UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya
Umsebenzi Ongcwele kaYesu Krestu: uMdali
Thandaza njengoba ufunda lombhalo kwaye, njengokufanelekile, thetha ngawo nodade obandwendwelayo.Usebenzise imibuzo ukunceda ukomeleza odade bakho kwaye wenze Ummbutho woMama usebenze ngenkuthalo ebomini bakho. Xa ufuna ulwazi olongezelekileyo, iya kwii reliefsociety.lds.org
uYesu Krestu “wadala izulu nomhlaba” (3 Nefi 9:15). Wakwenza ngamandla obubingeleli, ngaphantsi kwemvume kaTata waseMazulwini (bona Moses 1:33).
“Kufuneka sibe nombulelo kangakanani kuMdali onobulumko owasilungiselela umhlaba ukuba sihlale kuwo,” kwatsho uMongameli uThomas S. Monson, “… ukuba sizobhekana nexesha lokulingeka, nethuba lokuzibonakalisa ukuba sifaneleke ukuthola oko uThixo asibekele kona ukuba sikuthole.”1Xa sikhetha ukusebenzisa amandla ethu okukhetha ukuthobela imithetho kaThixo kwaye siguquka, siyakulungela ukuyohlala Naye kwakhona.
Ngokudala, uMongameli uDieter F. Uchtdorf, iSekela LesiBini lesimongameli SokuQala, wathi:
“Yithi isizathu sokuba adale umkhathi! …
Oku ngumnqa womntu: xa ethelekiswa noThixo, umntu akayonto; kodwa; siyinto yonke kuThixo.2 Ukwazi ukuba uYesu Krestu usidalele umhlaba ngoba siyiyo yonke into kuTata wethu wasemaZulwini kusinceda sikhulise uthando lwethu Kubo.
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Yohane 1:3; AmaHebhere 1:1-2; Mozaya 3:8; Mozisi 1:30-33, 35-39; Abraham 3:24-25
Kuphuma Embalini Yethu
Sidalwe emfanekisweni kaThixo (bona Mozisi 2:26–27), kwaye sinamandla afaniswa nawasezulwini. Umphrofethi uJoseph Smith wacebisa odade be Ntlanganiso Yomama ukuba “baphile kwizinga [labo] lokuhlonipheka.”3 Ngoko kukhuthazana njengesiseko, oodade baseCaweni likaYesu Krestu nabaNgcwele bemini yokugqibela bafindiswa ukuba kufuneka baphile kwizinga lesiqu sabo esivela ezulwini ukufezekisa intloso kaThixo ngabo. “Njengoko beqonda ukuba bangobani na—amantombazane kaThixo, namandla wokukwazi ukuthanda nokunakekela—bafinyelela emandleni abo wokuba ngabafazi abangcwele.”4
“Ubekwe kwimeko apho ungakwazi ukwenza ngendlela yalobobubele obufakwe nguThixo ngaphakathi kwakho,” “Xa uyilandela lemigaqo bungakanani ubukhulu kanye nenkazimlo!… Ukuba niphilela ukufezekisa amathuba azizipho zenu, iingelosi azisayi kunqandwa ukuba zisebenzisane nani.”5
© 2013 Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agcininwe. Kuhumushwe eUSA. Isivumelwano sesiNgesi : 6/13. Isivumelwano sokuHumushwa : 6/13. Inguqulelo yo Visiting Teaching Message, October 2013. Xhosa. 10670 774