UMyalezo woBuMongameli bokuQala, kweyoMthupha 2014
Sebenzela iNkosi ngoThando

INkosi uYesu Krestu yafundisa, “Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo: ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo” (Luka 9:24).
“Ndiyakholwa,” watsho uMongameli Thomas S. Monson, “iNkosi iyasixelela ukuba xa siziphosela sisebenzela abanye, kubakho injongo encinane kobethu ubomi. Abo bangohlohl’ esabo qha ekugqibeleni baye bahlupheke kwaye ngokomzekeliso baphulukana nobomi babo, xeshikweni abo baziphosela emsebenzini wabanye bayakhula kwaye baqhame isiphumo sibe kukusindisa ubomi babo”.1
Kwezi zicatshulwa zilandelayo zentshumayelo kaMongameli Monson, ukhumbuza AbaNgcwele beMihla yokuGqibela ukuba bazizandla zeNkosi kwaye neentsikelelo zangonaphakade zilindele abo basebenzela abanye ngokunyanisekileyo.
Inkonzo yaseTempileni
Inkonzo enkulu inikelwa xa sisenzela abanye abangasekhoyo kweli lamagad’ ahlabayo. Emaxesheni amaninzi asibazi nokubazi abo sibenzela lo msebenzi. Asilindelanga kubulelwa, okanye asinasiqinisekiso sokuba bayakuyamkela le misebenzi sibapha yona. Kodwa, siyasebenza, kwaye kunjalo nje sifumana lo nto engakwaziyo ukuza ngomnye umzamo: ngenene sibangabasindisi kwiNtaba yaseZiyoni. Njengokuba uMsindisi wethu wanikela ngobomi Bakhe kuthi njenge dini, nathi ke, ngembonakaliso encinci, senza into efanayo xa simela abanye kumsebenzi wasetempileni abo bangenazo iinzame zokuqhubekela phambili ngaphandle kokuba benzelwe into ngabanye bethu abasese mhlabeni.2
Sizizandla zeNkosi
Bazalwane noodade, sirhangqwe ngabaswele ukuhoywa sithi, inkuthazo yethu, inkxaso yethu, intuthuzelo yethu, ububele bethu—, nokuba ngamalungu osapha lwethu, abahlobo, esibaqhelileyo okanye esingabaqhelanga. Thina sizizandla zeNkosi apha kulo mhlaba, ngomyalelo wokusebenzela kunye nowokuphakamisa abantwana Bakhe. Ixhomekeke komnye nomnye wethu. …
Leyo nkonzo esibizelwe kuyo yinkonzo kaYesu Krestu iNkosi.3
Ukusebenzela esithunzini soMsindisi
KwiLizwe Elitsha, iNkosi evukileyo yathi: “Niyazazi izinto ekufuneka nizenze ebandleni lam; kuba imisebenzi enindibone ndiyenza leyo kananjalo niyakuyenza; kuba oko nindibone ndikwenza kwanako oko niya kukwenza [3 Nifayi 27:21].
Sisikelela abanye xa sisebenza sikhonza kwisithunzi sikaYesu waseNazarethe … owayezula – zula esenza okulungileyo. [Izenzo 10:38]. UThixo asisikelele sifumane uyolo ekukhonzeni uBawo wethu waseZulwini xa sibaluncedo kubantwana Bakhe abasemhlabeni.”4
Isidingo sokunceda
Sidinga ukunikezwa ithuba lokunceda. Kulo malungu akhe akreqa eluhambeni okanye abarhoxisa unyawo lwabo kwaye bacwezele ecaleni, singathandazela ndlela ithile yokukwazi ukufikelela nakubo. Ngokubacela ukuba bancedise ngokusemandleni wabo kungaba yeyona nto bayidingayo ukubuyela enkolweni. Kodwa ezo nkokheli ezingakwazi ukunceda ngale ndlela ngamanye amaxesha ziyathandabuza ukwenza njalo. Kufanele siyifake engqondweni ukuba abantu bangatshintsha. Bangayishiya ngasemva imikhuba emibi. Bangaguquka ezonweni. Bangaphatha ububingeleli ngokufanelekileyo. Kwaye bangakhonza iNkosi ngokunyanisekileyo.5
Ingaba Senza Konke Ekufanele Sikwenzile?
Ilizwe liswele uncedo lwethu. Ingaba senza konke ekufanele Sikwenzile? Ingaba siyawakhumbula amazwi kaMongameli John Taylor: “Ukuba anulwandisi ubizo lwenu, uThixo uyakuyifuna kuni impendulo ngomsebenzi oluluxanduva lwenu ngabo ngenibasindisile xa beniwenzile umsebenzi wenu.”? [Iimfundiso zaBongameli beCawa: John Taylor (2001), 164]. Kukho iinyawo eziswele ukomelezwa, izandla emazibanjwe, iingqondo emazikhuthazwe, iintliziyo emazivuselelwe, kunye nemiphefumlo emayisindiswe. Iintsikelelo zangonaphakade zikulindele. Okwakho lithuba eliyintsikelelo kuwe ukuba ungabi ngumbukeli kodwa ubengu mthathi-nxaxheba kwiqonga … lenkonzo yokunikela.6
© 2014 by Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eMerikaUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/13. Isivumelo Sokutolika: 6/13. Itoliko yo First Presidency Message, February 2014. Xhosaa. 10862 774
Ukufundisa ngaloMyalezo
“Ukuba unothando lobuKrestu, uzakuzilungiselela ngcono ukufundisa ivangeli. Uyakuphenjelelwa ukuba uncede abanye bazi uMsindisi kwaye baMlandele.”7 Cinga ukuthandazela ubenothando lwenene olwandileyo kwabo ubandwendwelayo. Njengokuba ukhula uthando lobuKrestu kubanye abantu, uyakuba kweyona ndawo engcono yokunceda ngendlela emangalisayo kubanye abantu obafundisayo naseNkosini.