu efana nale ingasifundisa into ethile malunga neziqu zethu. Ukuba uyafana noninzi lwethu, mhlawumbi usowuqaphele inxalenye yakho komnye, kwababini, okanye kubo bonke bobathathu aba dade. Masikhe siqwalasele udade ngamnye.
Ixhoba
Udade wokuqala wayezibona njengexhoba yena buqu— njengomntu owayesenziwa izinto.1 Kwakubonakala ngathi into nganye emva kwenye yayisenzeka kuye eyayithi imenze ukuba ahlupheke. Ngale ngqwalasela ebomini, yena wayenika abanye ulawulo kwindlela awayeziva ngayo kunye nendlela awayeziphethe ngayo. Xa thina sisenza oku, siqhutywa nangawuphi na umoya wezimvo— kwaye kwezintsuku zobukho obuhlala bukhona beqonga lonxibelelwano loluntu, loo mimoya iyawavuthela amandla esaqhwithela.
Boodade abathandekayo, kutheni kumele unikezele ulonwabo lwakho komnye umntu, okanye kwiqela labantu, elikukhathalela kancinane okanye ngolonwabo lwakho?
Ukuba uzifumana ukhathazekile ngento abanye abantu abayitshoyo ngawe, yanga ndingacebisa eli chiza: khumbula ukuba ungubani na. Khumbulani nina ningabendlu yasebukhosini yobukumkani bukaThixo, iintombi zaBazali Basezulwini, abathi bona balawule kuzwelonke.
Wena une-DNA yomoya kaThixo. Wena uneziphiwo ezahlukileyo oongcambu zazo zikwindalo yakho yomoya kwaye zazithe zaphuhliswa ngelixa wawuphila kubomi obumangalisayo bangaphambili kobu. Ungumntwana kaBawo wethu Osezulwini onenceba yanaphakade, iNkosi yezihlwele, Oyena wathi wadala izwelonke, waze wasasaza iinkwenkwezi ezijikelezayo ezisesibhakabhakeni, kwaye wabeka amanye amazwe kwiindawo zawo ezifanelekileyo.
Wena usezandleni zaKhe.
Izandla ezilunge kakhulu.
Izandla ezithandayo.
Izandla ezikhathalayo.
Kwaye akunanto nabani na ayitshoyo ngawe engakuguqula oko. Amazwi abo awanantsingiselo ngokuthelekiswa kwinto uThixo athe wayitsho ngawe.
Wena ungumntwana waKhe omhle.
Yena uyakuthanda.
Naxa ukhubeka, nkqu na xa ujika kuYe, uThixo uyakuthanda. Ukuba uva ulahlekile, ulahliwe, okanye ulityelwe—ungoyiki. UMelusi Olungileyo uya kukufumana. Yena uya kukuphakamisela emagxeni akhe. Kwaye Yena uya kukuthwalela ekhaya.2
Boodade bam abathandekayo, ncedani nivumele ezi nyaniso zizike nzulu ezintliziyweni zenu. Kwaye uya kufumana okokuba zininzi izizathu zokuba ungakhathazeki, kuba wena unendawo yanaphakade ekufanele uyizalisekise.
UMsindisi Oyintanda wehlabathi wanikela ngobomi baKhe khon’ ukuze nina nikhethe ukukwenza loo ndawo inyaniso. Nilithabathile igama laKhe phezu kwenu; ningabafundi baKhe. Kwaye ngenxa yaKhe, ningazembathisa ngezavatho zobuqaqawuli banaphakade.
Unonzondo
Udade wesibini wayequmbele ihlabathi. Ngokufana nodade wakhe okhathazekileyo, yena wayeziva ukuba iingxaki ebomini bakhe zonke zazibangwa ngabanye abantu. Yena wayegxeka usapho lwakhe, abahlobo bakhe, umphathi wakhe kunye noogxa bakhe emsebenzini, amapolisa, oomakhelwana, iinkokheli zeBandla, iindlela zesinxibo ezihamba phambili zangoku, nkqu namandla wamadangatya elanga lendalo, kunye namashwa acace gca. Kwaye wayenyusana nako konke.
Yena wayengazicingeli njengomntu osileyo. Ngokuchasene noko, yena wayeziva ngathi uyazimela yena buqu. Wonke omnye umntu, yena wayekholwelwa, ukuba wayephenjelelwa kukuzicingela yena buqu, kukuzithanda, kunye nenzondo. Yena, kwesinye isandla, wayephenjelelwa ziinjongo ezintle—ulungiso, intembeko, kunye nothando.
