Wonke ubani wamkelekile. Ndwendwela ibandla elikufutshane kuwe.
Imibuzo eQhelekileyo
Ingaba amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela angamaKrestu?
Ewe! Njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sikholelwa kukuba uYesu Krestu unguNyana kaThixo kunye noMsindisi weHlabathi. Usithanda sonke ngaphezu kokuba sinokucinga. Sizicingela njengabalandeli abazinikeleyo bakaYesu. Ngelixa ezinye zeenkolelo zethu zahlukile, sikholelwa ukuba ngobomi baKhe, ulungiselelo, idini, kunye novuko ekufeni, uYesu Krestu usisindisa esonweni, ekubandazelekeni, nasekufeni.
Funda ngakumbi ngezethu iinkolelo.
Zinjani iinkonzo zeBandla?
Amaxesha enkonzo yecawa ayahluka ngokwamabandla. Nangona kunjalo, unokuhlala uthembele kwinkonzo yonqulo ephambili yomntu wonke, ilandelwa ziiklasi zabantwana, ezolutsha, kunye nezabantu abadala.
Inkonzo yomntu wonke ibizwa ngokuba “yintlanganiso yoMthendeleko.” Le ntlanganiso iquka iingoma, imithandazo, neentshumayelo (okanye “iintetho”) ezinikezelwa ngamalungu ahlukeneyo ebandla iveki nganye. Kodwa eyona nxalenye ibalulekileyo yentlanganiso kuxa sithatha isakramente (efanayo nomthendeleko) ukukhumbula uMsindisi.
Funda ngakumbi malunga neenkonzo zangeCawa okanye fumana ibandla elikufuphi kuwe.
Kutheni IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela lineetempile?
KubaNgcwele beMihla yokuGqibela itempile yahlukile kwezinye izakhiwo zeBandla. ITempile yindawo apho abaNgcwele beMihla yokuGqibela bafumana umyalelo okhethekileyo ngoThixo nangoYesu Krestu. ETempileni, amalungu enza iminqophiso yanaphakade (okanye izithembiso) noThixo. Oku kubandakanya izithembiso zokugcina imithetho, ukuphila ivangeli kaYesu Krestu, ukuthembeka emtshatweni, kunye nokuncedana ngokunonophelana omnye nomnye ngokwabelana ngoko banakho.
Kwaye ngenxa yokuba sikholelwa ukuba intsapho zingonaphakade, uninzi lomsebenzi owenziwa ngaphakathi etempileni wenzelwa ukomeleza ngakumbi amaqhina osapho. Imitshato etempileni yenzelwa ukuhlala ngonaphakade, hayi ukuba “nide nahlukaniswe kukufa.” Abazali nabantwana babalusapho lwanaphakade etempileni. Izinyanya nazo zingafumana iintsikelelo zetempile ukuba ukhona obeenzele imimiselo engcwele endaweni yabo kwaye basamkele eso senzo senkonzo. IiTempile zindawo ezixakekileyo!
Yintoni iNcwadi kaMormoni?
Incwadi kaMormoni yincwadi yesibhalo esiphefumlelweyo esisifundisa ngoThixo noYesu Krestu. Isinceda ukuba sifumane umkhomba-ndlela ngoobomi bethu kwaye ingasinceda sizive sisondele kuYesu Krestu. Lisukaphi eli gama? Kumakhulu eminyaka adlulileyo, umprofeti wamandulo ogama linguMormoni waqulunqa ingxelo yabantu bakhe. Babejongene nemiceli-mngeni emininzi efanayo nale sijongene nayo. Kwaye nqo njengathi, bafumana amandla ngethuba beguqukela kuYesu Krestu. Fumana intshayelelo yeNcwadi kaMormoni kubafundisi bevangeli.
Incwadi kaMormoni ima ecaleni kweBhayibhile njengenye itestamente kaYesu Krestu nomsebenzi waKhe wobuthixo njengoMsindisi noMkhululi welizwe lonke. Zikunye, iBhayibhile neNcwadi kaMormoni zisinika ingqiqo engakumbi ngothando olukhulu lukaThixo kuthi sonke kwaye zingasinceda sisondele kuYe.
Funda ngakumbi ngendlela iBhayibhile neNcwadi kaMormoni ezibenzisana kunye ngayo.
Ingaba siyakholelwa kwiBhayibhile?
Ewe. IBhayibhile ililizwi likaThixo, umqulu ongcwele wezibhalo, kwaye ukulandela iimfundiso zayo kuzisa ulonwabo ebomini bethu. Ndawonye neBhayibhile, sikwafumana impembelelo kwezinye iincwadi zezibhalo ezikhethekileyo kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Zonke zisebenza kunye ukuze zisifundise iinyaniso ezibalulekileyo ngoThixo noYesu Krestu.
Funda ngakumbi malunga nenkolelo yethu kwiBhayibhile.
Sondela Kufutshane noThixo. Dibana nabefundisi bevangeli.
Dibana kwi-intanethi okanye ubuso-ngobuso. Siza kuphendula imibuzo yakho kwaye sikwazise kuluntu lweBandla lakho lasekuhlaleni.
Uluntu Lokholo oluGxile kuYesu Krestu
Fumana iindaba zamva nje eBandleni.
Izinto ezintle ziyenzeka ehlabathini lonke. Fumana uhlaziyo lwangoku ngeeprojekthi zeBandla, imisitho, iinzame zokunceda kwintlekele, nokungakumbi.