“URute noNahomi,” Umhlobo, EyoMsintsi. 2026, 46–48.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoMsintsi 2026
URute noNahomi
Usapho lukaNahomi lwaluhlala kwaYuda Babengenakutya kwaneleyo ngenxa yendlala, ngoko bafudukela kwaMowabhi.
KwaMowabhi, umyeni kaNahomi wafa baza oonyana bakhe batshata nabafazi abangoo-Orpa noRute Baye bakhathalela uNahomi kangangeminyaka eli-10. Emva koko abayeni baka-Orpa noRute baye basweleka. Ngoku abafazi babesele bebodwa.
U-Orpa wabuyela kokwabo. Kodwa uRute wayefuna ukuhlala kwaye anakekele uNahomi. URute noNahomi baye beva ukuba ilizwe lakwaYuda lalinezityalo kwakhona, ngoko ke baya khona apho.
Bafika ngexesha lokuvuna. Isihlobo sikaNahomi, esigama linguBhohazi sasinamasimi kwaYuda. Waye wavumela uRute ukuba athathe iintsalela zeenkozo ukuze atye. Yayingumsebenzi onzima lowo.
UBhohazi wayemhlonipha uRute ngenxa yokuba wayesebenza kanzima kwakunye nangenxa yokuba wayenyanisekile kuNahomi naseNkosini.
URute wagqiba kwelokuba acele uBhohazi ukuba amtshate. UBhohazi wayesazi ukuba uRute wayengumfazi oziphethe kakuhle nonyanisekileyo. Wavuma.
URute noBhohazi batshata baza baba nomntwana oyinkwenkwe. Emva kweminyaka emininzi, uYesu Krestu waye wazalwa kumnombo wolusapho.
Iphepha lokufakela Imibala
Ngenxa kaYesu Krestu, Ndiyakwazi Ukuguquka kwaye Ndicoceke.
Imifanekiso ngu-Audrey Day. Ingakopishwa ukuze isetyenziswe liBandla kuphela.
Yintoni ekuncedayo ukuba ukhumbule ukwenza ukhetho olufanelekileyo?
© 2026 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, September 2026. Xhosa. 20073 774