Ngelishwa, umgca wokucinga kadade owayephambana uxhaphake kakhulu. Oku kwaye kwaqatshelwa kwisifundo sakamva nje esathi sajolisa kwingxabano ephakathi kwamaqela aphikisanayo. Njenge nxalenye yesifundo, abaphandi bathi baba nodliwanondlebe namaPalestina kunye namaSirayeli eMbindi Mpuma, kunye namaRepublicans namaDemocrats kwelaseMelika. Bona baye babona okokuba “icala ngalinye laliziva ukuba iqela lalo laliphenjelelwa luthando ukwegqitha inzondo, kodwa xa lalibuzwa ukuba kwakutheni iqela labo elichasene nalo lalibandakanyeka kwimpi, [bona] bavakalisa ngokokuba inzondo njenge sizathu sempembelelo [selinye] iqela.”3
Ngamanye amazwi, iqela ngalinye lazicingela njenga “babhemu abalungileyo” —abalungile, abanobubele, kunye nabanyanisile. Ngokuchasene noko, wona ayebona abachasene nabo njenga “babhemu abagwenxa” —abangenalwazi, abangenanyani, kwaye bengcolile.
Ngonyaka endazalwa ngawo, ihlabathi lalintywilile kwimfazwe eyayimbi eyathi yazisa intlungu eyayigwajisa kunye nosizi olubi elizweni. Le mfazwe yayibangwe sisizwe sam—liqela labantu elathi labona amanye amaqela wabantu athile njengobubi kwaye lakhuthaza inzondo kwamanye amaqela.
Laye lathulisa abo lalingabathandi. Laye labahlaza kwaye labenza babi. Lalibacingela njengoongantweni—nkqu nangaphantsi kobuntu. Xa ujongela phantsi iqela labantu, uya kuthethelela ngakumbi amazwi akho kunye nezenzo zakho zobundlobongela ngokuchasenene kulo.
Ndiba namanwele xa ndicinga ngento eyenzeka kwelaseJamani kwinkulungwane yama 20.
Xa abanye abantu bechasene okanye bengavumelani nathi, siyalingeka ukuba sicinge ukuba kukhona into engalunganga ngabo. Kwaye ukusukela apho linyathelo elincinane ukuqhoboshela iimbono ezimbi kakhulu kumazwi abo okanye kwizenzo zabo.
Eneneni, kufuneka sisoloko simela into elungileyo, kwaye kukhona amaxesha xa kufuneka siphakamisele iinjongo ezinjalo amazwi ethu. Nangona, xa sisenza njalo ngomsindo okanye ngenzondo ezintliziyweni zethu—xa sinyusana nabanye sibonzakalisa, sibahlaza, okanye sibathulisa—kusenokwenzeka ukuba asikwenzi ngobulungisa.
Yintoni uMsindisi awathi wayifundisa?
“Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;
“ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini.”4
Le yindlela yoMsindisi. Linyathelo lokuqala ekwaphuleni izithintelo ezithi zidale umsindo omngaka, inzondo, ukwahlukana, kunye nobundlobongela emhlabeni.
“Ewe,” ubungatsho, “Bendingalangazelela ukuthanda iintshaba zam—ukuba nazo bezinqwenela ukwenja njalo.”
Kodwa oko akutsho nto ngenene, ingaba kunjalo? Sinoxanduva lobufundi bethu, kwaye bunento encinane—ukuba kunento—yokwenza nendlela abanye abasiphatha ngayo. Ngokucacileyo siyathemba okokuba baya kuqonda kwaye babenothando lokwenene ekubuyezweni, kodwa uthando lwethu kubo aluxhomekekanga kwizimvo zabo kuthi.
Mhlawumbi inzame yethu yokuthanda iintshaba zethu iya kuthambisa iintliziyo zazo kwaye ziziphembelele kokulungileyo. Mhlawumbi ayino kwenzakala. Kodwa oko akuguquli ukuzinikezela kwethu ekulandeleni uYesu Krestu.
Ngoko ke, njenga malungu eBandla likaYesu Krestu, siya kuzithanda iintshaba zethu.
Siya kuwoyisa umsindo okanye intiyo.
Siya kuzalisa iintliziyo zethu ngothando kubo bonke abantwana bakaThixo.
Siya kufikelela ekusikeleleni abanye kwaye sibalungiselele—nkqu nabo “bangasigxeka [thina] kwaye basitshutshise [thina].”5
Umfundi Woqobo
Udade wesithathu umela umfundi woqobo kaYesu Krestu. Yena wenza into engathi ibenzima ukuyenza: yena wayethemba uThixo nkqu nasebusweni bentlekisa kunye nobunzima. Nakanjani yena waye walondla ukholo lwakhe kunye nethemba, nangona isigxeko kunye nokugeza kumngqongile. Yena wayephila ngovuyo hayi kuba iimeko zakhe zazivuyisa kodwa kuba yena wayevuyile.
Akukho namnye kuthi ophumelelayo kuhambo lobomi engachaswanga. Ngeemimoya emininzi kangaka ezama ukusitsalela kude, ingaba siwugcina kanjani umbono wethu uthe ngqo kulonwabo oluzukileyo oluthenjiswe kwabanyanisekileyo?
Ndiyakholwa impendulo ingafumaneka ephupheni umprofethi owathi wabanalo eminyakeni engamawaka-waka eyagqithayo. Igama lomprofethi nguLihayi, kwaye iphupha lakhe libhalwe kwiNcwadi kaMormoni entle kwaye emangalisayo.
Kwiphupha lakhe, uLihayi wabona ithafa eliphangaleleyo, kwaye wabona nomthi omangalisayo kulo, omhle ngaphezulu kwenkcazo. Yena wayebona futhi amaqela amakhulu wabantu esingise emthini. Ayefuna ukungcamla isiqhamo sawo esizukileyo. Wona ayeva kwaye ayethemba okokuba wawuya kuwanika ulonwabo olukhulu kunye noxolo olungapheliyo.
Kwakukhona umgaqo owawumxinwa owawukhokelela emthini, kwaye ecaleni kwakunentonga yesinyithi eyayibanceda ukuba bahlale emgaqweni. Kodwa kwakukhona nenkungu yobumnyama eyayiphazamisa umbono wabo wendlela kunye nomthi. Kwaye mhlawumbi nkqu okwakuyingozi kakhulu yayisisandi sokuhleka okukhulu kunye nokugculelwa okwakuphuma kwisakhiwo esikhulu esiphangaleleyo esasikude kufuphi. Okwethusayo, nkqu nentlekisa yaye yoyisela abanye abantu ababethe bafikelela emthini kwaye babengcamle isiqhamo esimangalisayo ekuqaleni ukuziva beneentloni kwaye balahleka.6
Mhlawumbi baye baqala ukuthandabuza ukuba umthi wayemhle ngenene njengoko babecinge ngakhona kuqala. Mhlawumbi baye baqalisa ukubuza inyaniso yento ababethe bayiva.
Mhlawumbi babecinga ukuba babejikile endleleni eya emthini, ubomi babuya kubalula. Mhlawumbi babengena kugculelwa okanye bahlekwe.
Kwaye eneneni, abantu abebebahleka babebonakala ngathi ngabantu ababonwabile kwaye benexesha elimnandi. Ngoko ke mhlawumbi ukuba babeyekele umthi, babeya kukwamkelwa kwibandla lesakhiwo esikhulu esiphangaleleyo kwaye banconyelwe isigwebo sabo, intlakanipho yabo, kunye nokuntsokotheka kwabo.
Hlala emgaqweni
Boodade abathandekayo, bahlobo abathandekayo, ukuba ufumana kunzima ukubambelela kwintonga yesinyithi kunye nokufuzela phambili ngenzondelelo entsindisweni; ukuba intlekisa kunye nokugculelwa kwabanye ababebonakala beqinisekile kungakubangela ukuba unkwantye; ukuba ukhathazwa yimibuzo engaphendulwayo okanye iimfundiso ongekaziqondi; ukuba uziva udaniswa ngenxa yeempoxeko, ndiyakubongoza ukuba ukhumbule iphupha likaLihayi.
Hlala emgaqweni!
Ungaze uyekele intonga yesinyithi—ilizwi likaThixo!
Kwaye xa nabani na ezama ukwenza ubeneentloni ngokuthabatha inxaxheba yothando lukaThixo, ungabahoyi.
Ungaze ulibale ukuba ungumntwana kaThixo; iintsikelelo eziyindyebo zigciniwe; ukuba ungafunda ukukwenza intando yaKhe, uya kuphila naYe kwakhona!7
Izithembiso zendumiso nolwamkelo lwehlabathi azithembakali,azinyanisekanga, kwaye azonelisi. Izithembiso zikaThixo siqinisekile, zinyanisekile, kwaye ziyavuyisa—ngoku nangonaphakade.
Ndiyakumema ukuba ucingisise ngenkolo nangokholo ngokwembono ephakamileyo. Akukho nto enikezwayo kwisakhiwo esikhulu nesiphangaleleyo engathelekiswa nesiqhamo sokuphila ivangeli kaYesu Krestu.
Eneneni, “izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.”8
Ndiye ndazifundela okokuba indlela yobufundi kwivangeli kaYesu Krestu yindlela eya eluvuyweni. Yona iyindlela eya elukhuselweni naseluxolweni. Yindlela eya enyanisweni.
Ndiyangqina ngesipho kunye nangamandla oMoya oyiNgcwele, nawe buqu ungazifundela oku.
Okwangoku, ukuba indlela inzima kuwe, ndiyathemba ukuba uya kufumana ikhusi kunye namandla kwimibutho yethu yeBandla emangazayo: Isikolo Sangecawe Sabantwana, Amantombazana Amancinane, kunye Nombutho Wamanina. Yona ifana nemikhomba-ndlela emgaqweni, apho ungavuselela ukuzithemba kwakho kunye nokholo lwakho uvuselelela uhambo olungaphambili. Yona ilikhaya lokhuselo, apho ungaziva ungowakhona kwaye ufumane inkuthazo ephuma koodade bakho kunye noogxa bakho babafundi.
Izinto ozifunda kwiSikolo Sangecawe Sabantwana zikulungiselela iinyaniso ezongezelelweyo ozifundayo njenge ntombazana encinane. Indlela yobufundi oyihambayo kwiklasi yakho yaMantombazana Amancinane ikukhokelela kubudlelwane kunye nobudade boMbutho Wamanina. Nganyathelo ngalinye endleleni, unikezwa amathuba ongezelelweyo wokubonakalisa uthando lwakho kwabanye ngezenzo zokholo, zemfesane, zothando lokwenene, zobunyulu, kunye nezenkonzo.
Ekukhetheni le ndlela yobufundi kuya kukhokelela kulonwabo olungathethekiyo kunye nenzalisekiso yendalo yakho yobuthixo.
Akuyi kubalula. Kuya kudinga ubundoqo obukhulu onabo—ingqiqo yakho yonke, nobuchule, nokholo, nemfezeko, namandla, nokuzimisela, kunye nothando. Kodwa ngenye imini uya kujonga ngasemva kwiinzame zakho,kwaye kwowu, uya kubanombulelo wokuba uye wahlala womelele, wokuba uye wakholelwa, kwaye wokuba awuzange unduluke endleleni.
Qhubela Phambili
Kungaba nezinto ezininzi ngobomi ezingaba ngaphaya kolawulo lwakho. Kodwa ekugqibeleni, wena unamandla wokukhetha indawo yakho kunye namava akho amaninzi endleleni. Akukho ngokwazi kwakho kodwa kungokhetho lwakho olo lwenza umehluko ebomini.9
Awunakuvumela iimeko ukuba zikukhathaze.
Awunakuzivumela ukuba zikuphambanise.
Ungavuyela okokuba uyintombi kaThixo. Ungafumana uvuyo kunye nolonwabo elufefeni lukaThixo kunye naseluthandweni lukaYesu Krestu.
Ungavuya.
Ndiyanibongoza ukuba nizalise iintliziyo zenu ngombulelo ngentabalala yobulungisa obungenamda bukaThixo. Boodade bam abathandekayo, ningakwenza oku! Ndiyathandaza ngothando lonke lomphefumlo wam okokuba niya kulwenza ukhetho lokucinezela ngasemthini wobomi. Ndiyathandaza okokuba niya kukhetha ukuphakamisa ilizwi lenu kwaye nenze ubomi benu bubengumculo ozukileyo wendumiso, nivuye kwinto uthando lukaThixo, kwimimangaliso yeBandla laKhe, kunye nakwivangeli kaYesu Krestu engayizisa emhlabeni.
Ingoma yobufundi benene ingavakala iyiloza okanye iphezulu kancinane kwabanye. Ukusukela ekuqalekeni kwexesha, oku kwakusoloko kunjalo.
Kodwa kuBawo wethu Osezulwini kunye nakwabo bamthandayo kwaye bamzukisayo Yena, yona iyingoma emnandi kwaye nentle—ingoma egqithisileyo nengcwalisayo yothando lentlawulelo kunye nenkonzo kuThixo kunye noogxa benu.10
Ndinishiya nentsikelelo yam njengoMpostile weNkosi okokuba niya kuwafumana amandla kunye nenkuthazo yokuphumelela ngovuyo njengentombi kaThixo logama nihamba ngovuyo imini nganye kwindlela ezukileyo yobufundi. Egameni elingcwele likaYesu Krestu,amen.
© 2017 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo SesiNgesi: 6/17. Isivumelo Senguqulelo: 6/17. Inguqulelo yoMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, eyeNkanga 2017.Xhosa. 97931 774